yethu yenye yeeyunivesithi ezinkqenkqeza phambili kweli lizwe kodwa thina
sibhatalwa eyona
yakhe yancinci,” eli lilizwi elikhutshwe ngabasebenzi beYunivesithi iRhodes
ngelixa beqhankqalazela ukwenyuselwa imivuzo izolo [25 kuTshazimpuzi ].
yabasebenzi kule yunivesithi, iNational Education Health & Allied Worker’s
Union (NEHAWU) neNational Tertiary Education Union (NTEU) inikezele ngoxwebhu
lwezikhalazo kumncedisi wesekela-ngqonyela weYunivesithi iRhodes, uPeter
Clayton ngo-11 ekuseni. Izinyanzeliso zabasebenzi eziqulathwe kolu xwebhu,
nekulindeleke ukuba ziphendulwe kwezi ntsuku zisixhenxe zizayo, ziquka
ukonyuselwa kwemivuzo yabo bonke abasebenzi ngo-7.5%, ukusekwa kwamaqumrhu
azokujongana nophuhliso lwezakhono zabasebenzi, ukunikezwa kwenkxaso-mali
yokufunda engu-100% kubasebenzi abanqwenela ukufunda kweli ziko kwakunye
nabantwana babo, nokunqunyanyiswa kuka-Iain L’Ange oyiExecutive Director –
Infrastructure, Finance & Operations Division kweli ziko.
ithi abasebenzi baseRhodes bacinezelekile nangona kungabo abaqinisekisa ukuba
eli ziko lihlala licocekile yaye lisebenza ngendlela eyiyo. Lo mbutho uthi
iziphatha-mandla zeYunivesithi iRhodes kufuneka zilithathele ingqalelo igalelo
nokuzinikezela kwabasebenzi kweli ziko.
zangaphambili phakathi kweYunivesithi iRhodes nemibutho yabasebenzi, eli ziko
likhankanye ukuba alinamali yaye lilungele ukuwunyusa ngo-5% kuphela umvuzo
wabasebenzi. Abasebenzi abayamkelanga kwaphela loo nto besithi amaxabiso
okutya, intlawulo yokufunda nezinye izinto zonyukile yaye kufuneka nemivuzo
yabo yonyuswe ukuze bakwazi ukuziphilisa. Bathi iyunivesithi mayivele namacebo
okufumana inkxaso-mali ukuze isimo sayo sezimali sibuyele kwisiqhelo.
bakwathi igama leli ziko-mfundo
litshintshwe. Umbutho wabafundi iSouth African Students’ Congress (SASCO) ubonakalise
inkxaso yawo kubasebenzi.
Obemele
iSASCO kolu qhankqalazo, uEnkosi Ntwana, uqinisekise aba basebenzi ukuba iSASCO
iza kubaxhasa de iimfuno zabo zifezekiswe.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo