Ngamalungu weANC angaphezu kwamashumi amabini athe enzakala ngethuba ibhasi ebebehamba ngayo ukusuka kwaWadi 16, ithe yoyiswa ligophe yabhukuqa kwindlela entsha eNkantolo elikhaya likaOliver Reginald Tambo.
UDavid Mfela ebengaphakathi kwale bhasi ngethuba ilala ngecala kulo hola wendlela, uthethe neli phephandaba wathi.
“Iziqhoboshi yeyona nto ndiyisolayo nangona ndingaqinisekanga, kuba iqale ngokubaleka ngokungalawulekiyo ibhasi,” uthethe watsho.
Uninzi kula maxhoba ophukile iingalo nemilenze, logama abanye bathe balimala ngokugruzuka.
Linye kuphela ixhoba eliye labalekiswa ngokungxamisekileyo ngenxa yemeko engachazwanga yalo.
Ethetha kwindawo yengozi, usodolophu womasipala waseMbizana uDaniswa Mafumbatha uthi ufuna iimpendulo ngale ntlekele.
“Kuthwa ubalekile umqhubi wale bhasi akaziwa ukuba utshone phi, sifuna ukwazi ukuba bekutheni ukuze ibhasi ithwale abantu ineziqhoboshi ezingasebenziyo, kodwa ke uphando luyaqhuba,” uthethe watsho uMafumbatha.
Ubumanzi bendlela nokujika ngokukhawuleza kweli gophe kubangele ukuba iziqhoboshi zale bhasi ziyeke ukwenza umsebenzi nangona nazo zichazwe ukuba azikho mgangathweni.
UThandiwe Ngweni lelinye lamaxhoba ebengaphakathi kule bhasi ngethuba ilala ngecala ixakwe ligophe.
“Yhoo andazi ukuba ndisinde njani, iqale ukungahambi kakuhle emva kokuba efike kweli gophe, ibe ngathi ikhawulela ezi zizaphambi kwakhe kodwa waphinda wayibamba, yaya kulala ngecala ibhasi,” engcangcazela utshilo.
Inqwelo zezigulana ezintandathu zithuthele amaxhoba enzakeleyo kwisibhedlele iSt Patricks ukuze afumane uncedo olukhawulezileyo.
“Umthetho uza kunyanzeleka ukuba uhambe indlela yawo ukuqinisekisa ukuba umqhubi nomnikazi webhasi bajongana nomthetho ukuba benze nxamnye nomthetho,” utshilo uMafumbatha.
Umthwalo ogqithisileyo wenani elingachazwanga labakhweli yenye yeengxaki ezibangele ukoyisakala kwale bhasi, itsho ingxelo.
Ingxelo kasodolophu ithi uwadi 16 wenziwa ziilali eziquka iMampisi, Madiba, amaKhanyayo, nakwaNgutyana.
Iqhube ngaphandle kweengxaki imibhiyozo yeminyaka elikhulu yokuzalwa kukaOliver Tambo.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?