Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Molweni eSolezwe, ndicela uncedo nali iphupha lam ndigqiba inyanga ngoku zange ndalala ndavuka ndingayiphuphanga into enemoto phakathi, ukuzama ucacisa, ndiye ngamanye amaxesha ndiphuphe kukho apho kumele sise abantu khona ngeMoto, okanye sithetha ngeeparts zemoto, okanye ndisoxwayisa omnye wabahlobo bam ngendlela yoqhuba imoto ukuze akhuseleke ndleleni ngamaxesha onke, okanye ndiphuphe zisuswa eludakeni kuba kunodaka ngokupheleleyo. Iphupha lam ngobusuku qho linemoto phakathi futhi nabantu abaliqela kulo ndawo sikuyo endibaziyo ndide ndiliphuphe nakabini ngobusuku obunye. Ndiyabulela ngawe Solezwe, liwela mlambo ugcwele!

Impendulo: Camagu mntomdala. Ukuba wena unaso isithuthi le kusenokuba yindlela amawenu akukhumbuza ngayo ukuba kukho izinto ebekumele uqale ngazo nezibalulekileyo ngaphandle kokuthenga isithuthi, xa kunjalo iphupha eli ungalithatha njengesilumnkiso ekubeni isithuthi eso sizakuzisela iingxaki.

Ukuba ke awukabi naso isithuthi nazi iingcebiso zam kuwe nakwabanye abacinga ukuthenga izithuthi. Ngokwesintu esidala yonke into bekufanele ukuba iyabikwa okanye icelwe kumanyange phambi kokuba yenzeke, kuba kaloku siphahliwe zizihlwele zethu nezijongene neempilo zethu umhla nezolo, ngalo msebenzi ke ziwenzayo zimele zize kuqala kuthi ngokuthi sizenzele imisebenzi yazo.

Ukuthenga imoto ke kubonakala njengokunanza izinto ezizezinye ezingahlangene nabo. Kodwa xa uthe wacela kubo baye bakwenzele umnyinyiva. Camagu!

Iphupha: Ndiphupha ndibuza ukuba kutheni ndisokola kangaka nje kodwa ndiyaphangela, kuye kuvele impendulo ndibone kuvela umsebenzi ekufuneka ndiwenzile.

Impendulo: Yenza kaloku umsebenzi lowo. Iphupha eli licacile kwaye ligqale nqo. Chosi!

Iphupha: Ndiphuphe kusithiwa le mali ndiyifunayo ndizakuyifumana. Kukwavela umqondiso othi kuza- kulunga kodwa akude kulunge.

Impendulo: Injalo kuzakulunga kodwa xa uthe wenza oko kumele ukwenzele amawenu. Ayikho into yasimahla. Camagu!

Iphupha: Ndikhe ndaphupha ndilungiselela ukucula. Kwelinye iphupha ndikhe ndaphupha ndibona umboko wokucula.

Impendulo: Ukuba ungumlonji lifikile ithuba lokwazisa isiphiwo sakho. Chosi!

Iphupha: Ndiphuphe ndisiya esibhedlele ndiyobona omnye * – sisi endisondelene naye osisihlobo sikamama wam, ngoku xa ndibuya ndizibone ndisebaleni elikhulu.

Ndidibene neenkomo zandileqa ingathi ezi nkomo azifuni ndihambe ngale ndlela ndihambha ngayo zindileqela uba ndihambe kwenye indlela, emva koko ndazibona ndise- manzini amdaka anzulu anengca, soze utsho uba kukho amanzi, ungacinga yingca kuphela kanti kukho amanzi, kuthe kusenjalo ndabona uxam evele ngamehlo naye wandileqa ndabaleka kwabe kunzima ubaleka emanzini.

Impendulo: Eli liphupha lesilumnkiso kuwe nakubantu abasondele kuwe, usapho lwakho ukutsho. Kumele uhlangane nabantu bakowenu kukhangelwe le misebenzi okanye lo msebenzi kudala besenza isibhambathiso sokuwenza kodwa bangade bawuphumeze.

Kwalapha ephupheni ukwaboniswa indlela ozakusokola ngayo ukuwubeka lo mba phambi kwamalungu oosapho kuba abanye bazokujongela phantsi okanye babhebhethe, iphupha lichaza ukuba kufuneka uqine uyimele le nto.

Kwaye isezakuza neminye imiyalezo eliqela ngawe kuba izihlwele zakowenu zikhethe wena ukuba ube- lityathanga lonxibelelwano phakathi kwabo nosapho lakowenu. Camagu!

Iphupha: Ndiyabulisa, ndicela ukulawulelwa eli phupha, ndiphuphe ndisemsebenzini ndime phandle, ndithe ndisamile njalo ndibone kusiza amanzi amaninzi ebaleka angqala ngqo kum kodwa kuthe kusenjalo ndabona kusiza amanye amanzi amdaka kakhulu esilwa ngoku wona, ndazama ukuwabaleka kodwa angqala ngqo kum, ndothuka emva koko bekukhona nemali eninzi ke kweli phupha lam imali engamaphepha ndicela ukulawulelwa, andilazi tu ukuba lithetha ntoni. ENKOSI

Impendulo: Camagu mntomdala. Kukhangeleka kukho impixwano phakathi kwezihlwele zakho kubangiswana ngawe oku kusenokubangelwa zizinto eziliqela mhlawumbi kukho siko lithile lingazange lenziwe ngendlela eliqondene nawe. Umzekelo xa ungumntwana okhulele kulonina ze wena uzigoduse kodwa lo nto ube ungayenzanga ngendlela eyiyo.

Kuye ke ngoku kuhlale kukho ukruthakruthwano phakathi kwamawenu malunga nokuba kanye-kanye ungubani wena. Okanye mhlawumbi kube kukho lo nto kungazange kuvanwe ngayo ngabantu bakulo mama nakulotata wakho.

Ukulungiswa ke kwelo bakala kuzakuzisa ubutyebi kuwe, yilo nto, kuba bobabini aba bantu bakubangayo bazakuvana ngomakwenzeke ebomini bakho.

KHUMBULA ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku: isibhalo@inl.co.za okanye ngeposi ku45 Devereux Avenue, Vincent, East London, 5247 okanye ngefeksi ku: 043 721 1564. Ungasindwendwela kuFacebook (Ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo. UMphilisi iyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi – The Healer