‘Ingqawa’ ibulele iigusha eziyi-72

USAPHO lakwaCekeshe eLubhacweni KwaBhaca lusashiyeke lubambe ongezantsi emva kokuphulukana neegusha ezingamashumi asixhenxe anesibini (72) kwaneebhokhwe ezintlanu ezibulewe kubusuku obunye sisilo ekukholeleka ukuba yingqawa.

Esi sehlo senzeke kwiveki ephelileyo. Usapho luthi luziqaphele kusasa xa kuyokuhlolwa ethangweni. Uninzi lwezi gusha zinamanxetyana ophele ngaphakathi logama ezinye zigqajukelwe yimiswane.

“Sizibone phaya ngentsimbi yesithandathu ekuseni. Zonke zifile iigusha ezingamashumi asixhenxe anesibini (72) kwaneebhokhwe ezintlanu, kwashiyeka nje iigusha ezingamashumi amathathu (30). Sikholelwa ukuba yingqawa le yenze le ntlekele, ngokujonga indlela le ihlasele ngayo,” kutsho uSam Cekeshe.

Esi silo sikwahlasele iigusha ezisibhozo nakweminye imizi emibini kule lali ngobu busuku bunye.

“Yintlekele le. Imbi le nto. Esi sehlo asiqali apha ekhaya. Ngo2018, saphulukana neegusha ezilishumi elinesithandathu. Xa sihlasela siluma sishiye, ezinye siyazikrwela,” kutsho uCekeshe.

“Siyalucela ungenelelo kubantu abanezixhobo zokwenza oko, kukhangelwe esi silo esingasaziyo nokuba sihlala phi.”

UCekeshe uthi ebeyile ukuyokubika emapoliseni, ukuze saziwe isehlo. Uthi nakubalimi ebeyile. “Uncedo esilufunayo kubalimi kukutya kuba kukho amatakane ashiywe ngoonina, ngoku akanandawo yokuncanca.”

Isithethi seSebe loPhuhliso lwaMaphandle noHlengahlengiso loMhlaba, eMpuma Koloni, uAyongezwa Lungisa, uthi uncedo bayalukhupha ukunceda ezisindileyo iigusha kuhlaselo, watsho esithi baza kusisabela esi sehlo saKwaBhaca.

“Siyavelana nabafuyi abathi baphulukane nemfuyo yabo ngenxa yezehlo zokuhlaselwa ziingqawa. Ngelishwa asinayo imali ejongene nezihelegu ezinjengesi, kodwa uncedo siyalukhupha ukusindisa ezo zisindileyo,” kutsho uLungisa.

Kunyaka ophelileyo isilo ekukholeleka ukuba yingqawa sabulala iigusha ezingamakhulu amabini anesibhozo (208) ngobusuku obunye kuJarha eCofimvaba.