Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu bawo, ndikhe ndaphupha ndityiwa yinjakazi, ndavuka ndilichaza endlini, kwathiwa ndikhalazelwa ngumama owalal’ukuphumla, kodwa apho indibhida khona kukuba umama yam unendlu yakhe eku rentiswa ngayo kodwa samngcwabela kowabo eDuntywa, ngoku ndifunu- kwenza umsebenzi wakhe. Andiyazi noba ndiwenzele endlwini yakhe okanye ekhaya khulu apho alele khona. Siyaphikisana noosisi bam ngale nto bathi noba ndinoyenzela endlwini yakhe akhonto, ndicela iingcebiso tata.

IMPENDULO: Xa senza imisebenzi senza le nto kuthiwa sisiqhelo, abantu abangasekhoyo besongabikho bakrwaqula kule ndawo bebephila besitya imbadu ebuhlantini bayo babuye benze nezisusa khona.

Ngela xesha umama wenu ebephila, beniyenza phi imisebenzi, nalapho ebethatha inxaxheba khona yena okanye mandibuze ndithi amasiko ebewenzela phi? Ingaba indlu leyo wayehlala kuyo, inxiwa elo lavulwa ngokwesintu?

Ingaba indlu leyo kusemzini wakhe okanye hayi? Kokwabo ingaba kukwayise omzalayo na? Camagu mntomdala yimibuzo ke leyo emileyo kum ngeli thuba nebinokwazi ukuncedisa ekunikeni umkhomba ndlela kwimeko okuyo. Kodwa ukuba uyive kakuhle intshayelelo yam nayo iyakunika umkhomba ndlela ngekumele ukwenze.

Ukhumbule ukuba xa uyindoda ekhaya uyintloko yekhaya elo kodwa lo nto ayithethi ubuzwilakhe, hlala phantsi konoodade wenu nizame ukufumana isisombululo kule nyewe.

Ukanti neengcebiso zamagqala neenkothovu zekhaya elo zothi zibe lulutho kuwe. Chosi!

BULELANI VELISO: Mna ndicela ucedwa xa ndiphuphile ndivele ndivuke ndingalazi elo phupha kodwa ndiyazazi ba ndiphuphile futhi linikisa umdla elo phuma kodwa ndivele ndingalazi tu. Enkosi

IMPENDULO: Into yokulala ungaphuphi iqhelekile kubantu abaninzi. Kodwa xa ungumntu oqhele ukufumana imiyalezo ngamaphupha kumele uxhalabe kakhulu ingakumbi xa miyalezo leyo bekuye kusetyenzwe ngayo kwikhaya elo lakho.

Naxa umgumntu omhlophe nophiwe unyango lwemveli uze ungawafumani amaphupha imeko enjalo kumele ikwenzele ixhala kakhulu.

Kumntu nje oye abe nale ngxaki kumele ukuba akhe asondele emaXhantini akowabo ukuzama ukukhangela undonakele, kuba kungezeka ukuba kukho nto ebangela ukuba amaphupha akho angezi ngendlela.

Xa ungumntu omhlophe kukho amachiza asetyenziswayo ahlanganiswa nesilawu sakowenu ukuzama ukuvuselela amaphupha akho, ungathi ubuze kulowo ungumkhokheli wakho kwisikolo sobugqirha ukuze akuncede.

Ngelinye ixesha nendawo le umntu alala kuyo iyakwazi ukungamphatheli amaphupha, izihlwele zethu ngabantu abanochuku.

Ukhumbule kudala bekungalalwa kwezi bhedi zale mihla kulalwa phantsi ngeemandlalo zakwaNtu kuquka amakhukho, noko ke nawe ungakhe uzame lo nto ngelinye ixesha.

Kanti nokulala isibane sikhanyisiwe, oko, kuye kubenzima kumawenu ukundwendwela ebusuku ngethongo.

Ngoko zama nawe ukuphucula indlela obeka ngayo icala ukuze amaphupha akho abuye. Camagu!

IPHUPHA: Molo Mphilisi, ndiphuphe ndingqongwe ngabafana endibaziyo benye ilali ekufuphi nale yam. Kwaba bafana kukho nesizalwane sam.

Bavele bavula iimela bafuna ukundihlaba, kodwa khange bade bakwenze oko. Bandilingise kwade kubangamatyeli amabini.

IMPENDULO: Amaxesha amaninzi siye sifumane imiyalezo ngamaphupha. Amamphupha lawo aziindindi ngeendindi, amanye aqulathe imiyalezo efihliweyo amanye eza nemyalezo engqale nqo, ukanti amanye ashiya uxanduva kuwe ekubeni uhambe ufunisa ukuba ingaba iphupha elo lithetha ukuthini.

Umzekelo iphupha lakho liqulathe umyalezo wesilumnkiso ngeentshaba zakho eziliqela kuquka nabo basondele kuwe.

Umbuzo ke ngoku izakuba ngowokuba kumele uthini xa ukulo meko okanye kumele wenze njani ukufumanisa ubuzaza bemeko leyo yakho?

Kunabantu abanesiphiwo sokwazi ukucalula izinto abafana nabaprofethi, abathandazeli namagqirha ungathi uhlangane nabo ngalo mba. Camagu!

KHUMBULA, ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku: isibhalo@inl.co.za. Ungasindwendwela kuFacebook (Ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo. UMphilisi iyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi – The Healer