Ingcungela yezibalo uNongxa yimveliso yaseFort Hare

Phezu komlambo ETyhume eDikeni ngonyaka ka1916 kwazalwa iziko elalikhangeleka lilincinane kanti kuzakufika lo nyaka ka 2016 sele iligongqongqo elingugqibizizwe, iyunivesithi yase Fort Hare.

Unjingalwazi Loyiso Nongxa waseMachubeni eLady Frere ngomnye wonyana belilizwekazi abaxhamle kulo mbele ubhonxa ebusika nasehlotyeni uyi- yunivesithi yaseFort Hare. Emva kokugqiba izifundo zakhe eHealdtown ngo 1952 uNongxa wangena engxamile kweli ziko laseFort Hare exela ixhama linxanelwe amanzi.

Ngenxa yobukrelekrele bakhe nangenxa yemeko entle awafikela kuyo kweliz iko akazange achithe xesha ukugqiba isidanga sakhe kwezenzululwazi Bsc ngonyaka ka 1976.

UNongxa ebeyingcanguba yesazi sezibalo, yilo nto eyenze ukuba kamva ayekuhlohla izibalo kwezi yunivesithi zilandelayo: Fort Hare eNational Univesirty of Lesotho, Univesirty of Natal naseUnivesirty yaseNtshona Koloni eKapa. Kukula yunivesithi yase- Ntshona Koloni apho waye watyunjelwa kwisikhundla senjingalwazi yezibalo wakhula de waba yingqonyela yala yunivesithi.NgoOkhothobha ngo 2000 usebenze eyunivesithi yase Wits njengenjingalwazi kwizibalo nophando nzulu. Ngomhla weshumi elinanye kwinyanga kaCanzibe ngo 2003 ungene esikhundleni sikaNjingalwazi uNorma Reid Birley njengengqonyela yala yunivesithi yaseWits. Usebenze kumaqumrhu ophando nzulu aliqela aquka iNational Research Foundation. Ngomhla wokuqala kweyeSilimela unikezele ngeentambo zobunqununu zeyunivesithi yaseWits kunjingalwazi Adam Habib.

Ethetha kwitheko lothweso zidanga eAfrican Institute of Mathematics ngo 2013 uNongxa wakhuthaza abafundi ababethweswa apho esithi mabafunde izibalo bafikelele kwelona zinga liphezulu. “Ingxaki yabafundi nezibalo kule mihla kukuba akukho siseko sisiso sezibalo esibakhuthaza ukuba benze izibalo ngoku- kuko,”watsho uNongxa.

Lo ka Nongxa uthi abafundisi ntsapho bayathathwa bathunyelwe kwii-ofisi zikarhulumente okanye kwinkampani zabucala beshiya abafundi bedinga abantu bokubafundisa ubunzulu bezibalo. Kwintetho ahamba ezenza kwiindawo ezahlukileyo akakulibali ukubalula igama leli ziko lembali liyiFort Hare elathi lamnika ingcambu kwizibalo.”

Ngenxa yelo xesha sasifunda ngalo phaya eFort Hare kukho izinto ebesingakwazi kufikelela kuzo, xa sifunda izibalo besixelelwa ukuba umgangatho wethu awufani nowabafundi abamhlophe, lo nto yenze ukuba senze unyaka omnye ngaphezulu xa siphuma sisiyakufunda kwamanye amaziko okanye kwimfundo engasentla, kodwa kunjalo sakwazi ukufunda sada safika kwinqanaba lokuba ngoogqirha,”utsho uNongxa.

Emva kokubhubha kwentombi yakhe uMosa Limakatso lo ka Nongxa wamisela ingxowa mali egameni lalo ntombi yakhe neyathi yabizwa ngokuba yiMosa Limakatso Nongxa Memorial Scholarship Fund. Le ngxowamali inceda abafundi bezibalo abadinga uncedo lokuqhubela phambili izifundo zabo zezibalo. UNongxa uthi ujikeleze kumazwe ase- Mpuma, Ntshona nakwimbombo zone zehlabathi ememelela ukumiselwa kwequmrhu elikhuthaza abafundi kwizifundo zezibalo.