Inkampani yokwakha ibulele abantwana kwakhona

Umngxunya ohleli iintsuku ungabiyelwanga
Iingxwelerha ezintathu zomngxunya wenkampani iLNP Construction and Civil Engineering esebenza kwindawo yaseGxulu, zifihlwa ngoLwesihlanu we20  kumngcwabo oza kudityaniswa.

ULisakhanya Rhozana, u-Aphelele Nyuntase no-Ukho Shenxane, barhaxwe ngamanzi ngoLwesithathu we-11 ngethuba bedada kwisiziba esombiwe yinkampani efaka imibhobho yamanzi kwilali yaseMchubakazi eGxulu eMthatha. 

Uluntu lutyhola ngelithi, le nkampani ibingawubiyelanga lo mngxunya unzulu ngethuba esi sithathu sisondela.

 NgoLwesibini, emva kweemvula ezimandla, waye wazaliswa ngamanzi, nto leyo yawenza wanobungozi ngakumbi, kodwa akwenziwa nzame zokunciphisa le ngcipheko babekwa kuyo abemmi belali. 

Isithethi sekhaya likaLisakhanya no-Ukho, uMsimelelo Khumalo uthe, “NgoLwesithathu abantwana bebengayanga esikolweni ngenxa yokuba isikolo besisingathe itheko, baze ke njengabantwana bagqiba ekubeni mabadade kweli chibi lingabiyelwanga, kanti kukusweleka kwabo.

 Apha ekhayeni baphume kukho usisi wabo, qha engakhange alindele ukuba bangaya kude njengoko bavamise ukudlala noontanga babo kufuphi nekhaya”. 

Abaziboneleyo bathi, kuthathe iiyure eziliqela ukugrunjwa kwechibi ukuze kufumaneke owesithathu njengoko ebebanjwe ludaka ngaphantsi kwamanzi.

NgoLwesihlanu, singena kanye xa kuphuma le nkampani, izise ukutya kula makhaya njengelinge lokubonakalisa ukuzisola kwayo ngesi sehlo. Ikwathembise ngelithi izixhoma kuzo zonke iindleko, nomngcwabo iza kuwuthathela kuyo. Udadobawo ka-Aphelele, uNophelo Donti, udize ukuba le nkampani ayiqali ukwenzekelwa koku, uthe, yayikwangumngxunya  wayo nalo wabulala amantombazana amabini kwaPayne ebutsheni balo nyaka. 

Enyembezana uthe, “Kangangendlela ebelunge, enobubele, eququzela kwaye eyingelosi ngayo lo mntwana, bekubonakala ukuba akanohlalelana nathi ixesha elide. Ubeliphelo kubantwana abathandathu kwaye kude kuzothi ga! ngoku kusenzima ukwamkela kudade wabo ukuba umshiye umlibe, umana ukubuza esithi “akekho sesibhedlele na uAphelele?”.

 UAphelele noLiso bebesenza ibanga lesithathu ngethuba yena u-Ukho ebesenza elesine kwisikolo samabanga aphantsi iGxulu JSS.

 Obengumhlobo omkhulu wabo uBukho Maqokolo uthe uyokuhlala ebakhumbula ngokuthanda ukudlala ibhola  ekhatywayo, kwaye u-Ukho ubengumntu onesakhono sokuhlekisa,  ozithandayo neencwadi zakhe.