Inguqu kwezomthetho, ezoqoqosho nentlalo

Kukho into apha esibona ukuba akufane kuthethwe kakhulu ngayo apha kwiphondo laseMpuma Koloni; umba wenguqu ngokohlanga kwiijaji namagosa aphezulu kwezomthetho.

Kule mpelaveki iphelileyo siye safumana ithuba lokuzimasa indibano yeengqondi eziphezulu kwezomthetho kweli loMzantsi Afrika. Umcimbi ububanjelwe eBhayi, pha eBoardwalk, kugcwele amagqwetha neejaji ezifana nooJustice Zak Yacoob, Advocate Craig Watt-Pringle, Advocate Elizabeth Baloyi-Mere. Vuyani Ngalwana SC nabanye abangamashumi amane.

Umxholo ibikwa yinguqu nokunikwa kwabantsundu amathuba okukhula ayokutsho kwizikhundla eziphezulu.

UYacoob uveze nto imbi xa ebalula ukuba abantu abafana neenkokeli zepolitiki zikhetha ukumelwa ngamagqwetha amhlophe xa enamatyala amakhulu. Ukusukela kooMalema ukuya kutsho kooZuma. Bakhetha amagqwetha amhlophe xa sele kunzima. Nto ethetha ukuthini?

Kwa ngolu suku kuye kwanikezelwa ngewonga elibekekileyo kuJustice Essa Moosa owabhubha ekuqaleni kwalo nyaka.

Unyana wakhe, uFaizel, uye walamkela eli wonga kwaye uthathe elo thuba wagxininisa umba wokuba utata wakhe, owayesoloko esilwela amabhantinti epolitiki namahlwempu ngexesha lengcinezelo kweli, ebekhala kakhulu ngokungaguquki komthetho. “Umthetho usebenzela abantu abanemali kuphela, ukuba awunayo imali uyakuzibona uthothoza eziseleleni unaphakade.

“Utata ebesoloko esithi umthetho weli ungekasekwa ngabantsundu, ungekaqhutywa ngabantsundu ngokweenkcubeko zabo, sakusoloko sibethakala singabantsundu ezi nkundleni zamatyala.”

Ityala likuthi zidwesha. Kule veki siqaphele usuku lukaMandela ngezenzo zesisa, mhlawumbi xa siphinda sikhumbula uMadiba omde kufuneka siqaliseni ukuqaphela izinto ezingudoqo ekufuneka zitshintshwe.

Sisasilela emva kwimiba yenguqu yezoqoqosho, inguqu yezomthetho, inguqu yokusetyenziswa kweelwimi zesiNtu kwezemfundo ngokubanzi, nezinye.

Uxanduva lukuthi; masiyeke ukupeyinta izakhiwo nokupha abantwana iilekese sishiya ngasemva imingeni ekudala ithe gabalala.