Ingxuba kaxaka yamanzi eGcuwa

Abahlali belokishi yaseZizamele cebukuhle nedolophu yaseGcuwa, bathi kuzakuphela inyanga yesibini ngoku bengenamanzi endaweni yabo.

Ixhegwazana elihlala kwaPhase 3 kule ndawo, uMeggine Mdunyelwa (85), uthi iphelile inyanga oko benethemba lokuba amanzi azakubuya, kwaye ngoku kuzakuphela eyesibini.

“Kunzima nokuba sivase iimpahla zabantwana zesikolo ngenxa yokuba akukho manzi, kwaye iqaqobana leemizi engezantsi apha kuphase 1 elisaphuma amanzi abavumi abanikazi bayo ukuba sikhe amanzi kuyo,” uqhube watsho uGogo

Uthi abo banemizi ezinze kwindawo ezisemgxobhozweni asamane ephuma amanzi kubo kodwa abavumeli kwamntu ucela amanzi kubo.

Njengoko sele ekhulile ugogo uthi kunzima nokuba azenzele into ephungwayo kuba funeka amanzi bawasebenzise ekuphekeni nasekuvaseni ixesha elininzi ngenxa yokungabikho kwawo.

UMhloli Sisentseni uthi kowakhe umzi asemane ephuma amanzi kodwa naye ukhe angawafumani ngenxa yokuba kugcwala kwindlu yakhe kuzokhiwa amanzi de aphele.

Ukanti nomhleli weliphepha-ndaba uUnathi Kondile ngethuba ekowabo eGcuwa kule veki uthi ugaxelekile kwingxaki eloluhlobo watsho esithi naye ukungabikho kwamanzi kumchaphazele yena nosapho lwake kuba ibilixesha apho bekufuneka kusetyenziswe amanzi njengoko bebengcwaba umakhulu wakhe uNongqalelo Charity Kondile eMsobomvu eGcuwa.

“Sichaphazeleke kakhulu. Bekunzima ukusebenza kuba amanzi emka imini yonke ngelixesha kufanele ukuba asetyenziswe, ze abuye ebusuku. Bekufuneka amanzi niwakhe ekuseni ngomzuzu abuye ngawo. Ukuba likuphosile eloxesha anizokubanawo imini yonke,” utshilo uKondile.

Ukanti naphakathi edolophini abashishina ngokuthengisa ukutya bachaphazelekile, nazo izindlu zangasese zivaliwe.

UMasipala wesithili iAmathole uthi eyona ngxaki ibangele ukuphela kwamanzi kwidolophu yaseGcuwa kwakunye neendawo ezingqongileyo kukuba aphele kwi Dama elikhulu iXilinxa Dam nenkinkishela iGcuwa, Kotana kwakunye neHlobo amanzi kwanezinye iilali ezingqongileyo nekushiyeke u13% kwidama elo.

“Oku kungunobangela wokuba yenye yendawo le ebiye yathwaxwa kakhulu nayo yimbalela eye yagqugqisa eliphondo ukusukela kunyaka ophelileyo ukuzokutsho ngoMatshi. Kwimvula leyo ibikhe yana kakhulu kweyoKwindla nakweyekhala inyanga ayikhange yenze mahluko kweli dama.” Oko kudizwe nguSisa Msiwa ojongene nokhathalelo loluntu kulomasipala

UMsiwa uthi, ngokwengxelo yabaphandi lo 30% zintsuku ezingamashumi amahlanu kuphela zamathontsi amanzi ezizakuthi zincede uluntu lwaseMnquma leliDama.

Kunjalo kuthunyelwa iiLoli ezithwele amanzi yi Amathole uncedisana noluntu lwedolophu yaseGcuwa kwakunye neelokishi zayo. Ngokwengxelo lengxaki yokunqongophala kwamanzi isezakuqhuba.Uluntu luyabongozwa ukuba luwasebenzise ngobunono amanzi ngamaxesha onke.