‘Ingxaki bayathanda ukonwaba, xa kuvelwa emidlalweni bonwaba bagqithise…’

“Kuthiwa niyanxanwa kakhulu kwesi sikolo, yiyo lo nto eyenze ukuba side simenywe ngamapolisa kuba kuthiwa nisela utywala ngexesha lesikolo noyikise ootishala.”

Oku kuthethwe ngusekela mphathiswa wesebe lamapolisa uMaggie Sotyu ngethuba etyelele esinye sezikolo ezinengxaki yokusetyenziswa kweziyobisi eNgqushwa, isikolo samabanga aphakamileyo iNcedolwethu.

“Ingxelo esiyifumeneyo isixelela ukuba nina niza esikolweni nizintyintye ngotywala, kwaye nisebenzisa neziyobisi silapha ukuza kuncedana nani kulo ngxaki,” ucacise watsho uSotyu.

USotyu uthi, indawo yaseNgqushwa ayinamapolisa aneleyo, kwaye kukho imfuneko yokuba kwenziwe isikhululo samapolisa sesibini ukuncedisana nesi sinye sikhoyo.

“Ndizakuhamba apha ndimisele ikomiti ezakujongana nesi sikolo nezinye izikolo, eli bhunga lizakuquka amapolisa, amalungu ebhunga lokulawulwa kwesikolo kwakunye nabafundi abathile ukulwa ezi ngxaki zichaphazela izikolo,” utsho uSotyu.

Iingxaki ezambethe esi sikolo zibangele ukuhla kwezinga lokuphumelela kwabantwana kwibanga leshumi ukusukela oko kuthe kwavela ezi ngxaki.

Inqununu yesikolo uLuyanda Hlasela, uthi zininzi iingxaki eziphazamisa ukuhla kweli zinga. “Kunyaka ophelileyo sifumene iziphumo ezibi kakhulu kuba sifumene amashumi amane anesihlanu kuphela, kanti kunyaka ophambi kwalowo sasifumene amashumi amathandathu anesithathu eepesenti ekhulwini,” utsho uHlasela.

Lo kaHlasela, usola isebe lemfundo ngokurhuqa unyawo ukukhawulelana neengxaki abajongene nazo.”Iincwadi zokufunda zabantwana sasifake izicelo ngoSeptemba kunyaka ophelileyo azikafiki nangoku, ingxaki yokungabikho kootishala, le nto yokunxila kwabantwana isuka phaya ngaphandle kwesikolo izekuchaphazela isikolo ke ngoku,” uthethe watsho uHlasela.

Ingingqi yaseNgqushwa kwisebe lemfundo iqhube kakubi kakhulu kunyaka ophelileyo ngokweziphumo zebanga leshumi ngokwengxelo.

Usekela mphathiswa uSotyu uthi, intsebenziswano phakathi kwabazali, abafundi nootishala ingabuyisela isidima kwesi sikolo.

Owayesakuba yinqununu yesi sikolo nongusodolophu waseNgqushwa uSolomzi Ndwayana uqhayisa ngomsebenzi owawusenziwa sesi sikolo ngaphambili.

“Ngexesha ndandiyinqununu apha esi sikolo sakhupha oogqirha, omnye wabo useCuba nangoku, ncedani nibuyise isidima saseNcedolethu ngokusebenzisana nootishala benu,” utshilo uNdwayana.

Umfundi webanga leshumi uSinesipho Fumba uthi, ngenene banayo ingxaki yokugqithisa ukusebenzisa iziyobisi abathile kubo.

“Ingxaki bayathanda ukonwaba, xa kuvelwa emidlalweni bonwaba bagqithise lo nto yenze ukuba baqale ukusebenzisa utywala bade baqhele,” uthethe watsho uFumba.