Ingozi isube imiphefumlo yabantu abathathu kwakunye neenkomo eziyi-14

INGOZI emasikizi isube imiphefumlo yabantu abathathu kwakunye neenkomo ezilishumi elinesine kwindlela uN10 eOlifantskop Pass phakathi kweKaladokhwe neGqeberha ngoLwesithathu.

Isithethi sezothutho ephondweni, u-Unathi Binqose, uthi le ngozi yenzeke phakathi kwezigadla ezibini ezithe zangqubana ze emva koko zatsha ngumlilo. Omnye umqhubi kwezi zigadla usindile ekubhubheni, kodwa ushiyeke onzakele kakubi ze waleqiswa kwisibhedlele saseSomerset East.

Ingozi esube imiphefumlo yabantu neenkomo kuN10 UMFANEKISO: FACEBOOK

“Ababini ababhubhileyo kukholeleka ukuba ngabaqhubi bezi zigadla zozibini, logama omnye obhubhileyo engumqhubi oncedisayo kwesinye isigadla. Iinkomo ezilishumi elinesine ezitshe zafa bezikhwele kwindawo engezantsi [yokulayisha izilwanyana], kwaye bezikumkhwezo oya eCookhouse.

“Amagosa ezomthetho kwakunye nabezohlangulo bakwazile ukusindisa ezinye iinkomo, kodwa ezinye zazo zonzakale kakhulu,” utshilo uBinqose.

Ingozi esube imiphefumlo yabantu neenkomo kuN10 UMFANEKISO: FACEBOOK

Ngentsasa yangoLwesine, amagosa ebesaxakekile ephendla le ngozi, amanye ecoca indlela.