Ingxubakaxaka yokubhubha kwabakhwetha

Inkampani iAmafa Ethu Heritage Consultants ithi kukutshintshwa kwendlela elenziwa ngayo isiko lokwaluka okubangela ingxaki yokubhubha kwabantwana minyaka le eSuthwini kweli.

Oku kusemva kweengxelo zokuba kubhubhe abantwana abangamashumi amabini anesibini eSuthwini ukusukela oko kuqale ixesha lokwalusa lasebusika eMpuma Koloni.

Othethe egameni lesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli kweli phondo uMamnkeli Ngam uthi babuhlungu zezi ndaba.

“Kungelishwa ukuvakalisa ukuba uninzi laba bantwana babhubha ngenxa yeendawo ezalusa ngokungekho mthethweni ezingavumiyo ukuthobela umthetho wokwaluka obekwa ngurhulumente,” ucacise watsho uNgam.

Ingxelo yela sebe ithi isithili sase OR Tambo sisahamba phambili ngamanani abakhwetha abathe babhubha eSuthwini.

Oyimanejala eyintloko kwi-Amafa Ethu Heritage Consultants uSicebi Noah uthi bazenzele uphando labo ngengxaki zasebakhwetheni.

“Eyona nto siyifumanisileyo kukuba ezi ndawo zokwalusa zijike zangamaziko eziyobisi, ukuselwa kotywala nezinga eliphezulu lolwaphulo mthetho, ngoko ke kumele kubekho ezi ngxaki,” uthethe oko uNoah.

Lo kaNoah uthi abantu mabakwamnkele ukuba ilizwe nehlabathi litshintshile ngenxa yamaxesha esiphila kuwo.

“Enye yezinto esokolisa eli siko kukuba abantu abavumi ukwamnkela iinguqu ezikhoyo kwimicimbi yezempilo nakwintlalo ngokubanzi, awunakwenza isiko ngokufanayo kubantu abaphile ngeminyaka eyahlukileyo,” uthethe oko uNoah.

Uthi abantu mabafundiswe ngezinto ezingqonge eli siko ukuze bakwazi ukuthatha izigqibo ezizizo. “Abantwana nabantu abadala mabafundiswe ngayo yonke into echaphazela isiko ukuze kuthotyelwe imithetho kwenziwe izinto ngokusemthethweni,” utsho.

IMpuma Koloni isoloko ilihlazo kunamanye amaphondo elizwe loMzantsi Afrika xa kufika ixesha lokwaluka phantse yonke iminyaka.

Ngexesha lasehlotyeni kunyaka ophelileyo kubhubhe abantwana abangamashumi amane anesithandathu kwiindawo ezahlukileyo zeli phondo.

Urhulumente wephondo ukhuphe iinqwelo mafutha ezingamashumi amane anesibini ngenyanga kaCanzibe walo nyaka ngeenjongo zokuba kuliwe iingxaki zasebakhwetheni.

Ingxelo ithi ezi nqwelo mafutha ziqeshwe ngemali ekumashumi amabini ezigidi zeerandi.