Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndicela ukubuza kuthetha ntoni ukuphupha imali esilivere eninzi bese kubekho egolide enye kuphela?

IMPENDULO: Camagu. Ukuphupha imali ezingqekembe akusiyonto entle konke konke kodwa okubalulekileyo kukwazi ukuba umphuphi lo ebesenza ntoni ngemali leyo. Kuxhaphake ukuba umphuphi aphuphe eyicholachola le mali, oko ke sukube kuchaza ishwangusha elizayo okanye ukufa ekhayeni.

IPHUPHA: Molo tata, ndicela ukubuza xa ndiphuphe umzala wam efumene umntwana oyiAlbino ekubeni umzala wam engafumani bantwana ekhutshwe isibeleko litsho ukuthini, ingathi uyakhala umzala ndithi mna sukukhala sisibusiso esivela kuThixo.

IMPENDULO: Oku kuchaza ukuba nangona ikhona intlungu yokungafumani bantwana kuye, kodwa kungekudala ikhona into aza kosulwa iinyembezi ngayo neza kumncumisa ubomi bakhe bonke, kungaba kanti akazobanabantwana kodwa uza kuchulumanciswa ngeendlela eziliqela.

IPHUPHA: Umama wam watshona ngo2004, ngoku ndiphupha ngathi besimngcwaba kwakhona. Ibe ithetha ukuthini lo nto?

IMPENDULO: Ukusukela ngo2004 ukuza kuthi ga ngoku lixesha elide kakhulu sele walandulela eli bekumele noko ikho ngokwesintu nangokwesiko lenu into ebekumele niyenzile. Zamani ke ukuhlanganisa iintloko nilikhaya nikhumbule unozala lowo.

IPHUPHA: Ndicela inkcazelo, ndiphuphe umakhulu wam, umama ongasekhoyo, kukho umbona omtsha kule ndlu sikuyo ngathi ndiyakhetha kuwo ndizokupheka.

IMPENDULO: Kwiziduko ezininzi kuvamile ukuba kusakuhamba umntu ongumama kwenziwe umsebenzi ekuthiwa kukumpha iinkobe, xa ke lo msebenzi ungazange wenziwa aza kubalasela ke amaphupha akumila kunje.

IPHUPHA: Molo, bendicela ukubuza, ndinento yokuphupha ngenyoka ndiyibetha okanye ndithi gqi sele ifile.

IMPENDULO: Zama ulungise impilo yakho neemeko ezikungqongileyo.

IPHUPHA: Camagu, ndicela undicacisele lithetha ntoni eli phupha, ingathi ndibeleke umntwana ndihamba nabanye abantu, qha ngasemva, bona baphambili, sidlule ngakwidama elokhiweyo linamanzi acocekileyo, xa ndiza kodlula mna afune ukuwa umntwana ndimqinise sidlule, siphinde sihambe siwela umlambo aphuncuke umntwana xa siphakathi siwela alahleke ndingamboni, ndikhale, abonwe ngomnye kwaba ndihamba nabo, abe elele ngomqolo ndizame ukumthatha abe ekhupha amanzi ngomlomo aphinde aphuncuke xa ndiphinda ndimfumana abe enganxibanga, ndimbethe emqolo ndifuna kuphume la manzi agcwele isisu, ngalo lonke elo xesha ndiyakhala, acoceke ngolona hlobo lwamanzi, ndothuke ndisoyika kakhulu, uvalo lubetha ngamandla ngoku sendivukile.

IMPENDULO: Iphupha libonisa izinto ezininzi ezikwambetheyo kuquka nembopheleleko ebangelwa zizinto zangabom kodwa kuyo yonke lo nto nawe uphiwe isipho sokuba yimboni ngabantu bakowenu kwaye lo nto yiyo eza kukhupha kwezi ngxaki ukuzo. Imeko yakho ke ifuna ukhe uyoyihlola kooSiyazi ukuze ufumane umkhombandlela.

IPHUPHA: Molweni, ndicela ukubuza xa uphupha eza nkomo zederi uzisenga ithunga libe half? NdinguMaRhadebe kodwa kweli phupha ndizibone sele ndiseMaQadini kumzi walapha elalini nabafana bakhona kodwa omnye sele wasweleka kodwa ebekhona kweli phupha, lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Kukho ingxaki kwelo khaya kwaye lo nto iza kudala ubhubhane kumalungu osapho olo kuba izinyanya zabo zingaxolanga kwaye kudala kuthethwa nabo. Wena kengoku uthunyiwe ukuba uyogqithisa lo myalezo.

IPHUPHA: Camagu tata, ndinephupha elindihluphayo iintsuku zilandelelana; ndiphupha ndigxothwa ngumama ondizalayo ndapakisha impahla yam neyomyeni wam neyabantwana bam ide ishiyekele ndiyihlohle ebegini, sihambe siye kwekatatam sifike kuvaliwe incinci le ndlu, ndothuke ndisayothenga umoya wokufowunel’ utata. Namhlanje ndiphinde ndiphupha ndipakish’ iimpahla ndikunye nabantu becawa kude kubekho efihliweyo yam neminqwazi yecawa emithathu, emhlophe yeyam neyecawa iminqwazi netawuli emhlophe yobelek’ umntwanam, nalapho ndisahlohla ebhegini yomyeni wam ndihamba naye nabantwana, qha kukho abantu abadala endingabaziyo ke ngoku ingathi ndisezilalini. Tata litheth’ ukuthini eli phupha ndiyazihlalela mna nomyeni nabantwana, andihlali nabazali, iimpahla oko ndizipakisha.

IMPENDULO: Khawukhe ugoduke zininzi izinto ezikufunayo ekhayeni. Nomyeni makalungise ityala lekhazi lakhe kowenu.

IPHUPHA: Camagu tata! Mna ndicela ukubuza ukuba xa uphupha kuqhekezwa kowenu kude kubekathathu uba ithetha ntoni lo nto. Okwesibini xa uloko usiya endaweni ongayaziyo uhamba ngemoto sube kutheni?

IMPENDULO: Ikhona ingxaki kumnombo wakho khawukhe uzifunisise ukuba ungubani, waphi.

IPHUPHA: Mna ndiphuphe ndikhala ndisithi kunini ndifaka isicelo kodwa izinto zam azibuyi ziyalahleka lonke ixesha, ngosuku olulandelayo ndabuye ndaphupha engathi ndiwaphethe amaphepha am ndithi ndicela angashiyeki ngoku kuba kudala ndifaka isicelo, ndifuna umsebenzi.

IMPENDULO: Yenza into nokuba ayiphelelanga okanye uye nasemaxhantini akowenu uyokucenga abantu bakowenu.

IPHUPHA: Molweni, ndicela ukubuza ndingumphuphi, qha ingxaki yam andiyazi athetha ntoni, ndiphuphe ndinxityiswa umbhaco oyingxithi ngubawozala wam, ndithi kuye umdala umamazala wam unikwe emitsha imibhaco yena iorenji eyakhe.

IMPENDULO: Kuyabonakala ukuba kukho umsebenzi owaphosakalayo apho ekhayeni xenikweni kusamkelwa wena kwikhaya lamathile. Zama ukudibanisa iintloko nabantu bekhaya nizokufumana isizekabani.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538