INGXAki: Ndiyazibulisela kwiGumbi leeNgxaki. Eyam ingxaki kukungasebenzi, ndicela xa kuthandazwa ichatshazelwe. Ngumthwalo.
Impendulo: Ndiyabulisa, ukuthandazisa akuyiyo ingxaki sizakwenza njalo, ngethemba lokuba nawe wenza konke okusemandleni akho ukuba uyawufuna umsebenzi kwaye awuwukhethi. Abanomzamo bayavuzwa. Enkosi!
Ingxaki: Ndinabantwana ababini, indoda eyandizalisayo yatshata, ngoku mna ayifuni ndithandane – nangona ebondla abantwana, ndicela uncedo kuba mna ayindiphathanga kakuhle le meko.
Impendulo: Molo sisi, qina umqolo umxelele ubhuti lo ukuba akanalo ilungelo lokukulawula ngobomi bakho ngaphandle kwento edibene nabantwana. Nawe ndiyaqonda uyakufuna ukutshata ubenomlingane njengokuba naye enaye umlingane.
Yena makaqhubeke ondle abantwana ahloniphe ubomi nezigqibo ozithathayo ngabantwana benu ingakumbi xa zingachaphazeli ukhuseleko lwabantwana benu. Enkosi!
INGXAKI: Ndinengxaki nam, ndingusisi waseXesi, bendithandana nobhuti ndiseKapa, ndadibana nalo bhuti ndimhle, ndityebile, zange atsho kum ukuba uHIV.
Ngenye imini yasuka ikhondom yachithakala apha kum. Ekuhambeni kwexesha ndasuka ndagula, ndafumaniseka ndinegciwane, ndamxelela, wathi kum uxolo. Ndaqalisa ukugula ndanazo neeTB, ndagoduka. Usuke wandixelela ukuba uqhubeke nobomi bakhe.
Ndiva kabuhlungu. Ndicel’ ukubuza, ndingathini ukuze ndicetyiswe?
Impendulo: Molo sisi, uxolo ngemeko yakho. Samkele esi simo ukuso, uye ekliniki ufumane iipilisi ezizoncedisana nezakhamzimba ubuyele kwesa siqu sakho usaziyo kwaye uzithanda ukuso. Intsholongwane le ifuna umntu ayamkele kwaye azixelele ukuba akasokuze avumele imbulale lukhona uncedo.
Akukho nto itshintshileyo kuwe usengula mntu unguye, umahluko nje kukuba usakhathazwa yile meko uzibona ukuyo, Myeke aqhubeke nobomi bakhe, nawe sisi qhubeka nobakho ngoba xa unokusweleka akazo kuvakalelwa, kanti ukuba ukubona usempilweni nasemandleni uzakuzibona engaphumelelanga, nokuba ibikhona into ebezama ukuyenza ngokungakuxeleli kwaye umxolele nawe uzixolele uzokubona kuzokulunga. Enkosi.
INGXAKI: Molo, ndinengxaki, kukho umntu endithandana naye, ndiyamthanda qha yena andimazi nokuba uyandithanda na ngokuba xa enemali uyandibaleka, abuye xa kunzima okanye efuna ndimcebise. Ndicela ukuncedwa ndingenza njani?
Impendulo: Molo sisi, lo mntu ndibona engakuthandi mna ngoba yonke into yakhe kufanele uyenza nawe kumnandi kukubi.
Asukuba ufuna imali yakhe kodwa andiboni sidingo sokuba xa enayo ahambele kude, xa engenayo akwazi ukuba ungumntu okhoyo. Thatha isigqibo esizakulungela nanjengokuba umbonile ukuba ungumntu onjani ngoba alibonakali ikamva emntwini owenza ngolu hlobo. Enkosi.
INGXAKI: Ndiyazibulisela, ndinengxaki, kufuneka ndenze intambo enkulu, ngoku xa ndibuza kwifemeli yakulo tata akukho nomnye onayo kwaye utata wam akasekho, ndinukwa ngayo qho xa ndikwindawo enamagqirha. Ndicela ingcebiso ngokuba ndiyafuna ukuzenzela.
Impendulo: Molo Sisi okanye bhuti, khawuthathe umntu wekhaya nikhe nisabele lo mba wentambo kakuhle emntwini ozakunicacisela, anixelele ukuba kufuneka nenze ntoni njani na. Wandule ke ngoku ukuqiniseka ukuba uzakwenza kanjani, ngento ekucaceleyo. Umbuze usiyazi ukuba wenziwa njani lo msebenzi ukwenzela ubachazele abantu bakulo tata wakho xa uyokucela bakuncede ngento. Enkosi!
IINGXAKI: Molweni, ndingumfundi weli phepha, ndibe nomdla ndisakubona eli candelo lengcebiso, ndinengxaki, ndincede. Umama wayesebenza eCecilia Makhiwane waze wasweleka ngo1993, ukususela ngoko zange ndiyifumane imali yakhe, ndazama ukuya eBisho, zange ndincedwe ngenxa yokungabikho kwePayslip yakhe, kwenzeka impazamo zalahlwa mhla kwakucocwa indlu, bekuloko ke kukhalwa ngoPersal wakhe. Zange ndincedakale, ndicela ukukwazi ukuba ndingenza njani ukuze ndizifumane iimali zikamama. Yena waqeshwa ngeReference Book ebengekabinayo i-ID, kodwa zonke iinkcukacha zengqesho zikhona kuyo. Enkosi.
Impendulo: Molo bhuti okanye sisi, ndicela wenze isicelo sokutsalelwa umnxeba (please call me) ku 079 835 7179 bazakubuyela kuwe. Ubachazele le meko yakho, banceda abantu ngeengxaki ezidibene nezomthetho, kwaye banganalo ulwazi oluphangaleleyo malunga nale ngxaki yakho. Enkosi.
INGXAKI: Molo sisi, ndinengxaki endicela undicebise kuyo ukuba ndingaphuma kanjani ukuze ndingabe ndiyicinga, ayindiphathi kakuhle. Ndijola nalo bhuti uthi uyandithanda, kodwa isimanga sidibana ngefowuni qha uligqirha ke lo mfana, uthi ubhizi, uye athi xa ethetha ndizoyibona ngenye imini lo nto ukuba uyandithanda. Sadibana kudala, iyaphela inyanga engafowunanga, sineminyaka emine sijola, ndiyamthanda kodwa ndiyohluleka ngoku.
Impendulo: Molo sisi, ngokokwazi kwam igqirha akufuneki lisondele kakhulu kumabhinqa okanye amadoda. Kufuneka lihloniphe abantu abadala abakuye, zama ukumthemba xa esithi uyakuthanda kwaye ukuba nawe uyamthanda uzamlinda ngomonde. Enkosi.
Ingaba unengxaki kwintlalo okanye isidyolo ongathanda sikucebise ngayo? Sithumelele umyalezo kuWhatsapp
wethu 063 734 1944
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo