INgidini SPS ibuye noncumo kwilize eGqebera

Yimincili kubantwana besikolo iNgidini Senior Primary School, eMampondomiseni eNgqeleni, emva kokuba yinxalenye yokhuphiswano lweekwayala kwinqanaba lephondo eGqeberha kutshanje.

Kolu khuphiswano isikolo esi besimele iOR Tambo Coastal District kwiculo lesilungu, nalapho esi sikolo besibethe zonke izikolo kwiNgqeleni CMC ukuza kufikelela kweli nqanaba.

Umbhexeshi wale kwayala uZukiswa Maqubela, ongutitshala webanga lokuqala kwesi sikolo, akawuvali umlomo yimpumelelo yekwayala, nokukwazi besisikolo ukuya kumela iOR Tambo Coastal District eGqeberha.

“Siye asaphumelela eGqeberha, kodwa loo nto ayiwuhlisanga umoya wabantwana, nanjengoko ndithe kubo ukuya nje eGqeberha yimpumelelo kuthi siyiNgidini SPS, njengabantu abaqalayo ukucula. Ndibakhuthaze ngelithi oku masikuthathe njengesifundo, ukuze kwiminyaka elandelayo senze ngcono,” utshilo uMaqubela.

Uncome abantwana besi sikolo ngokuzinikela, nokuzimisela. Ukwathe indlela ayikhange ibe lula nanjengoko beselula abantwana.

“Bekumele ndimane ndibakhumbuza ukuba bohlukane neelekese, bagxile ekuseleni amanzi ashushu ukulungisa amazwi, nto leyo bahambe bayenza ngokwabo begadana kwabodwa,” utshilo umbhexeshi.

Inqununu yaseNgidini, uNosicelo Gqoli akawuvali umlomo naye yimincili nebhongo lokuba esi sikolo sithe yasiso esimela ingingqi yeOR Tambo Coastal.

“Ndivuyela ukuba bekwazile ukuphakamisa igama lesi sikolo, kwaye ngoku ndiqinisekile akakho ongayaziyo iNgidini Senior Primary School yaseMampondomiseni. Ndikwanalo nethemba lokuba amanani ethu abantwana aza konyuka nanjengoko oku kuza kutsala umdla omkhulu kwabanye,” utshilo uGqoli.

Uncome ukusebenza ngokuzinikela kombhexeshi wale kwayala kuquka nabantwana ebebeyinxalenye yekwayala. “Ixesha ubengenalo uMaqubela lokufundisa aba bantwana umculo, kodwa uzamile ukulenza, esebenzisa ixesha lakhe kakhulu,” utshilo uGqoli.

“Ukohlulakala kwethu eGqeberha asikuboni iyinto embi kuthi sisisikolo, koko sikubona njengempumelelo, ingakumbi kwisikolo esiqalayo ukucula, nto leyo ithi kumele siqhube sizame kwakhona,” wongeze ngelo uGqoli.

Ukanti uEsihle Madana oneminyaka elithoba, nowenza ibanga lesithathu, uthi bona beyikwayala bonwabile kuba indebe ikhona abayifumene kwiNgqeleni CMC.

“Asikhange sikhathazeke okanye sibenengxaki xa singaphumeleli eGqeberha ngoba nathi sinayo indebe. Kuthi bekumnandi kakhulu kwasendleleni eya khona, qha kukude eGqeberha, oko sibuza ootitshala ukuba sifika nini? Into ebimnandi kakhulu kukulala ehotele, abanye bethu bebeqala ukulala phaya nokuya eGqeberha, sabona neendawo ezintle, ootitshala bethu besikhathalele kakhulu,” utshilo uEsihle.

Umbhexeshi ubulele kubo bonke abathathe inxaxheba yokuba le kwayala ifikelele kwinqanaba lephondo kolu khuphiswano. Ukhankanye obemkhokela emculweni uUnathi Mbelu kwinkxaso nesikhokelo amnike sona nesi sikolo. Ukanti akawushiyanga ngasemva umbutho weetitshala iSadtu eNgqeleni ngenkxaso abanike yona nokusoloko ebenza bazive bebalulekile bezititshala nabantwana besikolo.