Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Molweni tata Ndicela Tata uncede apha, ndihlala ndiphupha ngathi ndisengcwabeni kwaye ndingcwaba abantu endibaziyo kodwa aba bantu basaphila. Ndiphupha yonke le nto phantse imihla yonke.

Impendulo: Camagu Mntakwethu. Iphupha libonisa ingxaki kubantu abo ubangcwabayo alihlangene kakhulu nawe. Nto nje wena usetyenziswa ukubalumnkisa. Oku kusenokwenziwa kukuba wena unesiphiwo sokwazi ukunceda abantu.

Kuba ukuphupha umntu engcwatywa kodwa usaphila kuchaza iingxaki azakuhlangana nazo omye abe kanti uzakuvalelwa ejele ngento ethile azakuyenza. Mna ndicebisa ukhe uhlale phantsi nabo bantu bakwiphupha lakho ubaxelele ngalo mbono. Camagu!

Iphupha: Ndiyazibulisela kuMphilisi bendicela ubuza la maphupha inoba athetha ukuthini. Ndiphupha inkomo ingathi ifuna uzala kodwa kunzima, xa utata ezama ukuyinceda alikhuphe ithole selifile. Okwesibini xa usoloko uphupha umngcwabo bt kule ndawo uyiphupha inomngcwabo bekusanda kungcwatywa manyhani kuyo.

Impendulo: Camagu sisi, nantsi impendulo yakho. Elenkomo iphupha layamene neemeko zakowenu kwakunye nomsebenzi ekudala ufuneka kodwa ungade wenziwe. Ingxaki ke ilapho kutata wakho kuba nguye ongade enze oko kumelezikeleyo.

Iphupha elinje liza emva kwamatyala amaninzi, kuzanywa ukuthethwa ngethongo nalowo uselungelweni lokwenza umsebenzi lowo. Lo ningawuthatha njengomyalezo oqulethe isilumnkiso. Umngcwabo: Yindlela yokubonisa ukuba indlela leyo lowo ebengcwantywa angcwatywe ngakhona ayiwaxolisanga, amanyange isenokuba lowo ungcwatyelwe kude kunendawo apho amanye amathambo ezihlobo zakhe alele khona okanye kukho nto ithile engahambanga ngendlela. Camagu

Iphupha: Camagwini! NdingumamTshawe isiduko ndizalwa yintombi yakwaGalela uMankomo, nantsi into, bendisoloko ndiphupha izidlu, endala yodaka ekwakuthiwa yayihlala ukhoko phofu yatshiswa ngenxa yeriots ngoku sendikho yaza yadilizwa ngutata, mandithi ngeliphandle ndiphupha izindlu zakudala ezakhiwe ngodaka.

Ngoku ndakuqala ukuphangela ndenza umsebenzi wokubulela, naku ukwenzeka ngoku ekuseni xa ndivela emsebenzini ndiphupha kwindlu kaTamkhulu wam kungena inkunzi yenkomo inomsindo ifike ilume mfo uthile ndingamaziyo, kubekho omnye utata ondikhuselayo kule nkomo idlokovayo inomsindo ndididekile bakuthi inoba kwenzekani ndiyabulela.

Impendulo: Xa ikhaya elo seladilika kuzakufuneka ukuba kulo ndawo nikuyo nenze umsebenzi ozakuhlanganisa zonke izihlwele zenu nezakwa zwedala apho nanisuka khona. Lo msebenzi uvamise ukwenziwa ngenkomo nalapho kuqokelewa khona imimoya yazo zonke izihlwele zenu ezilele ukuthula.

Nenkomo leyo ingene endlwini kukubonakalisa ukungaxoli kwamanye amanyange. Hlanganisa abantu abadala bakowenu nithabathe iintonga niyokusabela kooSyazi kungekade konakale iizinto. Camagu!

Iphupha: Nďiphuphe kunomlumkazi oźe kum wafika wathi uzakundenzeĺa icv, wahamba xa ebuya ngathi andisavuyi afike andange nam ndimange siyahleka ndibuze iphi le cv athi natsi siwe ndibe ndimvuse ndicele uxolo kuye athi its fine tshomi yam

Impendulo: Camagu sisi. Uninzi lwabantu lucinga ukuba ukuphupha umntu omhlophe kuthetha ukuthi ubona into engahlambulukanga okanye uzakwehlelwa lishwangusha. Nangona bukho ubunyani kwamanye amaphupha akumila kunjalo, eli lakho lona lahlukile.

Khumbula futhi ukuba amaxesha amaninzi amaphupha eza kuthi ngendlela efihliweyo ukuze thina sikwazi ukukhangela kwelo qhina libotshiweyo ukuba inkcazelo ithini. Elakho ke iphupha, ukuba ungumntu ofuna umsebenzi likunike ithemba lokuba uzakuwufumana kwaye uncedo luzakuza ngomntu ongumhlobo wakho. Ukuba usemsebenzini uzakufumana ongcono okanye ubekwe kongentla kuwe. Camagu!

.KHUMBULA ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku: isibhalo@inl.co.za okanye ngeposi ku45 Devereux Avenue, Vincent, East London, 5247 okanye ngefeksi ku: 043 721 1564. Ungasindwendwela kuFacebook (Ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo. UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi – The Healer