Undlunkulu wombutho ongenanto yakwenza norhulumente, iWorld Vision, unikezele ngesithuthi esiluhlobo lwebhaki yakwaFord kwisebe lawo elizinze kwidolophu yaseDutywa phantsi koMasipala waseMbhashe.
Lo umsitho ububanjelwe kwibala lezemidlalo kwidolophu yaseDutywa, kwaye ubuzinyaswe nguso-dolophu woMasi-pala, uNonceba Mfencane, abahlali, isebe leze-mfundo, isebe lezempilo, inkonzo yesipolisa kwakunye neeCawe ezahlukeneyo.
Iinjongo zokunikezelwa kwesi sithuthi ziinzame zokuncedisana nesebe lezempilo ukuba iinkonzo zifikelele kuye wonke ubani, ingakumbi ebantwaneni.
I-World Vison ithi, imoto iyiphiwe ngumzi wakwa- Ford olapha eMzantsi Afrika ubambisene noseMelika (USA) ngeenjongo zokunceda abantwana xa begula.
Okhokela lo mbutho, * -Ernest Fraser, uthi ezi moto bazifumene zimbini kule nkampani ze bathatha enye banikezela ngayo Kwazulu Natala, enye kweli phondo kwindawo yaseMbhashe.
“Ngo2009 sifumanise ukuba iMbhashe inabantwana abaninzi abangathathintweni, kwaye kunzima ukuba bakhule ngendlela eyiyo, lo nto ibangele ukuba sincedise ngale moto ukunceda kwicala lempilo kubo,” utshilo uFraser
Woleke ngelithi, uthandazela ukuba isebe lophuhliso lwentlalo yoluntu kula mmadla, ngase lincedise, kwaye lithathele ngakulo zonke iindleko zemoto ukwazi ihlale isebenza.
UMfencane uvakalise uchulumanco, kwaye ubulele iWorld Vision ngale moto. “Izakudlala indima enkulu ekuncediseni ekuhanjisweni kweenkonzo kwicandelo lezempilo, ingakumbi ebantwaneni, kuba yenzelwe bona,” utshilo uMfecane.
I-World Vision ngumbutho owasungulwa ngo1950 eMelika ngeenjongo zokunceda abantwana abangathathintweni, apha eMzantsi Afrika. Lo mbutho ukumaphondo, afana neNtshona Koloni, Kwazalu Natal, iFree State, Gauteng, Limpopo kunye nephondo leMpuma Koloni.
Kweli phondo une-ofisi, eNkonkobe, eMbhashe kunye naseMzimvubu. Usekelezelwe ukulwa intlupheko, uphuhlise usebenzisana neenkolo zonke, uphucule ikamva labantwana.
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung