Inkal’ ixing’ etyeni eNgqeleni!

Isimo samanzi aselwa eMamolweni eNgqeleni, ibhulorho yaseMamolweni engawelekiyo xa kusina imvula kunye nesimo sebhulorho xa ithe yana imvula imifanekiso: Yolande Feni

Abemi belali yaseMamolweni, eNgqeleni, baneengcinga zokuqokelelana basingise entabeni beyokucela imvula kuMdali ngenxa yesimo sokunqongophala kwamanzi aselekayo. Kodwa bathi besayicinga into enjalo baphinde kwabona bakhumbuzane okokuba imvula enkulu kule yabo indawo izokuthetha ukuba abantwana besikolo abazukufunda ngoba akuweleki emlanjeni xa ithe yana kakhulu.

Isizathu sokuba abanye abahlali belali le baxakane nento yokuyifuna bengayifuni imvula, yinto yokokuba abasenawo amandla wokuvukela emlanjeni beleqa ukuyokukha amanzi engakagxobheki nanjengokuba sele iminyaka ihambile kubo, nto leyo ethi ukuna kwemvula kuya kubaluncedo kubo, qha icebo abanalo ukuze bafumane amanzi azokuthi asebenziseke ezindlini ngaphandle kokuphazamiseka kwezifundo zeentsana zabo.

Kaloku kule lali ezinze phezu kolwandle iPresley Bay kunye nelo laseLwandile, amanzi asakhiwa emlanjeni ngoba iimpompo zamanzi azisaphumi kwanto, kwaye nemithombo leyo ayisatsitsi kwanto ngoku. Bathi iitanki zoma nko kudala.

“Intamo yam iyaqaqamba kukwehla ndisonyuka intaba ndithuthana namanzi rhoqo,” utshilo uNomandile Msi, 77, ohlala nabazukulwana bakhe abane abaphakathi kweminyaka esixhenxe nemine.

Uthi usawazonda amadoda athi afika kule minyaka iphelileyo aphazamisa umthombo owawuselalini phakathi ngokubeka itanki phezu kwawo.

“Kwafika amadoda ezosifakela itanki ngoba kudala sikhalaza, base balibeka phezu komthombo. Ngubani ongayaziyo into yokuba umthombo awuphazanyiswa?” utshilo uMsi.

Uqhubeke esithi uthi sele ecinga ukuqokelela ilali kuyokucelwa imvula nanjengokuba kwakusenziwa, qha uye aphinde akhumbule ukuba imvula xa ithe yana kakhulu akuyeki edolophini nasezikolweni kule yabo ilali.

“Intombi yam uNowakhe yakhe yalala edolophini ngenxa yemvula eyanetha ubusuku nemini. Xa ithe yaqiniseka ekunetheni ukwela cala kuye kunyanzeleke alale kwela cala,” wongezile uMsi.

Omnye oxakene necebo nguTsholomane Mkhamndeli, 63, nothi ufuna ukulithatha icebo likamakhelwane wakhe naye asingise entabeni, qha uchanwa ngabazukulwana bakhe ababini abafunda kwisikolo samabanga aphezulu nesingaphaya komfula, lo osingathe ibhulorho ephuphumayo xa kunetha.

“Imvula nam ndiyayifuna ngoba kaloku ndizofuna ukulima kungekudala, kodwa ke ndiphinde ndikhumbule ukuba xa kunethe kakhulu abantwana bam baye bangakwazi ukuya esikolweni, ngoba akuweleki ebhulorhweni, asinophinda siyibone idolophu xa kunoba njalo, sophoswa ziinkonzo zonke,” utshilo uMkhamndeli.

Uthi naye iyambetha kakhulu into yokokuba kungekho manzi kule lali yabo ngoba njengandoda ehlala nabantwana besikolo itya kuye epokothweni lo nto.

“Xa kucelwe iesile, imbambosi nganye iba yiR100, khawuve! ndiza zikhupha zide zibe ngaphi? Ngoba abantwana bam andithandi xa bevukela emlanjeni kodwa kusafuneka beye esikolweni. Iye indihluphe kakhulu xa bengayanga ngenxa yemeko engaphezu kwamandla am,” utsho uMkhamndeli.

UMkhamndeli wongeze wathi amanzi endalo banawo bona kule lali qha afuna ubuxhakaxhaka obuninzi xa eziswa ebantwini.

“Imithombo mininzi phaya ngaselwandle qha ifuna kutsalwe amanzi phaya aziswe ebantwini, kunzima ukuyokukha lawa amanzi ngoba akude kakhulu,” wongezile lo kaMkhamndeli.

Esithe sabakhapha xa besiya emlanjeni uZolundi Mpande, uNokwandisa Msingale kunye noNobuhle Nothenga, bathi yinto eqhelekileyo kubo ukuyokukha amanzi emlanjeni ngenja ixukuxa.

“Thina siqhelile ukuvukela apha kodwa kubuhlungu xa ndibona umam’ Nomandile esiya emini ngoba ndiyayazi sele engcoliswe ziinkomo,” utshilo uMpande.

Ukanti yena uNobuhle uthi ebecela kuzanywe nokuba ngala matanki aza ngezigadla kwenzelwe abantu abadala.

“Itrakhi yamanzi ikhe ize kule mizi ime kakuhle xa kuzosetyenzwa, bekufanele ize nakwaba bangathathi ntweni ngoba kaloku xa ungenanto ubulela nantoni oyifumanayo,” utshilo uNothenga.

isibhalo@inl.co.za