Oomasipala abathathu kweli phondo bazakuthi bathathelwe ingqwalasela mayela nokuba bazihambisa njani na iinkonzo.
Abamasipala baquka iJoe Ggqabi, Alfred Ndzo kwakunye ne-O.R.Tambo.
Kwabamasipala kuzakujongwa abenza ngcon kwanabo baqhuba kakubi. Oku kudizwe ngomele iBhunga lamaphondo kuzwelonke (NCOP) kweliphondo leMpuma Koloni uMandla Rayi ngethuba (SALGA) ibambe indibano yayo yeveki kundlunkulu eBhisho nekulindeleke ukuba iqosheliswe ngolwesihlanu wale veki sikuyo.
URayi uthi, kule iveki bazakube beyokutyelela kwabamasipala bathathu ukuyokuhlola ngokunokwabo iimeko nalapho athi bazakubuya bazithi thaca phandle iingxelo ngosuku lokugqibela kule veki sikuyo xa bezakube beqoshelisa indibano yabo.:
“Singamaqela amathathu la azakuthi atyelele abamasipala kuquka namalungu kandlunkulu kwakunye nawe (SALGA) nalapho silindele ukuba usodolophu ngamnye wesithili azakuthi enze ingxelo yesithili kwakunye neyabomasipala baphantsi kwesithili eso sakhe loo sodolophu lowo.Kuzakube ingxelo isenziwa ngusodolophu omnye emele oomasipala bakhe,”utshilo uRayi.
Uthi kuwalindeleke ukuba banze ingxelo ngolwesine ngabathe bakubona kwwaba masipala bazokubatyelela namhlanje. Nalapho athi kusezokubakho usuku apho kuzokuthi kwenziwe ingxelo yomasipala kuzwe lonke.
Ngaphakathi epalamente bekuxoxwa ngendima yokuhanjiswa kweenkonzo ngoo masipala bekwaza ngaphambili nomkhomba ndlela.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman