INgcobo kwiinzame zokulwa nesifo sikagawulayo

Ibhunga elijongene nokulwa nesifo sikagawulayo nentsholongwane yakhe kwidolophu yaseNgcobo iLAC (Local Aids Council) libambe intlanganiso kutsha nje, apho bejonga indima abasele beyidlalile ekulweni nokonyuka kwamanani okosuleleka kwabantu.

Le ntlanganiso ibigxile kumongo othi, esi sifo sesomntu wonke, wonke ubani uyachaphazeleka ngokuba naso okanye ilungu losapho lwakhe lube naso, ngako oko ulwazi malufikelele kuye wonke ubani.

Abantu bakwafundiswa ukuba mabathethe ngokuphandle ngesi sifo begqithisa ulwazi olululo ngoba ulwazi oluncinane yingozi.

Ojongene ne-ofisi kagawulayo kumasipala waseNgcobo uNobuhle Maninjwa uthi, i-ofisi yabo ijongene nabantu baseNgcobo ngokubanzi, akuyiyo i-ofisi yombutho okanye iqela lezopolitiko elithile.

Ukanti uNkosiyabo Lose ojongene neli bhunga kwisithili saseChris Hani uthi, iNgcobo yeyona inamanani azinzileyo nanciphayo olosuleleko olutsha, oko kutsho ukuba kancinane kodwa ngokuqinisekileyo abantu bale dolophu bayafunda yaye bayazikhusela.

“Le yingxaki yomntu wonke yiyo le nto simema namaqumrhu azimeleyo ingakumbi elezempilo, sicela ukuba izikhuseli (Condoms) mazithiwe saa zifikelele ebantwini abaninzi kangangoko zingabekwa endaweni enye apho zizakuhlala zide ziphelelwe lixesha,” utsho uLose.

Abantu bayakhuthazwa ukuba bazikhusele maxa onke besabelana ngesondo ingakumbi ulutsha nanjengoko amanani ebonisa ukuba lulo olusuleleka kakhulu.

Ngenxa yeemeko zasekuhlaleni, abantu banoloyiko lokuya ekliniki nabo bathe baya iLAC ithi bayanyamalala emva kokufumanisa ukuba bosulelekile bangatyi iipilisi zabo abanye baziyeke phakathi. I-LAC ithi, izakuwulwa lo mkhwa.

isibhalo@inl.co.za