Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndicela ukubuza lithetha ukuthini eli, izinja ezimbini enye ndime nayo kwindlu ephezulu kusuke enye ezantsi izokundiluma, ndiyibambe ndiyijule ezantsi, ndothuke apho.

IMPENDULO: Kuyabonakala ukuba kukho ingxubakaxaka kwizihlwele zakho nobangiswano. Kodwa ke kuyacaca ukuba nawe unalo igalelo kule ngxaki ngenxa yezenzo zakho.

IPHUPHA: Camagu tatam. Ndinethongo, ndithonga iihagu ezincinci ezimhlophe zininzi phambi kwam zintle zitukutuku. Andazanga ndibone kusiwa iigrogro phezulu ezingathi kwenziwa yimisundululu emincinci iwela esandleni sam sasekunene zibe bungena kuso, apha ngaphezulu xa nditsala ndizoyika ndizisusa, zisuke kuphume umhlaba kuzo kodwa zingayeki ukuwela kum ndothuke kunjalo ke. Camagu. Nangoku ndiyoyika!

IMPENDULO: Camagu. Sisichitho esikhulu uthiwe mbhe yimimoya emdaka.

IPHUPHA: Camagu! Ndicela ukubuza , ndiphuphe ndilunywe yinyoka enyaweni. Litsho ukuthini eli phupha? Camagu!

IMPENDULO: Chosi! Asinto intle leyo kuba ukho lo mntu usondeleyo kuwe ozenza okuthandayo abe ekutya izithende, lo mntu uyingozi kuba wena uyamazi kwaye uhleka naye. Libonisa njalo iphupha lakho.

IPHUPHA: Camagu tata, ndiseMtata ndinephupha, ndiphupha utata wam owasweleka ngo2008 ingathi uyasileqa mna nodade wethu. Sibaleke sizivalele endlini, kule ndlu ucango lunye lolu lwangezantsi alikho elangasentla, sithe sakudikwa sambetha nathi, wathi esakubona ukuba siyamoyisa wacela uxolo, nathi simsizele simyeke, into endihluphayo yeyoba akazange asikhulise, sikhula ngaphandle kwakhe kona siyamazi ukumazi wayetshatile nomama baze ke bohlukana, sasiyile kona ukuyomngcwaba kuba thina sakhulela kulo mama wethu, sibadala ngoku sinabantwana. Ingaba lithetha ntoni eli phupha.

IMPENDULO: Ewe kaloku apho akhoyo utata wakho ufike waboniswa impazamo yakhe kwaye ke ngoku uyaziqonda ngqo iziphoso zakhe, ingxaki ke nina nisabambelele kulo nto yenzeka esaphila. Iphupha ke eli ingenjongo zokuvuselela ubuhlobo phakathi kwenu naye. Kuza kufuneka nifune ingcebiso yesintu ukulungisa le nyewe.

IPHUPHA: Molo tata, ndicela ukubuza xa uphupha ukhwele imoto nomntu ibhukuqe yona imoto, andityhale ndiphume, iwe naye.

IMPENDULO: Lutshaba olo, ingxaki nje kukuba xa ivela njalo ephupheni sukube wena ungamboni ubungozi bakhe umsondezele kuwe.

IPHUPHA: Ndicela undihlalutyele eli phupha: kuphela iveki kunabantu abazama ukulala nam. Kuthi noba besele ndikhululile kodwa ndiye ndiphakame ndibashiye andide ndilale nabo.

IMPENDULO: Khawuleza, ngxama ubonane nomnyangi wesintu ukuze asuse lo moya ukanti ke ungandibamba ecaleni ngeenkcukacha ezithe vetshe.

IPHUPHA: Tata ndicel’undincede, ndisoloko ndiphupha ndisegadini enombona oseluhlaza okanye izityalo ezincinci okanye ndisikha iziqhamo emthini.

IMPENDULO: Kunethamsanqa eliza kuwela kuwe okanye impumelelo kwinto ekudala uyizama.

IPHUPHA: Camagu, ndiphupha umntu oncuma nomyeni wam exoxa nexhwele lakhe, libuza kuye ukuba lindenze ntoni, ndiphakame engekathethi ndithandaze, inoba lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Lungisa ukuhlala kuba iphupha lakho licace gcaa, lungiselela unongekehli.

IPHUPHA: Camagu, ingaba kuthetha ukuthini ukuphupha ndisesibhedlele, ndilaliswe nabantu abagula kakhulu, ndibe mna ndingaguli kakhulu, futhi silele kumondlalo omnye.

IMPENDULO: Chosi. Khululeka awuzokugula okanye akukho nto imbi iza kwehlela koko nje kukuba nje wena abantu bakowenu bakupha amandla okwazi ukunceda abo basezingxakini, abagulayo nabangenabani.

IPHUPHA: Mandizibulisele, nantsi indawu, ndizingwe liphupha lokutyala umbona ngezandla , ukuhlwayelwa kwaye umhlaba utyebile neenkozo zalo mbona zinkulu zange ndazibona endalweni. Ndicela inkcaza bantu bakhulu.

IMPENDULO: Kunendlela oza kuyithatha nengazokuba lula kuwe ngenxa yabantu abaza kusengela phantsi kodwa impumelelo yona ikho ekugqibeleni kuba amanyange anawe.

IPHUPHA: Molo tata, nali iphupha, ndiphuphe ndihanjwa zimbovane umzimba wonke.

IMPENDULO: Yimeko embi kakhulu leyo yakho udinga uncedo lwesintu ngokukhawuleza kuba uthiwe mbhe lishwangusha.

IPHUPHA: Mna ndinguNandipha, ndiphuphe ndilalwa ngumfana endincuma naye esibayeni.

IMPENDULO: Linyala elo, kuyacaca ukuba kukho enihlobene ngako nesithandwa eso sakho, ngoko akumele nibe kanti niyithandana. Kha nikhe nijonge imvelaphi yenu kakuhle ngeenjongo zokuzama ukunqanda umbulo.

IPHUPHA: Ndiphupha ngathi ndikwindawo enomntu kwaba bantu babhinqa amalaphu abomvu, elakhe linebala elimnyama namhlophe, ngumntu ongumama, ndibotshelelwe izandla neenyawo. Ngathi ndibhatele apha iR10, ndithe ndakuziqonda ndibotshelelwe kwakhala into ngathi kubethwa intsimbi ndadizi, ndothuka.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba unobizo kwaye iphupha eli likukhomba ngqo apho ufuneka khona. Zama ke ukukhangela abantu abafana nqwa nabo basephupheni lakho ukuze bakuncede.

IPHUPHA: Camagu..ndiphuphe ndileqwa sisaqhwithi, sandifumana, yangathi ndiphelelwa ngumphefumlo, ndathandaza, kwalapha ephupheni sandiwisa isaqhwithi, ndothuka ke ngoku.

IMPENDULO: Lungisa ukuhlala, imeko yakho iphantsi koxinizelelo, kukho abantu abakwakhele umkhanyo.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538