Ingaphazamiseka imveliso yeMacademia kuGatyana

Abahlali belali yakuDumalisile kuGatyana kwintlanganiso ebimalunga nezityholo ezibekwa kuNkosi Sibongile Ngwenyathi Dumalisile

Kukhula ukungaboni ngasonye phakathi kwekoMkhulu laMajingqi kuDumalisile kuGatyana, kunye neqela labahlali bala ndawo abakhalela ukusetyenziswa komhlaba wabo ngaphandle kwemvume yabo.

Ikomkhulu laMajingqi liqale inkqubo yokulima indongamane leMacademia kumhlaba ozihektare ezikumakhulu amathathu, nalapho kuqeshwe abantu abalikhulu neshumi elinethoba usukela ngenyanga yoMsintsi walo nyaka.

Ingxaki ivela emva kokuba iqela labahlali lityhola inkosi yesisizwe uSibongile Ngwenyathi Dumalisile ngokusebenzisa umhlaba wabo ngaphandle kwemvume yabo, baza bafaka isimangalo enkundleni.

Omnye wabanikazi bomhlaba uMxhasi Sithetho uthi wathathelwa intsimi yakhe yasetyenziswa ngaphandle kwemvume yakhe.

“Ngonyaka ka-2012 bekulinywe umbona omninzi kakhulu, asikayazi ukuba wavunwa wathiwani, asizange sifumane nengxelo yokuba amasimi enza ingeniso enjani, yilo nto ebangela ukuba sichase le nkqubo,” utsho Sithetho.

Ukanti uNkosi uDumalisile kwelakhe icala uthi uthethile nabantu phambi kokuba aqalise lo msebenzi. “La ngamasimi ebelele engasebenzi iminyaka engaphezu kwamashumi amathathu saza sabiza indibano sathetha nabantu ngale nkqubo yokulima iMacademia ngoku,” utshilo uDumalisile.

USithetho uthi le Nkosi zange iqale ngexesha kwakulinywe umbona ukungabaxeleli abahlali ngesivuno samasimi abo.

“Emva kokuba elime umbona akasixelela, siphinde savana ukuba kulinywe iimbotyi, nalapho akazange asixelele ukuba amasimi ootata afumene isivuno esingakanani, asizange siyibone nesenti yeso sivuno, yilo nto ngoku singavumiyo nalamasimi,” ucacise watsho uSithetho.

Inkqubo yokutyala iMacademia yafumana inkxaso yezigidi ezingamashumi amane anesibini seerandi (R42 Million) eyayisuka kwisebe lorhwebo noshishino kuzwelonke. Simbuza ngendlela ehamba ngayo ingeniso yalo msebenzi wokulima kule lali uNkosi Dumalisile ucacise wenjenjwe:

“Okwangoku siqalayo akukho mzi ufumana mali koko imali ijongene neenkqubo zophuhliso zalapha elalini, asikafiki kwinqanaba lokuba imali iye ebantwini beziziqu,” utshilo uDumalisile.

Abahlali abakhalazela ukulinywa kwamasimi bafake isikhalazo enkundleni. USithetho uthi bafuna isigunyaziso senkundla ukuze kumiswe le nkqubo yokulinywa kweMacademia kumasimi abo.

“Ngomhla wokuqala kule nyanga yeNkanga akakhange aye enkundleni sizakunikwa ithuba lokuba sixoxe kwinkundla yamatyala amancinci, besixhaswe ngabantu abakhalela amasimi abo abaphaya kumashumi asibhozo. Umphathiswa wesebe lezolimo, ukuloba, namahlathi uSenzeni Zokwani wavula ngokusesikweni eli phulo kweyoMsintsi kwakulo nyaka. Omnye wabahlali uZiphethe Ngothoza uthi bubuxoki ingxelo yokuba abanalwazi ngokusetyensiwa kwamasimi abo.

“Sithethe ngeendlela zokuphuhlisa intlalo yethu saveza izimvo ezininzi, iMacademia sivumelene ngayo emva kokuba sityelele indawo etyala iMacademia eNcera,” uzityande igila watsho uNgothoza.