Ingxaki yabafundi abangakwazi ukwetyisa abakufundayo!

Kubafundi abalishumi bakaGrade 4, babini kuphela abakwazi ukuqonda okanye ukwetyisa lo nto bayifundayo UMFANEKISO: UTHUNYELWE

KUBAFUNDI abalishumi bakaGrade 4, babini kuphela abakwazi ukuqonda okanye ukwetyisa lo nto bayifundayo ngokophando olwenziwe ngumbutho wehlabathi ohlola izinga lokufunda ezikolweni.

Uphando olukhutshwe ngumbutho iProgress in International Reading Literacy Study (PIRLS) luwubeka emva uMzantsi Afrika emva kwamazwe angamashumi amahlanu, nolufumanise ukuba abafundi bakaGrade 4 abakwazi kuyetyisa lo nto bayifundayo.

Ukusabela kule ngxaki, inkqubo iBreakthrough to Literacy (BTL) eqhutywa yiMolteno Institute for Language and Literacy, isekwe ngeenzame zokuqubisana nale ngxaki, kubantwana abafunda kuGrade 1 ukuya kuGrade 3.

Le nkqubo isebenzisa iziseko zokufunda nokubhala ebantwaneni, kwaye ikwaphuhlisa nezakhono zokubhala nokumamela.

Ingqonyela yaseMolteno Institute for Language and Literacy, uMasennya Dikotla, uthi: “[Le nkqubo] iBTL ibaluleke kakhulu ekusabeleni [kwiimfuno] zezemfundo, ikwenza oko ngokuqiniseka ukuba izuza iziphumo nabantwana, abafunda ukubhala nokufunda ngokuthe gabalala kunyaka wabo wokuqala esikolweni kwanakootitshala abaphuhlisa izakhono zokufundisa [kumabanga aphantsi.”

Le nkqubo iBTL iyafumaneka ngokweelwimi eziliqela zeli loMzantsi Afrika eziquka isiZulu, Sepedi, Xitsonga, Setswana, Sesotho, Tshivenda, isiSwati, isiXhosa, isiNdebele, Nama, Kwedam ne-!Xun.

Ngokwengxelo, iBTL sele imiliselwe ngokuyimpumelelo kuMzantsi Afrika uphela.

UMasennya uthi le nkqubo ibalulekile ekufundiseni abantwana ukubiza izandi, esithi into ekhetheke ngayo kukuba ikwenza oku isebenzisa ulwimi lwenkobe lomntwana lowo.

Le nkqubo iBTL ikwanika isiseko ekufundiseni abantwana isiNgesi, ibanika izakhono zokufunda ulwimi lwesiNgesi,” kutsho uMasennya.

Abo banomdla bangaqhakamshelana noNtiyiso Ngobeni kwi-imeyili ethi: ntiyiso@molteno.co.za okanye kule nombolo 011 484 6245.