Ingxaki yeMpuma Koloni ayoNkciyo nkokeli yam…..Manxadanxada!

Pedro Mapelo

UTat’uJacob
Gedleyihlekisa Zuma (obekade enguMongameli woMzantsi Afrika) uthethe into
ndayiva mna izolo ngethuba esiwisa ithetho yakhe kwinkonzo abeyenzelwe
eNkandla. Uthe uThixo wasibeka apha kwilizwekazi le-Afrika thina bantu
abamnyama. Ayikho inyaniso eyogqitha leyo. UThixo wasidala, wasinika indawo
yokuhlala neendlela zethu zokuphila ezizezethu emasiphile ngazo. Ndibhala le
ncwadi nkokheli yam – Manxadanxada (Nkulumbuso Phumulo Masualle) – ngoba
ndicinga ukuba uzikhathaza ngento yokugqibela zibe bezikhona iingxaki ezifuna
ingqwalasela yakho buqu ekhawulezileyo – kodwa ongazihoyiyo.

EMthatha
kukho umlo wooNoteksi oneminyaka eliqela eliqela uqhuba phakathi kwemibutho
emibini – zange kubekho ngenelelo olucacileyo olusuka kuwe ngqo njengenkokeli
yabantu beli phondo. Ukuba ubuyinkokeli efana nomphathiswa uPanyaza Lesufi
kwiphondo laseGauteng, ngesesikhathule kwizinto ezininzi ezisixakileyo.
Iingxaki ezivelayo kwisebe lakhe uPanyaza uya ngqo ngokwakhe – apha eMpuma
Koloni ayenzeki ncam lo nto. Kwiinyanga ezidlulileyo zema ngxi iinkonzo zoluntu
ngenxa yoqhankqalazo kumasipala waseNgcobo. IBhiso yabukela ikude ixesha elide,
nawe ubonakele kwakubulawa amapolisa eNgcobo nakwezi veki ziphelileyo.

I’solezwe
lesiXhosa lapapasha ibali ngo-2016 lomntwana oyintombazana owayengafuni ukuya
esikolweni ngenxa yokungcungcuthekiswa ngutitshalakazi owayesithi
uyathakathaka. Isebe lezemfundo lathi liyayiphanda lo nto – asizazi iziphumo
zolo phando nangoku. Kwezi nyanga zidlulileyo, umbutho othile wenze uvavanyo
lwezifo ebantwaneni besikolo eBhayi ngaphandle kwemvume nabazali babo.
URhulumente wakho zange wenze nto ngalo, abo bantu benza loo nkohlakalo benza
unothanda apho bakhoyo nangoku. Kwiveki ephelileyo, I’solezwe lipapashe ibali
labantwana besikolo neetitshala zabo ezigcwala amathafa ngenxa yokuswela
amagumbi wangasese – uthe cwaka Mnu. Masualle. Bendingakwazi ukuba uyakwazi
ukuthatha izigqibo ezikhawulezileyo, ndikubone apha kule nto yeNkciyo endingayaziyo
ukuba yintoni ingxaki yenu kuyo.

Ekuqaleni
kwale veki kuthe gqi umboniso oshicilelweyo obonisa amantombazana axhentsayo
athe hatya iinkciyo ezinqeni. Iingxelo zamajelo eendaba zithi wena Nkulumbuso
uyalele ukuba kubekho uphando olukhawulezileyo omalenziwe nguMnu. uMandla
Makupula. Ndiyaqonda ke ukuba loo ntshukumo yakhe iphenjelelwe sisankxwe
esenziwe ngabantu abathile ekuhlaleni. Ingxelo ithi kukhalazelwa umxhentso
wamantombaza kubonakala iimpundu. Ayizigqumi iimpundu inkciyo ngokupheleleyo –
leyo yindlela eyenziwe ngayo kwaye abaxhentsi bayayazi lo nto. Bakhona ke
abelungu abamnyama okanye abantu abagqobhoke kakhulu abathi bakubona izinto
abangaziqhelanga bafundekele ibe ngathi ilizwe lifile. Akukho sizathu sakugxuma
kangaka…. Ngoba yeMpuma Koloni ayonkciyo nkokeli yam, Manxadanxada!

Iintombi
zomxhentso zisezingqondweni. Ziyayazi la nto beziyenza kwaye akukho nto zikhale
ngayo zonke. Umgaqo-siseko weli lizwe uvumela wonke umntu ukuba aphile
ngendlela afuna ngayo. Into esiyibona kula mboniso yinxalenye yenkcubeko yethu
– ngubani ke ngoku lo uza kusixelela indlela emasiphile ngayo ngo-2018? Abantu
abangawuthandiyo umxhentso weentombi ezifake iinkciyo makakhangele enye into
ayithandayo. Noko sidiniwe ngoku yile genge ifuna kuphilwe ngendlela yayo. Ukuba
kukho umntu othi la nto yeyakudala, ayinandawo kule mihla – makasinyamezele
thina sisabambeleleyo kwizinto zabantu.

Inene,
ukuba ingqobhoko ibinazo iimpendulo zeengxaki esithubeleza kuzo kobu bom
esibuphilayo – eli lizwe ngelizolile futhi ngesiphila ngoxolo nemvano.
Inkcubeko yethu ngeke ibulawe ziinkokeli ngenxa yengxolo yabantu abathula bathi
cwaka xa kuvezwa abantu abahambaze yonke imihla kumaphephandaba
nakoomabonakude. Zininzi kakhulu izinto esizibonayo kwezi ntsuku ezihlasimlisa
umzimba – kodwa siya nyamezela ngoba savuma ukunyamzelana nokuhlonipha izinto
zabantu ngokwahlukana kwenkcubeko yabo kweli lizwe.

Nceda ubaxelele
bonke abantu abahewula inkcubeko yethu ukuba ngeke siziyeke izinto zethu ngenxa
yenkgqobhoko [yabo] ephambeneyo nentlalo yethu. Abantu abacinga ukuba ingqobhoko
yeyona esakungena ngayo ezulwini bayazikhohlisa. Ingase iphele ezingqondweni
zabantu abaphila ubom beengcungcu le nto yokucinga ukuba abanye abantu abanayo
ingqondo yokucinga okanye abakwazi ukuzikisa ukucinga. Silapha ku-2018 ngoku
neengxaki kwintlalo yethu esingakwaziyo ukuzisombulula ezifana nokubulawa
kwabantu abangoomama nabantwana, urhwaphilizo, ulawulo oluheshe-heshe –
ekufaneluba sichitha ixesha namandla wethu kuzo. Asiyenzi lo nto, kutheni?

Iinkokeli
zethu ingase zisukumele izinto ezibalulekileyo. Abantu baseMthatha basengxakini
oko kwathi kwavalwa iindawo zooNoteksi ngenxa yodushe olwavelayo. Ngenxa yolo
dushe; abantu ngoku bayasokola. Kweyam ilali phaya eDutywa asinayo indlela
namanzi acocikile. Ukuba bangeva ukuba izinto uyakwazi ukuzikhawulezela ngolu
hlobo, bangabuza ukuba kukhethwa ezabatheni na iingxaki zabantu kweli phondo. Inkcubeko
yethu thina bantu abamnyama ngeke siyilahle kuba sisoyika ingxolo yabantu
abangazaziyo nokuba bangoobani. Sonke sinamalungelo okuphila nokwenza izinto
esizithandayo singabantu baseMzantsi Afrika.