Ingxaki zentlalo nesijolo

Ingxaki: Ndicela amancedo kule ngxaki ndikuyo, ndaswelekelwa ngumyeni wam ngonyaka ka2015 ephangela kwarhulumente, ndawafaka amabango kwabuzwa kwanabantwana ndathi bakhona bathathu, nangona ndingabazi nabo abandazi baseKapa ngoko kwathwa, mandibakhangele ngokuba urhulumente akagcini mali yamntu, andizokwazi ukufumana eyam imali bengeko bona.

Ndafonelwa ligqwetha lomyeni wam lifuna imali yalo, ndalixelela uswelekile, lathi liyibone eMaster Court eBhisho lo nto ngoko lifuna iR20 000 yalo, ndathi andinayo ndikule ngxaki, lathi lizokundinceda lifuna i-25 yeepesenti kum ndavuma, kodwa akukhonto lindenzele yona de kube ngoku. Libuza kum kusathe cwaka na, phofu lithi nokuba lingaya eKapa, ukuba abafuni kusayina lizobanyanzela, ngoko loo mali yas’ke itshone. Umbuzo wam, ithwani into enje? Ndicel’uncedo!

Impendulo

Molo sisi, ndicebisa ukuba uzame ukuyofuna ingcebiso kwiziko lezoncedo kwezomthetho (Legal Aid) okufutshane nawe malunga nale ngxaki yokuqala yokungafumani imali yakho nangendlela ozokwazi ukufumana abantwana bomyeni.

Xa sele uwufumene umkhomba-ndlela, uzame iingcebiso ngeligqwetha ingathi lizimisele ukufumana imali lingasebenzanga.

Ukuba utyikitye isivumelwano, naleyo uyichaze kwaLegal Aid kuba ungenza njani na ukuze ungaqhatheki leli gqwetha lifuna imali hayi ukunceda. Enkosi!

Ingxaki: Molweni bafundi beli phepha, limnandi limuncisa iintupha. Mna ndinengxaki endicela ukucetyiswa kuyo. Ndingumfana, ingxaki yam ndifuna ukutshata kwaye lo mntu ndinqwenela ukumtshata akanguye umama wabantwana bam, uloyiko lwam kulo mnqweno wam kukungafuni ukunikela abantwana bam umva ngokuba xa ndisemtshatweni, lo ndizokube ndinaye akazokufuna ncam ndibanezise abantwana bam nangona kuzokuba buhlungu entliziyweni yam. Umama wabantwana bam asisathandani, nditsalwa ngabantwana kuphela kwicala lakhe, kwaye andifuni kutshata yena ndibe ngaphakathi kum ndisanezisa abantwana, lo nto iza kundenza ndingalawuleki kwaye naloo mtshato ungabi nasidima ngokuba ndizokwenzela abantwana, ndizibone ndingamxabisi ndingamazele nto noba uyintoni ebomini bam. Ndicela amalizo bangcwele ndibuhlungu ngokuba abantwana bam ndikholelwa kuThixo ukuba apho ndihamba khona bona basisibane senyawo zam ngokuba ndiyabaxolisa emphefumlweni . Ndingumhlali eMdantsane.

Impendulo

Molo bhuti, ndivuya kakhulu xa kukho ootata abafana nawe kwaye abanenkathalo ngabantwana babo. Ndicela uthethe nosisi lo ufuna umtshata bhuti, umchazele indlela ocinga ngayo noziva ngayo, ngokuba enyanisweni kuyafuneka eyazile ukuba awuzophatheka kakuhle xa ethe wabangela ungabi nagalelo ebantwaneni bakho kwaye babenenzondo ngakuni nobabini.

Ndiphinde bhuti ndikucele, ukuba wena njengotata wabantwana uzixelele ukuba akukho nto kwaye namntu oya kuthi akwenze ungabi nagalelo ekukhuleni kwabantwana bakho nasekubaxhaseni.

Ngoko ke bhuti thetha nosisi lo, umchazele ukuba awuzimiselanga nakanye ukohlukana okanye ungabi nagalelo ebantwaneni bakho, kwaye umqinisekise ukuba akukho nto izokutshintsha phakathi kwenu. Enkosi!

