Inganqumama imvula ngoLwesine

IZANUSE zemozulu kweli loMzantsi Afrika zithi kulindeleke ukuba inqumame imvula, ingqele, ikhephu nomoya obhudla ngamandla othe wagaleleka kwiindawo eziliqela zeli lizwe ukusukela ngoLwesibini wale veki. 


Le ngxelo ithi nangona imvula iza kunqumama kusalindeleke ukuba kubekho ingqele eqhaqhazelisa amazinyo kwezo ndawo zifumene ikhephu. 


IMpuma Koloni, Freyistata, Mpumalanga, KZN ngawona maphondo kulindeleke ukuba achaphazeleke ngamandla kwezi ngqele.


Imvula ena ngamandla igalele kakhulu ngomsinga ubuvela ngakulwandle lwaseKZN ukungena kwiMpuma Koloni, nangona zingekabikho iingxelo zentlekele. Amagosa entlekele koomasipala beli leMpuma Koloni bathi bakulungele ukujongana neemeko ezimbi ezinokuvela.


Ingxelo yamagosa emozulu kweli leMpuma Koloni ithi ingingqi yase Port Alfred ifumene imvula emandla ukusukela ngoLwesibini.

 

Othethe egameni lezanuse eMpuma Koloni uGarth Simpson uthethe wathi. 


“IPort Alfred nengingqi ezikufutshane nesikhululo seenqwelo-moya saseBhayi zifumene umyinge wemvula engaphezu kwamashumi amathandathu eepesenti ekhulwini ukusukela ngoLwesibini kwade kwakusasa ngoLwesithathu,”uthethe watsho uSampson. 


Isithethi somasipala wesithili saseChris Hani uThobeka Mqamelo, uthi iinkonzo zabo zemeko zikaxakeka zilindele nantoni enokuvela ngenxa yoku. 


”Silindele nantoni enokuvela, kodwa okwa ngoku akukho monakalo ungako wenzekileyo kumasipala wethu emva kwalemvula, asikwazi ke nokuqikelela umyinge wamanzi kumadama aphambili, kodwa yona igalele ngamandla kubusuku obugqithileyo,”uthethe watsho uMqamelo.

 

AbakwaSouth African Weather Service bathi bazakubekwa esweni yonke imeko nanjengoko inokutshintsha nanini imoyezulu.