Ingqwalasela kwityalike eyatshatela uWinnie noMadiba

Ityalike yamaWisile kwisekethe iLudeke eMbizana apho uNelson Mandela nomam' uWinnie batshatela khona ngo1958 Umfanekiso: Uthunyelwe

Ityalike yamaWisile kwisekethe iLudeke eMbizana, apho obesakuba nguMongameli uNelson Mandela wathi wazimanya ngeqhina lomtshato nomam’ uWinnie ngo1958, ikuluhlu lokubhengezwa njengesiza selifa lelizwe.


NgoLwesine, iBhunga laMafa eSizwe (National Heritage Council), libambisene namaWisile, belibambe umthandazo kwibala elikufutshane nale tyalike ngelokukhumbula igalelo legqala lomzabalazo uWinnie Madikizela-Mandela obhubhe kwiveki ephelileyo.


Ingqonyela yeli Bhunga uAdvocate Sonwabile Mancotywa uthi le tyalike babeyihlolile ngenyanga yoKwindla kunyaka ophelileyo ngeenjongo zokuyiguqula ukuba ibesisiza selifa lesizwe.

UMancotywa uthi ukubhengezwa kwale tyalike njengesiza selifa lesizwe kuza kuxhamlisa uluntu lwaseMbizana ngophuhliso lwemeko-ntlalo yezoqoqosho, into ebekudala ifunwa nguMadikizela-Mandela.


“Enye yezinto ebezisondele kwintliziyo kamam’ uWinnie, kukugcinwa kwembali, inkcubeko nezinto ezililifa esizweni. Yiyo le nto sigqibe kwelokubhiyozela ubomi bakhe kwakunye nabantu akhule nabo,” utshilo uMancotywa.