Ingozi emasikizi phakathi kweCawe neMonti

Umfanekiso: Uthunyelwe
BANE abantu ababhubhe kwingozi emasikizi kwindlela uR72 phakathi kweMonti nePort Alfred kwiMpuma Koloni.
Le ngozi ibandakanya izithuthi ezintathu yenzeke ngakwibhulorho iNcerha, ngokokutsho kwamagosa ezendlela.
Kurhaneleka ukuba esi sigadla besinabantu abane, nebesithwele isanti, sidudlene nesinye isigadla ebesisiza ngaphambili, sibangela esinye isithuthi sibhukuqe. 
Ngokutsho kwesithethi sezendlela,  ikhombi nayo iyabandakanyeka kolu ngquzulwano.
Umntu omnye owonzakele ngokumasikizi ubalekiselwe kwisibhedlele iSt Dominics eMonti.