Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Bhotani. Ndineminyaka engama-20 kwaye ndisafunda. Ndiphuphe ingathi kuzisa izulu sikulo makhulu wam kufutshane nasekhaya, sabaleka singabazukulwana sayokungena ekhaya kuba safundiswa ukuba izulu malifike sisekhayeni. Ndim umzukulwana omdala obenomntwana esafunda, ndibashiye endlini enkulu oodade bethu abancinci kunye nalo mntwana wam uneminyaka emithathu. Ndithe ndakungena exandeni ngenjongo yokuvala iifestile kwagqwithiza umoya omkhulu kakhulu, ndabona amazinki ebhabha, ndazama ukududula ucango ndizama ukubholitha kodwa kwanzima. Esidaleni sendityhafa lide lavaleka ngci ucango. Andikhange ndibacinge tuu abantwana abasendlini enkulu nangona ucango ndilushiye luvuliwe. Emzuzwini udambile umoya umakhulu wavela emva kwam elila endibuza ukuba kutheni ndiphinde ndamitha nje. Undimangalisile lo mbuzo kwathi gqi umama wakwammelwane esithi uzokujonga lo moya ubugqwithiza kule yadi yasekhaya ukuba awenzakalisanga mntu na. Kodwa uthe akuva isikhalo sikamakhulu ngokumitha kwam wamthuthuzela ngokuza necebo lokuba ndisikhuphe esi sisu ndisithweleyo. Babe sebevela nabantwana ebendibashiye endlini enkulu bephelele bengenawo nomkwrelo. Ndothuka! Ingaba lithetha ukuthini eli phupha?

IMPENDULO: Iphupha lakho lichaza okuninzi ngemeko yekhaya lakho. Nangona inxalenye yalo ingembandezelo enikuzo nilikhaya ikwazisa neendaba ezimnandi kuwe. Kodwa kuqala kufuneka kukhuculwe konke ukungcola okukhona. Kha uzicenge ke uyokuwusabela lo mba khona ukuze uzokwazi ukufumana umkhombandlela. Camagu!

IPHUPHA: Ndicela undilawulele eli phupha. Ndiphupha ndisemfuleni othile endingawaziyo, ingathi ndiyanqula kuwo. Ngoku ndinqulayo, ndicinge ukuba mandiphose iR1 (imali emhlophe) ngoku ingathi andinayo apha kum le R1. Kusenjalo, ndive kwelinye ical lomfula ilizwi lomntu, ndakulimamela eli lizwi, ndifumane ukuba lelikamama wam ongasekhoyo. Ndiye kuye ndicele le R1, yokuba ndiyiphose apha emanzini. Andinike iR2 ezimbini, ze ndiziphose.

Enye into endiyivileyo ngokuya ebenqula, yeyokuba uchazela amakubo ngomsebenzi oqal’ ukusilelwa kowabo, ingathi. Ndashiyeka ke ndibhidekile leli phupha. Ewe, ndiyayenza imisebenzi kowabo, kuba kungasasekho mntu uyindoda. Notata wakhe ndambuyisa, ndaze no mntakwabo, Umalume ndamzilela, njalo njalo.

IMPENDULO: Okokuqala kumele wenze umyalelo lo uwunikwa ethongweni. Umama wakho ubonakala njengesihlwele esinento esiyifumbathileyo nekumele uyifumane. Menzele ke naye awakhe amalungelo, uzolungelwa.

IPHUPHA: Kuthetha ukuthini ukuphupha imazi zenkomo ezimithiyo?

IMPENDULO: Kukho okuhle okuzayo kuwe amawenu angecala lakho. Eli lithuba elihle lokuba nawe ubaphe kulontwana unayo nokuba nguphantsi kwebhedi kuba uzakuvuzwa. Chosi!

IPHUPHA: Chosi! Mna ndicela ubuza ba xa uphupha irandi phezu kwebhayibhile, uthi usajongile iphelele aphe ebhayibhileni.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba wena usayemene nokuphilisa ngenkolo. Yamnkela ke isipho eso.

IPHUPHA: Camagu mnt’ omhlophe. Beke ndahlutshwa ngamaphupha ndizibone ndidla ecal’komfula lindizingile elo phupha nento yokuzibona ndijajile ndize nelophupha ndihamb nabahlobo ndibone sele ndingakwaz’ uhamba. Ndiswabuluke emzuzwini nophupha ndisemasimini okanye ndihamba emahlathini.

IMPENDULO: Khawukhe unqule emaxhantini akowenu ucele ukuba bakuvezele ukuba le miyalezo bayithumelayo ithetha ukuthini. Kuba ikhona ingxaki kuqhagamshelwano lakho nezinyanya zakho.

IPHUPHA: Camagu, ndicela ubuza ukuba xa uphupha ingathi uhamba emanzini angcolileyo ugqibele unyuka iqhina kuvele ibhayi/tawuli enkulu yobambelela ufike phezulu ulindiwe ngoomama abame phezukwalo ngenyawo lithetha uthini? Enkosi.

IMPENDULO: Sabela uyabizwa. Wena uphiwa amandla okunyanga.

IPHUPHA: Ndiphuphe unyawo lwam lwasekhohlo luphuma iimpethu ezininzi, xa ndivuka impumlo yam yasekunene iphuma igazi. nguThobela eCenturion.

IMPENDULO: Khawuleza ufune uncedo kuba oku kuchaza impilo ezakuba nkenenkene.

IPHUPHA: Camagu, kuthetha ukuthini ukuphupha kufika imoto ebaleni emzini wam nditshatile (kwaHome Affairs) kodwa abantwana bayijonge ngeefestile, ndidinwe ndivukwe ngumsindo ndithathe iiCoat Hanger ndibabethe ngawo bonke, ndithi kusenjalo angene lomntu ngakumnyango waseSitting Room kubengathi uzobasa isikweletu kodwa enntliziyweni yam ndithi ngoba andikweleti mntu nje, kodwa oko efikile ndiyoyika andimazi, akuvumi ndiye ukuba uthini kodwa ndibe nokoyikisela umntwana wam, kufike ukuba ngitshixe ucango esihlukanisa ikhitshi kubengathi uyasiphusha futhi kungathi ufuna ukusisika lendawo yesitshixo kuba bendingathi ndiyapheka khona apho iyatsha le nto ndiyiphekayo, ndibalekele kwenye indlu kufike umntwana womfana ehamba naye athi ndiyabizwa ngulo mntu ,futhi ndiyamva uyamthethisa, kodwa ndiyamoyika , ndiphumele emnyango okungathi ndisekhaya apho ndizalwa khona ndibone umfowethu nabafana bakamakhelwane bengena ngesango ndibaxelele ukuba kukho umntu ongutsotsi, ndisabakhombisa aphume babaleke abafana bakamakhelwane avele aqondane nomfowethu atsho ukumkrwitsha ndimve ekhala ngithi kungcono mhlawumbi afumane yena kuba akanamntwana kunami endinomntwana ofanele ndizigade ndiphindele endlini ndifike umfana ndimncenge ndicele isitshixo andinike ndothuke.

IMPENDULO: Iphupha eli lisisilumnkiso ngomntu osondeleyo kuwe ingakumbi iqabane onenjongo eyizezinye hayi ngoko hlobo ombona ngalo wena.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsApp: 063 743 9538