INguni libhongo neqhayiya leAfrika

Iinkomo zeNguni zezinye kwiindidi zeenkomo ezidlisela ngobuhle bazo, ngombala nangokumila kwazo okumelana namaxesha anzima, ingakumbi imbalela.

UAubrey Tyali ngumfuyi wolu hlobo lwenkomo ezineengcambu zazo ezikweli laseAfrika, nanjengoko kusithwa zisuka kumaNtla weAfrika.

Iimpawu zale nkomo eziphambili ngamabalabala asemzimbeni wayo, owafumana emnyama namhlophe okanye ebomvu namhlophe, logama ezinye zimdaka namhlophe, zikwakho nezo zimhlophe nabomvu njalo njalo.

Obu buhle bale nkomo bubo kanye obenza ukuba abafuyi bayibone ifanelekile ingakumbi kwabo baneenjongo zokuhombisa imihlambi yabo.

Impumlo emnyama lelona phawu lifumaneka kuzo zonke iindidi zenkomo zeNguni.

Umfuyi wezi nkomo eMorgans Bay, uAubrey Tyali, uthi zikho ezinye iimpawu ezinokujongwa kwiNguni.

“Ezinye iinkomo zeNguni ziba nombala omnye kuphela, ibe mnyama yonke, ibe mhlophe yonke okanye ibe bomvu, kodwa impumlo ihlala imnyama,” kutsho uTyali.

“Isikhumba sayo saziwa ngokuba simthebelele, kwaye oku kuyinceda ukuba ingahlalwa lula ziintwala nezinye izifo zenkomo.”

Umsila wayo mde kunezinye iinkomo, iwusebenzisa ukubetha iimpukane, nokugxotha ezinye izinto ezingenelelayo ebomini bayo. Ukanti iimpondo zayo nazo zinde, zitsolo, ziyincedisa ukulwa notshaba oluvela ngaphambili,” utsho uTyali.

Le nkomo imelana nembalela kunezinye iinkomo ngenxa yendlela edalwe ngayo.

“Ubuncinane bomzimba wayo benza ukuba ingathathi kutya kuninzi, isisu sayo simbhoxo asifani nezinye iinkomo, ngoko yanela lula kukutya njengezinye iinkomo,” kubalisa uTyali.

Ubunzima benkunzi yeNguni buphakathi kwamakhulu amahlanu ukuya kwamathandathu eekhilogrem (500-600 kg), logama imazi yale nkomo inobunzima obuphakathi kwamakhulu amathathu ukuya kwamane eekhilogrem (300-400 kg).

Ithole leNguni lizalwa linobunzima obungamashumi amabini anesithandathu eekhilogrem (26 kg), kwaye oonina bancancisa lula kuba ibele liyafikeleleka.

Iimfele zenkomo yeNguni ziyathengwa ngabo barhweba ngokuthengisa ezi mfele nezinye izinto. Oku kwenziwa kukuba zininzi iimveliso ezenziwa ngofele leNguni.

Ezinye zeemfele zeNguni zenza iingxowa zehombo zamanenekazi, iinkukho ezandlalwa phambi kwebhedi, iinkukho ezihombisa eludongeni, ngeli xesha zikwasetyenziswa ukuhombisa itafile.

Ufele lweNguni lisikwa libe ziziqwengana ezibukhulu bahlukeneyo. Ixabiso lalo liqala kumawaka amathathu eerandi ukuya kumawaka amahlanu eerandi.

Kuthwa uKumkani uShaka wamaZulu wasebenzisa imibala yeenkomo zeNguni ukwahlula amabutho akhe, elithile ibutho lalisebenzisa amaphawu anombala othile, logama elinye ibutho lisebenzisa omnye umbala wofele lwenkomo zeNguni.

Olu hlobo lwenkomo alunangxaki nengqatsini yelanga njengezinye iinkomo. Ngenxa yesikhumba sayo esomeleleyo iyakwazi ukumelana nelanga. Emva kwexesha elide le nkomo ijongelwe phantsi, ukubuya kwesidima sayo kwenze ukuba ibekwe phantsi kodidi lweenkomo zenyama.

UGqirha Clive Jackson Moss ngumthengisi weemfele zeNguni.

“Liyathandwa kakhulu ufele lweNguni, nangona kusekho imfuneko yokufundiswa koluntu banzi ngalo. Bayalithenga ngexesha leKrisimesi bethengela izithandwa zabo. Nathi ngenxa yeemeko ezithile sikhe silithobe ixabiso,” kutsho uJackson-Moss.

Nantsi imibutho yabafuyi beenkomo zeNguni: Umsebenge Nguni Cattle Breeders Group neAmathole Nguni Breeders.

Tyelela kule dilesi yeintanethi: www.amatholengunis.co.za