Ingeniso yephondo inciphile, inkcitho iphezulu

AMANANI wabantu abangaphangeliyo eMpuma Koloni ayonyuka logama urhulumente wephondo enenkcitho eninzi, eyenziwa nzima nangakumbi yimivuzo yabasebenzi bakarhulumente, ngethuba apho imali engenayo inqongophele.

Intswelongqesho kwiphondo liphela ime ku47.4%, logama koomasipala basekuhlaleni imi kwi51.6% ze koomasipala abambaxa (Buffalo City neNelson Mandela Bay) ime ku40%.

UMphathiswa uMlungisi Mvoko eBhisho UMFANEKISO: MANDLA NDUNA/ EC OTP

Oku kuthethwe nguMphathiswa wezeMali noPhuhliso loQoqosho ephondweni, uMlungisi Mvoko eBhisho ngoLwesibini, ngethuba lentetho yohlahlo lwabiwomali lwaphakathi enyakeni.

“Njengephondo leMpuma Koloni, elineelali ezininzi, uqoqosho lwethu luchaphazeleke nangakumbi yiCovid-19, kwaye luseza kuqhubeka ngokuchaphazeleka. Amashishini aliqela aye avala nto leyo ekhokelele kubantu abaninzi ukuba baphulukane nemisebenzi.

“Amanani wabantu abangaphangeliyo ephondweni ayaqhuba nokonyuka,” utshilo uMvoko.

URetief Odendaal, ojongene nezeMali kwiDA yasephondweni, uthi ukuhlawulwa kwesixa esikwi53% sesabelomali sephondo, kwimivuzo yabasebenzi, kuthibaza ukusiwa kweenkonzo eluntwini ngendlela egqibeleleyo.

“Urhulumente weANC uyaqhuba nokuhlawula izigidi ngezigidi zeerandi kubasebenzi bakarhulumente, logama izikhewu zezithuba ezibalulekileyo kwezempilo nezemfundo zingade zivalwe,” utshilo uOdendaal.

UMvoko uthi urhulumente wephondo ukwiinkqubo zamacebo okuvuselela uqoqosho. Ukwathe olu hlahlo lwabiwomali lusekelezelwe kubantu abahlelelekileyo nanjengoko luqulunqwe ngokuqwalasela ukufikelela kwezemfundo, ezempilo kwanakwiinkonzo zophuhliso lwentlalo yoluntu.

“Kubalulekile ukuvakalisa ukuba singurhulumente okhathalayo,” utshilo uMvoko.

Imali emalunga neR11 million ibekelwe bucala ukuncedisa ukuqeshwa koonontlalontle.