Ingxaki: 1. Ndicela ukuncedwa. NDICELA UNGALICHAZ IGAMA. Ndineenyanga ezisixhenxe ndikhulelwe, umntu ondimithisileyo wabaleka, andisebenzi kwaye ekhaya baqumbile, akukho namntu ondibuza ba ndimithiswe phi, ngubani, ngokuba besendamkelwe eWSU ndizokufunda. Andinazo nezi zokuphuma esibhedlele iimpahla zomntwana. Ndicinga nozibulala qha ndicingele lomphefumlo ungenatyala ukhulayo phakathi kwam. Ndicela iingcebiso, kudala ndifaka iCV, kodwa andide ndifumane msebenzi. Ndicinga nange adoption. NCEDANI BANTU!

Impendulo

Molo sisi, ukuzibulala akuzokunceda nganto tu. Abantu bakowenu badanile kukumitha kwakho kwaye bafanelekile ngoba ukumitha ayiyo nto bebekunqwenelela yona nanjengokuba umncinci usafunda.

Zama ukucela uxolo uthethe nabo kwaye ubacele bakuxhase ungazokuphulukana nethuba lokufunda, kwaye ubonakalise ukuzisola ngesisenzo, ubachazele uzimisele ukuqhubeka nokufunda ngokuba luzokuxhomekeka kuwe olo sana.

Kungenjalo, ukuba uyasithatha isigqibo somnikezela koonontlalo ntle uziphe ithuba lokuya ufumane iinkcukacha, zoxa umnikezela ucele nokufumana iingcebiso zokumelana nesi sigqibo usithathileyo wazise nabekhaya lakho ukuba ucinga ntoni.

Umsebenzi wona unqongophele kwezi ntsuku kwaye kufuneka ube ngumntu ozimiseleyo ngokusebenza ngokuba kungenzeka ufumane umsebenzi ofuna umntu ozokunyamezela kwaye oyaziyo into ayifunayo, ngelitshoyo ke ndithi nomsebenzi lowo ungangawufumani okanye ufumane ozakubangela ungemelani nawo.

Imfundo ibalulekile, ukuba ayikho indlela yokuba ufundiswe kowenu cela izibonelelo zokufunda uzokuphucula impilo yakho nosana lwakho nekhaya lakho. Enkosi!

Ingxaki: Ndingumfana omdala ekhaya, utata wandiphika ngoko sidibana ngoku sendimdala. Ndikhuliswe kulo mama ndisebenzisa isiduko sakulo mama nefani yakulo mama. Andikawenzi umsebenzi, andazi nokuba ndenze owakulo mama okanye owakulo tata ukuze izinto zindihambele kakuhle.

Impendulo

Molo bhuti, ndicebisa ukuba uqale uthethe nomama wakho uve uziva njani nezimvo zakhe zithini malunga nalo mba. Uthethe nabo nabantu bakulo mama njengokuba bakukhulisa uve baziva njani ukuba wenze eyakulo tata imisebenzi nanjekuba uligazi lapha. Ucinge nawe ukuba ufuna ukuthatha esiphi isigqibo nokuba uziva njani ukwenzela wamkele yonke imeko lula nobomi buqhubeke. Enkosi!

Ingxaki: Mna sisi ndicela ukuncedwa kakhulu. Ndifumene umfana, ndiyamthanda kangokuba siye saqhuba iiveki ezimbini siphuzana kodwa uye wathi uyoyika silale kodwa endonwabisa kakhulu, ngoku uthi masiyeke kodwa uyandithumelela imiyalezo yothando, Ndithini?

Impendulo

Molo sisi, umfana lo kungenzeka unaye umntu anaye ngoku woyika univisa kabuhlungu nobabini, ibe iyinto entle leyo ingakumbi xa benisaphuzana ningekadluleli kwenye into.

Okanye udlala nje ngawe ufuna ukubona umthanda kangakanani na. Ndicebisa ukuba umbuze ubhuti isizathu esibangela afune niyeke ningakhange nixabane, ukuba uyakuxelela uthathe isigqibo ngelo xesha kodwa uzincede ungavumeli kwenzeke engaphaya kokuphuzana ngokuba izokubangela lo nto uve kabuhlungu xa nisohlukana ube wena uzinikele ngentliziyo yakho yonke kulnto. Enkosi

Ingaba unengxaki kwintlalo okanye isijolo ongathanda sikucebise ngayo? Sithumelele umyalezo kuWhatsapp

wethu 063 734 1944