Ingxowamali yophuhliso lweefilimu eMpuma Koloni

Ingqonyela kaECPACC uPhumeza Skoti ethetha noonondaba nabadidiyeli beefilimu eMonti Umfanekiso: Isolezwe lesiXhosa

“Kuyo yonke le minyaka besiqhuba ngemali engangesigidi esinye seerandi sokuxhasa iifilimu. Loo mali ibisiya nakwimirholo yabasebenzi bethu, ngoko ke ibingekho ngako into esinokuyenzela iifilimu kweli phondo,” kutsho uPhumeza Skoti, ingqonyela yebhunga lezobugcisa nenkcubeko eMpuma Koloni (ECPACC).

“Ngoku, silindele imali engange R15.8 million yokuphuhlisa iifilimu kweli phondo. Ndingathanda nokubulela iofisi yenkulumbuso, nenkulumbuso ubuqu uOscar Mabuyane, obonakalise inkxaso engazenzisiyo ekuxhaseni uphuhliso lwemiboniso bhanyabhanya ephuhliswa apha eMpuma Koloni,” uqhube watsho.

Kule minyaka idlulileyo eli bhunga likaSkoti belisebenza ngokumane linika abo basebenza ngezobugcisa nenkcubeko ezo malana banazo.

Ngoku bathi bakutsho bakwazi nokulandelela, banike nenkxaso kwabo babanika imali.

Le mali isuka ngqo kwiofisi kaMongameli weli othubelezise imali yophuhliso kumaphondo oMzantsi Afrika jikelele. Ihleli kwisebe lezoqoqosho lephondo ngoku.

Okwangoku sekutyikitywe isivumelwano sokuba abakwaECPACC baza kuyifumana. Le mali iza kusetyenziswa ekuvuleni iofisi yeefilimu yephondo nalapho kuza kuqeqeshwa abenzi beefilimu bodidi.

Le mali iza kuya nakwabo bafaka izicelo zokwenza iifilimu ephondweni. Kuza kuthengwa nobuxhakaxhaka bokwenza iifilimu obuza kugcinwa kule ofisi. Kukwakho necebo lokuqala umnyhadala weefilimu waseMpuma Koloni nokuveza imiboniso bhanyabhanya yabo basakhasayo rhoqo ephondweni.

“Le 15.8 yezigidi zeerandi yeyalo nyakamali kuphela ngoko ke kubalulekile ukuba abantu baze ngaphambili xa sisenza isimemo kumaphephandaba,” kutsho uAmit Raj, wezimali kwaECPACC. “Le mali nale ofisi ayizokugxila kwinani labadidiyeli beefilimu, iza kuhoya uphuhliso lwabo benza umsebenzi okumgangatho omhle. Nokuba ngabantu ababini okanye abathathu okwangoku, asizoleqa amanani.” uqhube watsho uSkoti.

Eyona bafuna ukuyenza kukusebenzisana nabadidiyeli abalishumi elinesithandathu (16), ingakumbi abafazi nolutsha oluntsundu. UAyanda Mama we-Iliso Films, obezimase lo msitho, uthe “Sisiqalo ke esi. Incinci yona le mali kodwa ingakwazi ukuqalisa ukudidiyela iinkqubo eziphuma apha ephondweni. Thina badidiyeli beefilimu abalapha kuza kufuneka sifunde ukusebenzisana ngoku sikunikwayo, ukuze sizuze impumelelo.”

Omnye wabadidiyeli beefilimu, oqeqeshwe eRhawutini nosebenza kwiilali, uZinzisiwe Kulu, uthe: “Kufuneka sibamkele ke nabo baza kubuya koomaRhawuti, Thekwini nooKapa ngelithi bafuna ukuxhamla kule ngxowamali. Kaloku bona baza namava kwaye bangakwazi ukusitshayelela. Siyalivuyela eli nyathelo!” USivuyisiwe Giba, weSivuBuhle Media, uvakalise uvuyo ngeli phulo libhengezwe nguECPACC “Siyaqala ukukhe sive eli bhunga libhengeza into entsha nekubonakala ukuba ugxile ngqo ekuncedeni thina bantu basebenza kwiMedia. Sisuka koomaKapa ngelithi sibuyela eKapa sizokuncedisa nathi apha.”

*Uxhamla njani okanye uthatha inxaxheba njani? Kuza kufakwa iintengiso zokuza ngaphambili kule nyanga yoMsintsi emaphepheni. Emven’ koko kuza kubanjwa iindibano zokucebisa abo bafaka izicelo. Ekupheleni kweyeDwarha kwakuqalwa ukusebenzisana nabo bakhethiweyo. Iinkcukacha ezithe vetshe zifumaneka ku:

www.ecpacc.co.za