Ingxaki zomntu azikhethi bala…

Yintlungu ke xa ndiyicinga into yoba yonke le nto sikuyo eMzantsi Afrika yokuzondana, nobandlululo uba yaqala xa kwakutheni phakathi komntu omnyama nomhlophe.

Andiqondi noba ndiyafuna ukuyazi ngaphandle kokuba ndinqwenela uba ngenye imini ndingaze ndivuke seyingathi zange yabakho njengezinye izinto ezidlulayo futhi sizilibale. Izinto esasicinga uba zakusinceda kunangoku azisincedanga usuka apho inzondo iya ikhula nabazalwayo bazalelwa kuyo kudyobheka nabebemsulwa, abebengekho. Ngoku sithini?

Ayikho into endohlula njengongafumani sisombululo kwingxaki ethile. Ndikholelwa kwinto ethi, kungabakho ingxaki, isisombululo sikhona. Kodwa ke imfazwe yomntu omhlophe nomnyama ithande ukubanzinyana. Kodwa ke asizuncama, kuthiwa kwaXhosa akulahlwa mbeleko ngakufelwa.

Le nto ke yesisimo esikuso, ndiye ndiyikhumbule xa ndibona abantu abamhlophe abasezingxakini ezifana nezethu nabanobuntu ngomnye umntu. Inyani emsulwa yeyokuba, asingabo bonke abantu abamhlophe abasingcoleleyo thina, luhlanga olumnyama. Bakhona abantu abamhlophe abanobuntu nabakhathalayo ngabantu qha ke kuthiwa isizwe sifa ngomcinga omnye.

Asingabo bonke abantu abamhlophe abanobutyebi. Bakhona abantu abamhlophe abahluphekileyo nabanezidingo njengathi. Ewe isininzi sabo asiyazi intlupheko, andali ndiyavuma.

Abanye badyobheke ngenxa yabazali babo ababafundise ukungcola, ngapha koko bona babengazi noba abantu abafani. Izinto nathi esizithethayo singabazali phambi kwabantwana bethu azizi nasisombululo, nathi sinegalelo ekufundiseni abantwana bethu inzondo.

Ndikhe ndabakwindawo apho bendincedwa khona ngumntu omhlophe obhinqileyo, ndathi ndiyele enye, incoko yasiqhubela kwenye. Kuye kwathi ke ngokubanomdla kwakhe kule nto besithetha ngayo ingeyiyo le bendiyiyele (iphulo lokwakha abantwana abangamakhwenkwe), wabanomdla wokuva inkcukacha ngokubanzi.

Andifuni nokuxoka, emazantsi entliziyweni yam bendizibuza uba inoba uzothini bethu emva koba ndimxelele..ngoba kaloku ndicinga uba bona abachaphazeleki.

Phofu kwanto endiyenzayo ekuhlaleni andikhe ndicinge uba umntu omhlophe angazuza nto. Engqondweni yam nangendlela izinto endizibona nendizazi ngayo ndicinga uba akhonto umntu omhlophe anokuze ayizuze kuthi. Kanti andazanga!

Kwathi ke ngoba ixesha lona bendinalo ndamxelela indlela intliziyo yam ebuhlungu ngayo xa ndibukele umntwana oyinkwenkwe ekhangeleka ngathi akahoyekanga ekhaya, ekuhlaleni, nakwilizwe jikelele.

Sakugqiba phofu xa besenza izinto ezibheke ecaleni sibaphose kwezimnyama zona izisele singakhange sibamamele nokubamamela, babe befunde ntoni phofu kulo nto yokungabakhathaleli kwethu?

Ayikho. Siphinde sithi xa beye esuthwini ezo veki zimbalwa silindele uba babuye betshintshile bengamadoda besenza njengamadoda. Iiveki ezintathu zingafundisa umntu na bethuna indlela yokuphila nokuziphatha? Ndithe ke ndisaqhubeka yathi le nzwakazi, ‘le nto uthetha ngayo ndiyayazi.

Ndisitsho nje nditshatile kodwa umyeni wam ukhona akakho’. Zange ndothuke kanje. Andithi kaloku xa sijonge abantu abamhlophe siye sicinge uba bona izinto zibahambela kakuhle, abafani nathi.

Uye walolula lo nkosikazi ibali lakhe ndatsho ndatshintsha indlela endicinga ngayo ngoko nangoko. Wayenza into uRhulumente wobandlululo!

Sele sikule nto sikuyo nje kungenxa yokwenza kwakhe. Emva kwayo yonke lo ncoko iye yabande kwathi qatha uba, uba nje yayingazange yabakho yonke le nto ngesiphila kamandi.

Ngesibonana njengabantu, hayi ibala lethu. Usizi lwam ke iye yaba kukuba, kubantu abamhlophe bakhona abangacingi njengesininzi abantu abamhlophe abacinga ngalo. Qha ke lo nto asizuyazi ngoba kukho umsantsa phakathi kwethu. Kwaye lo nto isivalela amathuba okuba sifunde, sifundisane.

Ngeenkcukacha: 079 284 1757, katomnoku@gmail.com