Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Tata ndikhe ndaphupha ndisebumnyameni ndileqa into endingayaziyo ngezinja zakuthi ezimbini. Lithetha ukuthini?

Impendulo: Camagu mntakwethu. Ndivumele kaloku ndiqale ndenjenje into leyo ubuyileqa yinto oyaziyo. Ndicela ukhe uzibuze ukuba ingaba yintoni le nto ibamba impumelelo yakho okanye yintoni le mpixano ukuyo ngeli thuba.

Ubumnyama ephupheni bubonakalisa iinzingo ubani ajongene nazo nezibangela ukuba inqabe impumelelo kwiinzame zamaphupha lawo. Izinja ke maxa onke zizihlwele zakowenu. Xa kuleli thuba izihlwele zakho zingakuwe, kwaye zithathe isigqibo sokukhusela. Vuya ke ngoko kuba kwidabi lakho awuwedwa ungqongiwe ngamawenu.

Iphupha: Molo Mphilisi: Kunyaka ophelileyo ndikhe ndaphupha umninawa ehlatywa ngemela. Emva kweli phupha ndamxelela, akukabikho nto ekhe yenzeka kuye kodwa ndihlala ndinexhala.

Impendulo: Camagu mntomdala. Elo liphupha lesilumnkiso ngakwicala lominawe lowo. Kukho nto ayenzayo engaginyeki ncam kubantu abalele ukuthula. Thabatha umninawe lowo nikhe nimcine emveni koko nandule niye emaxhantini akuni ukuya kudomboza kuManyange ekhaya. Camagu!

Iphupha: Molweni eSolezwe, tata ndinephupha apho ndaphupha ndihlamba elwandle. Xa ndigqiba kuhlamba, ndabona amakhwenkwe amabini ndawanika imali emhlophe. Kuthetha ukuthini?

Impendulo: Camagu mntomdala. Khumbula ukuba ulwandle likomkhulu apho imimoya yezihlwele zethu iphila khona. Intetho ethi ukuvasa elwandle kukususa amabhadi inyanisile. Kumele ke ucele mntu uthile ophiweyo ngamanyange akukhaphe ukuya elwandle apho ukuyakucela amathamsanqa kuba kulapho amandla akho akhoyo.

Amakhwenkwe lawo uwabonileyo ngabantu bakomkhukhulu, ukhumbule ke xa usiya ubaphethele yona lo mali imenyezelayo ukuze bazokuvuza. Camagu!

Iphupha: Ndicela undicacisele ngeli phupha, ndimane ndiphupha esi silwanyana sasehlathini kuthiwa yiMbila. Ndivele ndisive sinuka kwalapha ephupheni ndilwe naso kodwa ndisoyise. Ukothuka kwam sinuka oko.

Impendulo: Camagu. Kukho ubangiswano kwizihlwlele zakho ngendaba edibene nawe. Ngelinye ixesha olu bangiswano luye ludalwe yimvelaphi yakho, Umzekelo ukukhulela kwicala elinye lomzali. Hlanganisa ke abantu bakowenu nithathe iintonga niyosabela kooSyazi. Chosi!

Iphupha: Camagu Mphilisi. Ndiphupha amanzi amaninzi omfula omdaka esiza kum, ndizame ukuwaphepha kodwa angqale kum nqo. Ndicela undilawulele tata.

Impendulo: Camagu mntomdala. Sabela uyabiza. Wena utyunjiwe qha wena uyabaleka. Vuma ke wamnkele ubizo kuba umnwe ukhombe kuwe. Camagu!

.KHUMBULA ukuba iphephandaba lakho I’solezwe lesiXhosa kunye noMphilisi (Makhosi Lulama Mpahla) benza konke okusemandleni abo ukunceda ukuba ufumane umkhombandlela kumaphupha akho.

Kubalulekile ke ukuba ulwazi olufumanayo uliqinesekise ngokuthi undwendwele imboni okanye usiyazi okanye uhlangane nabantu abasondeleyo kuwe phambi kokulandela iingcebiso zethu.

Ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku:

isibhalo@inl.co.za okanye ngeposi ku45 Devereux Avenue, Vincent, East London, 5247 okanye ngefeksi ku: 043 721 1564.

Ungasindwendwela kuFacebook (Ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo. UMphilisi iyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi – The Healer.