Ingxaki zesijolo nezasekuhlaleni

Ingxaki: Molo Sisi, ndicela ukungazichazi igama lam, ndinengxaki, ndaswelekelwa ngumyeni ndabuya emzini ndinomntwana omnye , ndadibana nomntu ekudala endifuna ndingekatshati, sele ephuma emitshatweni emibini, ndacinga ukuba noko ngumntu okhulileyo kwaye nam ndinentsukaphi yam njengokuba naye eneyakhe, naye sokuphathana kakuhle.

Ndibe naye iminyaka emithathu kulungile, kuthe kulo wesine unyaka zakhona iingxaki abuye torhwana axolise, kodwa kwenzekile ngenye imini ndaxabana naye ngoba ndiye ndafowunelwa yiBoss yam icela ndiyokumenzela nto ithile e-ofisini, efowuna ekhona phofu umfana lo, saya sobabini e-ofisini ndamenzela uboss, wathi uxolo wethu ngokujikisa usendlini thatha nantsi i-R200 uthengele abantwana ipizza, esitsho ekhona umfana lo futhi de babulisane babuzane impilo kungabikho nto sihambe, kanti yena akayithandanga lo nto umfana wathula kum , suke ngosuku olulandelayo ndazincokolela komnye endiphangela naye ukuba ndiye ndafowunelwa yi-boss ngezolo ndajika sendikufutshane nasendlini, ndibalisa ekhona phofu umfana lo, yhooo! sisi, yanga ngendingatshongo wangxola kuloo ofisi, wathi ndimdelisa ngoboss, andinaxesha lakhe, ndathi mna xa ndiphendula yhini ungatsho ukuba akuyithandi le nto izolo kum, ubusuku bonke ngoku siyaxabana, de athi mhlambi ndiyenza le nto ka-boss kuba endazi andinamyeni, ngoku yena ungu-boyfriend ndiyamdelisa, ndathula sisi , ndaxolisa kwalunga. Kwalile emva kweenyanga ezintathu ndafowunelwa yinombolo engenasazisi (private) ethi oooh! ukuwe namhlanje, ndathi mna ubani, ungubani wena, wazichaza igama lakhe.

Xa efika * -boyfriend ndathi kukho umntu othi apha kum efowuna ngo-private, wathi ukundiphendula bendifunani kwifowuni yakhe, ndathi mna khandijonge fowuni yakho, mna zange andiphendule. Kwalile ngenye imini ndaba i-security code yakhe, apho ndifike kuneefoto abathumelelana ngazo, abantu abajola naye akamnyanga, khange ndihoye.

Ndakhubeka xa ndibona iSMS abathumelelana nentombi endiphangela nayo ukuba mna ndiphakamile, kwaye mna xa sixabeneyo iyamdika le nto ndithi ndifuna ukonwaba ngokuba ukuswelekelwa ngumyeni zange kube lula kum, ngoba ndatshata iminyaka emibini wasweleka, yaphendula intombi le ndiphangela nayo esithi, makangakufundekeli ngokuswelekelwa ngumyeni wawungekho bomini bakhe, ndiphucuke gqithi, ngoku Sisi ndidikiwe yile ndoda ngoba ke ayinayo nento ebhetele, bendimthanda, hayi izinto anazo, ngoku ndivele ndadikwa ukuba andihlebe kumntu endiphangela naye, phofu eme ngokuba uyandithanda. Ndicela icebo.

Impendulo

Molo sisi, ndivuyela le nto ubona ukuba akukho nto yakhayo nalo bhuti uhamba ethetha ngawe, kwaye onamanye amabhinqa ebomini bakhe.

Mxelele sisi kwangoku ukuba ayizokulunga le nto yenu, awuboni ninekamva kunye. Uqhubeke nobomi bakho ke sisi wakugqiba ukhulise umntwana wakho, uzithande kwaye umthande nomntwana, ngethuba elifanelekileyo uzakumfumana umlingane wenene nozakusebenzisana nawe ngento yonke kakuhle. Enkosi.

INGXAKI: Molweni, ndicela ingcebiso ngesehlo esafumana isihlobo sam. Wenziwa nzima ngumntu ebeqala ukuthandana naye ngosuku lokuqala, emnqandile * -boyfriend kuba kungekho khondom, ngoku akahoyi umntwana ekubeni exelele nomfazi we-boyfriend, umfazi wafowuna emazisa ukuba umyeni uxelile ngomntwana, ethembisa ngokuhoya umntwana, kodwa bagqibele kwinyanga ephelileyo ngeR300 koko umntwana ekho.

Uneenyanga ezisithoba ngoku, bathi abanamali, umyeni uyaphangela kwaSecurity kwaye isihlobo sam sithi enye ingxaki wayetshatile bohlukana, ngoku wakhulelwa wabe umyeni eswelekile engekabeleki. Ngoku isatifiketi somntwana sibiza umyeni kuba ifani ebiza yona isihlobo sam kwabhalwa nomyeni. Ingcebiso!

Impendulo

Molo sisi, ithande ukudubadubeka le ndlela ubhale ngayo kodwa ndizakuzama. Itshomi yakho mayithethe notata womntwana nonkosikazi wakhe baphinde babonisane ukuba bazakumncedisa njani ekukhuliseni umntwana.

Ukuba abafuni aye kumantyi afumane imali yesondlo ngolo hlobo xa kungekho ntsebenziswano. Naye umama womntwana afune umsebenzi ukuncedisana nokukhulisa umntwana wakhe.

Ayokulungisa ifani yomntwana, achaze ukuba kwenzeke njani ukuze ibhalwe ngomyeni kwaNdaba Zabantu. Enkosi.

Ingaba unengxaki kwintlalo okanye isidyolo ongathanda sikucebise ngayo? Sithumelele umyalezo kuWhatsapp

wethu 063 734 1944