Ingoma kaDJ Mello T igqithisa umyalezo emadodeni

UDJ Mello T ukhupha ingoma entsha ethi Sebenza UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UMQULUNQI weenkqubo zikanomathotholo okwayiDJ kwiindawo zolonwabo uThando ‘Mello T’ Mdutyana, ukhupha ingoma yokuqala kwikhono lakhe njengeDJ.

Le ngoma kaMello T ethi Sebenza, ikhuthaza ikwakhumbuza amadoda ngesidima sokuba yindoda kwaye nezinto ezonyelisa igama lamadoda.

UMello T, onkaba iseMthatha eMpuma Koloni, oneminyaka engaphaya kweshumi ekwiqonga lolonwabo nomculo, uthi eli lelona thuba lilungileyo lokurhabulisa abantu okuphuma kwizandla zakhe nanjengoko ekholelwa kwelokuba uwaqokelele ngokwaneleyo amava okwenza umculo.

Le DJ isebenza njengomdidiyeli weenkqubo ze-trufm eBhisho.

Uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba nangona le ngoma ethi ‘Sebenza’ ithetha namadoda, kodwa nabasetyhini kufanele bafumane umyalezo kuyo.

“Kodwa ke umnqweno wam ngowokuba nabasetyhini bafumane umyalezo wokuba bekufanele ukuba baphathwa njani ngamadoda.

Indoda yona iza kufumana iingcebiso zokuba yintoni kanye indoda,” kutsho uMello T, esithi amadoda kufanele asebenzele isidima sawo ngokuphatha kakuhle amanina kwaye akhusele iintsapho zawo.

UMello T uthi ufuna ukuvuselela isazela emadodeni, ubani azijonge esipilini azibuze ukuba ubutyeshele kusini na ubudoda ngezenzo zakhe.

“Umyalezo ndifuna ufikelele kulutsha, ingakumbi amadoda angomso, abo basakhulayo.”

Kule ngoma uMello T usebenze noLuthando Mzi waseDimbaza, ze yanongwa nguTulz Native wasePort Alfred.

“USebenza yingoma ekufanele ukuba wonke ubani abe nayo kulo nyaka,” kubongoza uMello T.

Oyifunayo angayifumana kuzo zonke iivenkile zomnatha ezithengisa umculo ukuqala ngomso umhla wama31 kuCanzibe.

simphiwe.freddie@inl.co.za