Wenze imbali umbutho kaKhongolose kumasipala waseNgcobo ngokonyula usodolophu wokuqala ongowasetyhini kula masipala uLizeka Tyali. Oku kulandela iziphumo zolonyulo ebelijongwe ngamehlo abomvu, nelibonakalise ukubaisatshontsha entla iANC kulomasipala.
Lombutho uziphumelele zonke iiWadi zalo masipala ezingamashumi amabini. Kwizihlalo ezingamashumi amathathu anethoba ezikwibhunga lalo masipala iANC inezihlalo ezingamashumi amathathu anesithathu. Izihlalo ezintandathu zamaqela aphikisayo zifunyenwe yiEFF, ezibini kuzo, ezibini zafunyanwa yiUDM, yaze iAIC neDA zafumana isihlalo umbutho ngamnye kuzo.
UTyali uphehlelelwe njengo sodolophu ngoLwesine wale veki kumsitho obuqhutywa ngumantyi uVathiswa Mkhumbuzi. Eli bhunga likwa nosomlomo omtsha uSiphokazi Nkele, obefudula ekwicandelo lezemali. USkhosana Mbolo uphinde watyunjwa njengo mbhexeshi walo masipala.
Kwintetho yakhe ayenze emva kokubekwa njengosodolophu, uTyali uncome elinyathelo ngelithi yimbali entle, neyenzeka ngenyanga yamanina. Uqhube wathi, wotholulela umqwazi oosodolophu abathe baxhuzula imikhala phambi kwakhe ngokubeka iNgcobo kule ndawo ekuyo ngoku. UTyali uthembise ngelithi uzakuqhubeka nomsebenzi omhle phezu kwalowo wenziwe ngabo bangaphambi kwakhe. ”Ngoku ndithatha
uxanduva lokulwa nemicelimngeni emithathu intlupheko, ukunqaba kwemisebenzi kwakunye nokungalingani kwabantu.
Ndizakuqinisekisa ukuba amaphulo okuphuhlisa
ulutsha afana neebhasari zokufunda kunye neeprojekthi afumana inkxaso kwaye oku
kuzokwenzeka ngentsebenziswano phakathi kwethu sonke” utshilo uTyali.
Uvale
ngelithi akukho mfuneko yokuba zitshintshwe izinto ezisebenzelayo uluntu, kodwa zingaphuculwa. Uthe oyena ndoqo kukuba bezinkokeli benze oko bakuthunyiweyo ngabahlali abaphantsi komasipala waseNgcobo. Uvakalisa ithemba elingaqungqiyo kumanejala walo masipala
uSilumko Mahlasela.
Makadedele abanye uMalema kwiEFF