Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Camagwini, Mphilisi ndinephupha futhi andiyeki ukucinga ngalo… Kukho omnye umfana esasisovana ngoko umgqibela kwam yayingu-2005, iminyaka emithathu eyadlulayo ndimkhangele apha kuFacebook ndimfumane ndaze ndammema kodwa zange ayamkele.

Ngoku ndamphupha ingathi uligeza elidla emgqhomeni, emdaka ingathi ndiya kuye ndimbuze: kwenzekani? kodwa akandiphendula nje ngomntu ophambeneyo wathi, impilo inzima. Ndambuza kutheni engagoduki? wathi azange ndizame noba ndimkhangele.Ndamxelela ukuba ndimzame kuFacebook, “ I did invite * on fcbk zange undankele wasuke wahamba ndothuka” Ngoku ndimane ndiyicinga uba inoba ithetha ukuthini yonke le nto.

Impendulo: Camagu sisi. Kungenzeka ukuba umfana lowo usengxakini kwaye ufuna uncedo lakho ingekuko ukuba mhlawumbi ufuna ukuvuselala uthando, Kodwa aba ekudinga empilweni yakhe. Zama ke ukukhangela kusapho lwakhe ukuba ingaba ingxaki iphi na uncede apho kufuneka uncede khona. Camagu!

Iphupha: Ndimana ndiphupha umntwana wesinqanda mathe sam(umntwana kwelinye inenekazi) qho xa evela uvela ekhala kwaye emdaka. Ithetha ukuthini lo nto?

Impendulo: Ngamanye amaxesha sihlangana nabantu ngeemeko zothando sicinge ukuba oku kubangelwe ngumtsalane oye wakhona phakathi kwethu thina bathandanayo. Kanti ngelinye ixesha uyakwazi ukuhlangana nomntu kube kanti ukuhlangana kwakho naye kungenxa yesizathu esithile ingakumbi imeko ezakuzisa inguquko kwisinqanda mathe eso sakho.

Abanye abantu ngenxa yemeko-ntlalo abakuyo kunzima ukuba umyalezo othunyelelwa ngamanyange ube nokufika kubo oku kusenokubangelwa kukuba lowo uthunyelwa umyalezo akawunaki okanye ukwinkolo ethile engahlangene nokukholelwa kwabo balele ukuthula.

Yiyo Kanye kengoku ukwazi ukuba nephupha elibhekisele kwisinqande mathe sakho kodwa nibe nina ngingazimanyanga ngaqhina omtshato. Umntwana xa ethe wazalwa ekhayeni uyabikwa aziswe kumanyange ekhaya elo ade abe kanti wenzelwa nesiko lakhe lokuqala umzekelo “Imbeleko”. Ubumdaka obo bontwana bubonisa imeko umntwana lowo aphila phantsi kwazi nekufuneka uyise lowo emkhuphe kuzo. Uyise ke makahlangene nonina womntwana babonisane nge makwenziwe. Camagu!

Iphupha:Ndithanda ukuphupha inenekazi elalisakuvana nesinqanda mathe sam ndiliphupa litshata nge lokhwe emhlophe maxa wambi kunxitywe impahla ezinombala obomvu(red) ndiphupha ndikera itapile mna kowalo lithini eliphupha?

Impendulo: Iphupha elikumila kunje amaxesha amaninzi sukuba linika inkcazelo ngesehlo selifu elimnyama kulomntu umaziyo okanye osondeleyo kuwe. Le nto uyibona ephupheni isenongabhekiseli kwabo ubabonayo ntonje komnye umntu onokuthi umazi. Iphupha elinjena ke kunzima ukuba imeko leyo uyibonayo ungakwazi ukuyinqanda, iphupha liza njengendlela yokukulungiselela ukuba uyamnkele imeko leyo izakwehla kuba akhonto ingazanyangwa ngamanyange ukuzama ukunqanda eso simo ntonje sube kufike umhla kulowo ubandakanyekayo. Camagu!

Iphupha:Molweni ndicela ubuza apha ndinengxaki. Kwiveki ephelileyo ndiphuphe ndihamba nomntana wam ngasemlanjen edlala bhola uthe eyiphosa yatshona kulamlambo nam ndazphosa since funa mkhupha ndthe ndmkhupha ndabe ndtsalwa ngamathambo abantu ndothuka kwelophupha ,ndsandukothuka njalo ndaphupha ndsemqolomben kukho mntu pha othu kum yaz MNA ndnamandla ndngaphilisa qha MNA andwasebenzisi wandxelela ngomnye mama ofe icala ongakwaziyo nothin ba mandye phakuye ndth makasile kowabo ngoba yonke lento anayo ynzwa yi lento wasindiswa wayeka usila ….ndicela amancedo eliphupha koko libane lindifumana

Impendulo: Camagu sisi. Eli lelinye lalamaphupha sithu agqale nqo ngokomyalezo wawo. Wena unobizo kwaye lonto yandile kuwe kuba ngoku izakuchaphazela nabantwana bakho. Eli phupha libangelwa kukuba wena kudala ubizwa ube ubaleka. Unesiphiwo sokuphilisa abantu. Hlangana ke nabantu bakowenu ukkhangela ukuba Amandla akho oobizo akweliphi icala. Thabathani iintonga ke nilikhaya niye emntwini ukuya kuva kabanzi. Chosi!

.KHUMBULA ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane

ku:isibhalo@inl.co.za okanye ngeposi ku45 Devereux Avenue, Vincent, East London, 5247 okanye ngefeksi ku: 043 721 1564. Ungasindwendwela kuFacebook (Ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo. UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi – The Healer