Ingoma entsha kaZama Ntshona ethi Nisibulalelani!

Zama Ntshona

Kwilizwe loMzantsi Afrika, eyokuba siphila phakathi kobudlobongela yinto apha ecace gca okwekati emhlophe ehlungwini.

Kulo nyaka ushwankathelwayo besikhe samaxhaphetshu yinto yokuxhwilwa kwabasetyhini, isininzi sibhaqwe sele sibhubile. Konke oku kuye kwenza ukuba isininzi samabhinqa eli aqale amaphulo aphikisana nobundlobongela obujoliswe kumanina kwakunye nabantwana.

Enye into yesibini engenokuphikiswa yinto yokuba abenzi bobubi ngamadoda.

Amadoda nawo ke aye aphakama ayimela le nto yobundlobongela, atsho athetha esithi hayi egameni lam. Inzalelwane yaseQonce, uZama Ntshona, welokishi yaseGinsberg, iqala iphulo elilwa ubundlobongela ngokukhupha ingoma ethi ‘Nisibulalelani?’ nathi sisiqalo semibuzo ejoliswe ekulweni ubundlobongela kwilizwe eli.

UNtshona uthi ngexesha esebenza kwisikhululo sosasazo itrufm engumsasazi weendaba, waye waqaphela ukuba abantu bayafa apha phandle, kodwa yintoni eyenziwayo ukuphelisa lo nto?

“Kwiminyaka eli13 ndisebenza kunomathotholo besisoloko sisasaza ngobundlobongela, kubekho nenyanga esiyinikela kobo bujoliswe koomama nabantwana. Bendizibuza ukuba yintoni eyenziwayo ekuqinisekiseni ukuba esi similo siyaphela kwintlalo yoluntu lweli,” kutsho uNtshona.

“Kwelinye ityeli ndiye ndabuza omnye utata, ndinomdla wokwazi ngendoda, ndandifuna acacise; indoda yona ingumntu onjani? Ndandifuna ukukhanyiselwa ngobume bendoda. Ndinomdla kule nto ibubudoda, ekucacileyo ukuba bubo obudume ngokuba ndlongondlongo ekuhlaleni,” utsho lo kaNtshona. Uthi impendulo yalo mbuzo ngunobangela wokuba abe ubuza le mibuzo emadodeni namhlanje.

“Nisibulalelani, sinenzeni? Kwanele ngokufa, kwanele ngababulali, sifuna ubomi obutsha…nisibulalelani?

“Ndathi kutheni le nto indoda ibulala koomama? Wathi xa ephendula lo tata, amadoda abulalana ewodwa ngaphezulu kokuba ebulala abanye abantu.’

“Ndihambile ndafuna ubungqina bale nto. Xa unokuya kwindawo egcina izidumbu ngoMvulo, uzokufika isininzi ingootata. Xa unokuya ngempelaveki esibhedlele, uzokufika ingootata abaninzi – benezinxenxe zokuzama ukubulalana,” utsho uNtshona, uthi iphulo lakhe lijolise apha emadodeni.

“Kwantlandlolo amadoda anikwe ingqondo yokuba kufuneka omelele, ngokwenziwa akholelwe iintsomi ezithi, indoda ayikhali. Indoda kufuneka iphile ngamandla ayo. Isidima okanye ubungangamsha bendoda kukoyisa amanye amadoda,” utshilo ebalisa uNtshona.

Uthi kuye kwakho ixesha apho eyona ndoda inamandla, ibe yiyo ethi ibenethuba elihle lokufumana ubutyebi kunamanye amadoda acekeceke.

“Liqale apho ikratshi lamadoda, banembo yokungquzulana, ukuze kucace ukuba ngubani omakathethe kume indlu, kufuneka kubekho owoyiswayo.

“Kwainkwenkwe yayisithi xa izokoluka kufuneke yehle ilali, ibetha iintonga kude kuse. Amadoda athi xa kubuya amakhwenkwe acelane ezindukwini, kutsho kucace endala,” usabalisa uNtshona.

Uthi imbali yeli ifundise amadoda into yokuba ukuze indoda ibe izibona ifanelekile ukuma phambi kwamanye amadoda, bekufuneka ibe izithembile emandleni.

“Bekukhe kwakho ixesha apho amandla amadoda ebephantse abe sisiqinisekiso sengqesho, amadoda ebekhethwa ngamandla anawo ngokomsebenzi, iinkampani ezazifuna amandla zazininzi kakhulu kungekho amanye amacebo okwenza imveliso ngaphandle kwabasebenzi,” utshilo uNtshona ecacisa intsusela yentsomi ethi indoda iyokutya ukubila kwayo.

Uthi ngokuya zitshintsha izinto nobuchwepheshe busetyenziswa, amandla aye akadingeka.

“Aye amadoda athatha amandla abanga ubungangamsha, ngokuba imali ifunyanwa nangubani ocinge indlela yoyifumana. Oomama bazokurhola ukodlula ootata.”

Ejolise kwizibalo zolwaphulomthetho zokubulala zikanyaka ka2018/2019 kweli. Bangama21 022 abantu abuphulukene nobom babo, kwelo nani amadoda angama17 078, ze abasetyhini babengama2 930, abantwana bona bali1 014.. Jonga ke la manani, amadoda phambi kokuba ayokubulala umama endlini, seqale abulalana ngaphandle,” kutsho uNtshona.

“Oomama baninzi kunootata ngokwengxelomanani kweli nto leyo ethi, amadoda ayabulalana, aphinde abulale oomama kunye nabantwana.

Ngamadoda abenzi bezi zinto kungoko ndisithi makukhe kujongisiswe kwinto enokwenziwa ukuze kunyangwe umba lo wamadoda abulalayo,” itshilo intetha kaNtshona ebeka umba ukuthi ungenza umahluko ekulweni ubundlobongela obujoliswe koomama kunye nabantwana.

Uthi indoda nendoda mayikhe ichophele lo mba wokuba ubudoda obu, bubudoda ngabuni?

“Makulwelwe into yokuba kukhuliswe uluntu olulinganayo, masenze uluntu liyilibale into yobungangamsha ngenxa yokuba namandla,” utshilo uNtshona.