Inguqu ngokusebenza kweeYunivesithi

Ukuba zingalandelwa izigqibo zenkomfa entsuku ntathu ibibanjelwe eFort Hare ngenene lingaguquka ilizwe loMzantsi Afrika. Inkomfa entsuku ntathu ibibanjelwe kweli ziko ibijoliswe ukupheka amacebo okuguqula intlalo yelizwe ngokusebenzisa amaziko emfundo ephakamileyo.

Iinjingalwazi, oogqirha neengcali zemfundo zithathe iintsuku ezintathu zixoxa ukuba la maziko angalinceda njani ilizwe ukuba liguqule indlela abafundiswa ngayo, into abayifundiswa ukwakhiwa kweenkokheli, indima yeenkokheli ekuhlaleni nezinye ezijoliswe ukuphucula intlalo. Ezi ngcali beziphuma kumaziko emfundo aphakamileyo kuMzantsi Afrika, kumazwe aseAfrika nakumazwe angaphandle. Okona kubaluleke kakhulu ngale nkomfa ibe- kukuvuma kwakhe wonke umntu obelapha ukuba kukho imfuneko yokutshintshwa kwentlalo, nokuvumelana ukuba ukutshintshwa kwemeko yentlalo kungenzeka lula ngenxa yezifundo ezifundiswa ngala maziko.

Uhlobo leenkokheli ezikhoyo ekuhlaleni ezinye kuzo ziphuma kula maziko ezinye azikhange zingene nokungena kumaziko emfundo ephakamileyo. Ezi njingalwazi zithi makwenziwe amacebo okuba abo bangena kula maziko baphume babenefuthe elihle kwintlalo yabantu. Ukuguqulwa kwezifundo ezifundiswa ngala maziko kubalulekile ukuze zenziwe zihambelane neemfuno zelizwe ingakumbi ezijoliswe ukuphucula intlalo.

Ubusela nobuqhophololo zibhuqa urhulumente weli, kwanamanye amazwe aseAfrika kungumzekelo wokuba la maziko anoxanduva lokuvelisa iinkokheli ezizo ngokutshintsha izifundo ezifundiswa kula maziko. Iinkokheli zabafundi eziphuma kumaziko ahlukileyo emfundo ephakamileyo zithi abantwana abangena kula maziko mabafundiswe imbali ezakubanceda ukuba babengabantu abahlukileyo.

Ngenene ikhona imfuneko yokuguqulwa kwendlela abantu beli nehlabathi ngokubanzi ababona nabenza ngayo izinto. Izinga lobundlobongela ezitalatweni, ezindlini nakwiindawo zokudibana nabanye abantu ziyangqina ukuba ikho imfuneko yokwenziwa kweenguqu. Ukutshiswa kwezakhiwo zikarhulumente xa kufunwa kuthetha ukuba iinkokheli zezi nkqubo zidinga unikwa ulwazi neemfundiso.