Inguqu baza kuyilwa kusiphuke izicithi!

Kutsha nje, amaziko kwanamajelo eendaba, iye yavakalisa ukuba iAfri-forum, umbutho olwela amalungelo abantu abantetho isisiBhulu, iza kuphikisa umphathiswa wezemidlalo umhlekazi uFikile Mbalula, kwisiphakamiso sakhe sokuba yonke imibutho yezemidlalo esilelayo kwinguqu iza kuhluthwa amathuba okusingatha imidlalo ekwinqanaba lehlabathi okanye ekumgangatho wamazwe ngamazwe.

Ngoko nangoko, kuye kwacaca okwekati emhlophe ehlungwini ukuba imidlalo efana neqakamba, umbhoxo kunye nomnyazi, yeyona iza kuchaphazeleka. Oku kuchaphazeleka kwale midlalo sisiphakamiso somphathiswa wezemidlalo kusukela kwinto yokuba kuzo zontathu ezi ndidi zemidlalo, izinga lenguqu liye lasilela kakhulu ngokuphathelele kwisithuba seminyaka ebisikelwe oko. Amanani abadlali abantsundu kula maqela anciphe kakhulu.

Oku kumele ukuba kumangalise, kuba ngokwamanani, abona bantu baninzi eMzantsi Afrika ngabantu abantsundu, kungoko kumele libekho inani elivisayo labadlali abantsundu kulo naliphi na iqela lephondo, iqela elikhuphisana kwinqanaba eliphezulu esizweni, kuquka nakulo naliphi na iqela lesizwe.

Kwilizwe elithande ukugqwesa kwezemidlalo elifana neNew Zealand, abadlali belo lizwe abamhlophe nabaMaori bafumaneka ngokulinganayo kuwo onke amaqela esizwe ezemidlalo, ingakumbi kumdlalo wombhoxo.

Oku kuphunyezwe ngokunyanzeliswa nokugunyaziswa kokubandakanywa kwabadlali abamhlophe nabaMaori ukusukela kumabanga aphantsi ezikolweni, ukuya kumaqela emidlalo ekuhlaleni, kude kuye kuqhina kumaqela esizwe ngokubanzi.

Lihle kakhulu iphulo eliza nomphathiswa, kodwa ingathi enye yeendlela yokuzalisekisa oku, kukuqinisekisa ukuba iphulo lokubandakanya zonke izizwe zoMzantsi Afrika kwiindidi zemidlalo ezahlukileyo, kumele kuqalwe kubantwana abaselula ezikolweni, kunyukwe nabo njalo kude kuye kufikelela kwinqanaba lamaqela akhuphisana kwizinga labadala kude kuye kuqhina kumaqela esizwe.

Ukuba senza njalo, sakuqinisekisa ukuba abadlali abantsundu ababandakanywa nje kumaqela esizwe, kanti baza kuphela befudumeza izitulo kuphela, kungenjalo badlale manqapha-nqapha.

Xa benikwa izakhono ezizizo besebatsha, bakhulele kuloo midlalo, bakuthi befikelela kwinqanaba lamaqela esizwe babe begqwesile kwaye becoleke ngokwaneleyo kwezo ndidi zemidlalo babandakanyeka kuzo. Nalapha eAfrika akho amazwe esinokufunda kwimizekelo yawo emihle.

EZimbabwe uhlanga lwamaNgesi, olwamaNdebele namaShona, onke abandakanyeka ngokungakhwinisiyo kwimidlalo efana nomnyazi, iqakamba nombhoxo. Nakwilizwe laseKenya kukwanjalo.

Indlela elidlala kakuhle ngayo iqela lalapho lombhoxo elinabadlali abasixhenxe, iyamangalisa kwaye iyancomeka kakhulu. Singayanga kude, qwalasela iqela lethu le7s Rugby (iBlitzbokke), apha eMzantsi Afrika ngoko nangoko kuthi qatha engqondweni abadlali belo qela abadlala ngeyona talente imangalisayo, abadlali abafana noCecil Afrika; Sandile noSphamandla Ngcobo; uSeabelo Senatla; uShakes Soyizwaphi; uOupa Mohoje nabanye.

Eli qela likwinqanaba eliphezulu kwihlabathi jikelele, kwaye ubukho babadlali abasuka kwizizwe nakwiinkcubeko ezahlukileyo kulo, kungunobangela wokuthandwa kakhulu kweli qela ngabemi boMzantsi Afrika ngokubanzi.

Eli qela libe yimbangi yokuba ndibe nesibindi sokuthenga isikipa sombhoxo esinophawu lweSpringbok, sikipa eso simbala uluhlaza namthubi, nendandifunga ndime ngomlenze omnye ukuba andisoze ndisinxibe inguqu ingekabonakali kumbhoxo.

Amaziko osasazo asanda kubhengeza ukuba umbutho olwela amalungelo abantu abantetho isisi-Afrikansi, iAfri-forum, uthumele igqiza kuMbutho weZizwe eziManyeneyo (United Nations Organisation), ukuze lo mbutho uphikise isigqibo sikaMphathiswa uMbalula sokuba imibutho yezemidlalo engalisabelanga ngokupheleleyo ikhwelo lakhe leenguqu, ingalinikwa ithuba lokusingatha imidlalo nemisitho yamazwe ngamazwe kwakhona. Kuza kucaca apha ke ukuba lo Mbutho weZizwe eziManyeneyo umele amalungelo abantu ngokubanzi okanye amalungelo egcuntswana elichasa inguqu kusini na!

Buza kucaca apha ke ubukroti, ubufela-ndawonye nobutsha-ntliziyo bomzi ontsundu woMzantsi Afrika! Ukuba uyekelwe walilwa yedwa umhlekazi uFikile Mbalula eli dabi, yaphunyezwa iminqweno yokusilela kwenguqu kumbhoxo, kwiqakamba nakumnyazi kweli lizwe, kwakuba kuphelile ngekamva labantwana bethu, ikamva labazukulwana bethu, nelesizukulwana sethu kwezemidlalo!

Vukani ma-Afrika kusile! Tyhini vukani ma-Afrika kunyembelekile!