Inguqu kwikamva leentatheli

Ayipheli iveki kungakhange kukhale umnxeba okanye kufike umfundi ezokubuza ngamathuba engqesho kwiphepha lethu. Yinto entle le. Ithetha ukuba abantu bayawubona umsebenzi wethu, kwaye bafuna ukuncedisa.

Apho siye sikhathazeke khona kuxa ufumanisa ukuba abanye abafundi abakabinawo amava abanokuthi bawathi thaca phambi kwethu ukuze sibone ukuba singasebenzisana njani nabo. Kukhangeleka ngathi namaziko emfundo ephakamileyo awenzi ngokwaneleyo ukukhuthaza abafundi ukuba baqale ukubhala nokupapasha umsebenzi wabo ngokwabo kumnatha wonxibelelwano.

Kuphinde kubekho nomba wobume bezonxibelelwano kwilizwe jikelele; oko kwathi kwakhula umnatha wonxibelelwano nezinye iindlela zokuzipapashela iindaba simahla kwabethakala amaphepha neentatheli. Phofu kwakunjalo nangokuya kwakufika umabonakude; kwakho iindaba zikamabonakude.

Xa ukhangela iindaba zolo suku uye uzifumane kwangolo suku kumabonakude. Kuphinde kubekho nonomathotholo ozisasaza ngobunjalo bazo zisafika. Amajelo osasazo awaxhomekekanga kwizithuthi nakubashiceleli bona banamaza othungelwano asoloko evulekile ukuba banike abaphulaphuli nababukeli iindaba nezinye iinkqubo zisentsha.

Yonke le nto iwabeka phi amaphepha? Ingaba ithetha ukuba abantu abanomdla kwezonxibelelwano kufuneka bazimisele kwicala loomabonakude noonomathotholo? Hayi. Ithetha ukuba kufuneka iintatheli ezizakufundiswa ukuphanda nzulu nezizakukwazi ukusebenzisa la maqonga omnatha onxibelelwano ukuze bagqithise imiyalezo yabo msinya.

Lo nto yinto umntu anokuzenzela yona ngokwakhe ukuba unefowni; ukuze akwazi ukuthi “nanku umsebenzi wam endiwenze kumnatha” xa ephuma esikolweni okanye ekhangela umsebenzi kwezonxibelelwano.

Namagumbi eendaba ziindawo ezizakutshintsha mpela, ezizakugcwala iintshatsheli zokusebenzisa umnatha wonxibelelwano.