Iphupha: Camagu! Xa uphupha unyuka eqhineni uze uphinde ufumane indawo eyehlayo lithetha ukuthini?
Impendulo: Camagu Mhlekazi iphupha lakho likuchazela ngemiceli mngeni ozakuhlangana nayo kungekudala.
Miceli mngeni leyo izakubangela ukudodobala kwengqondo kwicala lakho. Le nto inokubangela ukuba nawe ufune ukunikezela kulo nto ubusele uyiqalile.
Ngoko iphupha lakho lithi uze ungatyhafi isakwehla le nto uze uqine wazi ukuba sele kumbovu ufike empumelelweni.
Uze usebenze ke ngokuzithemba. Chosi!
Iphupha: Molweni tata, ndinamaphupha amabini andihleleleyo. Elokuqala ndiphupha nditshaya icuba elisongelwe ngephepha elimhlophe, kodwa ndibe ndingengomntu utshayayo.
Elesibini ndiphupha ndisemilanjeni yasemakhaya ngakuthi maxa wambi ndibone neenyoka ezisemanzini kule milambo.
Ingaba aqulethe ntoni la maphupha? Ntombekhaya Sifici
Impendulo: Camagu Ntombekhaya! Ewe kaloku wena awutshayi kodwa ke uzalwa ngabantu ababetshaya iinqawe betshicela endlini. Bekuthi ke aba bantu besakuhlangana kutshaywe icuba lesintu kube kudliwa neembadu.
Izisombululo ke ezininzi beziye zivele kulo meko bakuyo, abo bantu namhlanje ngaba sithi zizihlwele zethu, amawethu okanye izinyanya zethu.
Imimoya yabo ke isaphila phakathi kwethu, yiyo le nto kumane kufuneka sibakhumbule sithi noba senza imisebenzi yesiNtu simane sifaka icuba labo ukuze umsi walo uze ubaqhumisele nabo batsho baxole kuvuleke izinto.
Ngoko ke khawenze noba ligogogo wenzele abantu bakowenu ungalilibali icuba elo ukuze bazokuzisela amathamsanqa.
Elesibini. Kaloku sonke singabantu siyabangwa emanzini kuba kulapho imimoya yezinye izihlwele zethu ikhoyo ezo nyoka ubuzibona ngabantu bakomkhulu (apho emlanjeni) cela ke igqirha elikwilungelo lokuthetha emlanjeni liyokuthethela khona lukucelele kulo mlambo lowo ubuwubonile ukuze kuzolunga izinto. Ndiyacamagusha.
Iphupha: Ndiphuphe ndisikha amanzi ngomzantsi weskhaftina senkcenkce yazala i-emele . Xa ndizakuthwala ndatshiswa ngu- mchamo ndayakuchama ezantsi kweQula .. Ndicela ukucaciselwa.
Impendulo: Camagu Sisi.Hlanganisa abantu bakowenu kuba iphupha lakho liqulathe umyalezo obalulekileyo kakhu.
Uyabangwa wena yimimoya yabantu abaphila kanye apho emanzini.
Kufuneka kuhlangenwe likhaya ukuze libonisane ngokumele kwenziwe kuquka ukuya kuthetha nabantu bamanzi ingakumbi abo belo qula ubulibonile ethongweni. Abantu bamanzi bakulindile, ngoko ukuba awukwenzi oku kuzakuba nomphumela ombi kuwe.
Ngeli xesha ungekenziwa ke umsebenzi lowo wena zama ukutyeshela iindawo ezinamanzi ezifana namalwandle , Imilambo njalo-njalo kuba bakude bakubize ngokwabo uziyele. Camagu!
KHUMBULA, Ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane
ku: isibhalo@inl.co.za. Ungasindwendwela kuFacebook (Ilisolezwe)
okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo.
UMphilisi siyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi – The Healer
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup