Ingxelo iqikelela abasetyhini baza kwabelana ngesondo neerobhothi ngo2025

Ingxelo iqikelela abasetyhini baza kwabelana ngesondo neerobhothi ngo2025. Umfanekiso: Typify

Ewe, usifunde kakuhle isihloko. Kwaye oku kungokwengqikelelo yengcali ephanda ngekamva, iFuturologist ngamanye, uGqirha Ian Pearson.

Uqikelela ukuba abasetyhini banokukhetha iirobhothi kunamadoda xa kuthethwa ngeemfuno zesondo, into enokwenzeka ukuqala ngo2025, ngakumbi kumakhaya afumileyo ezipokothweni.

Ingxelo yakhe ithi abasetyhini banokude bathandane neerobhothi, kwaye bakhe ubudlelwane obusondeleyo nazo ngaphezu kobudlelwane babo namadoda.

Ingxelo kaGqirha Pearson yothusa abaninzi xa iphephandaba laseBritani, iThe Sun, layipapasha ngo2016.

UGqirha Pearson uthi le yinto enokwenzeka njengoko abantu ngoku besebenzisa izixhobo zokuzonwabisa ngokwesondo. Uthi akuyi kuba kudala ngaphambi kokuba ukwabelana ngesondo nerobhothi ixhaphake kubasetyhini xa kuthelekiswa nokubukela amanyundululu.

Ukwaqikelele wathi ukwabelana ngesondo kunye nerobhothi kuya kuba yinto eqhelekileyo kunesondo esiqhelekileyo ngo2050, kwaye izokogqitha ukwabelana ngesondo ngandlela zonke nomntu.

“Uninzi lwabantu luza kuba nentandabuzo malunga nokwabelana ngesondo nezi robhothi ekuqaleni kodwa ekuhambeni kwexesha baza kuziqhela. Njengoko ubukrelekrele bobugcisa (AI/Artificial Intelligence) kunye nokuziphatha kwaba matshini kuphucuka, nokukwazi kwabo ukwakha ubuhlobo okanye ubudlelwane obomeleleyo ngokweemvakalelo, oka kuthandabuza kuya kuncipha kancinci kancinci,” ubhale watsho uGqirha Pearson kwingxelo yakhe, egunyaziswe yiBondara, ivenkile ekumnatha ethengisa izixhobo zokuzonwabisa ngokwesondo.

Le ngxelo yale ngcali, ebizwa ngokuba yiRise of the Robosexuals, iqikelela ukuba isondo elisekezelwe kumfanekiso owenzwe ngobuchwepheshe ukuba ubukeke ingowenyani (virtual reality) iya kuba yinto eqhelekileyo ngo2030. Ukwathe ngo2035 izixhobo zokuzonwabisa ngokwesondo ziyakudibana nalo mfanekiso okwenyani wenzwe ngubuchwepheshe.

Nangona kunjalo, uGqirha Pearson uthe ubudlelwane nabantu buya kuhlala kuxatyisiwe kakhulu, wongeza ngelithi isondo neerobhothi akufanele kubonwe njengento embi, kodwa njengenzuzo kwisini somntu.

Ucinga ntoni ngezi ngqikelelo?