Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Sawubona, igama nguMbali. Ngicela ukubuza kushoni ukuphupha umnakwethu (uK) efike la ngihlala khona egqoke ezimnyama ngenhla, ephelezelwa amantombazane awu4 engowesihlanu. Angibuke, angasho lutho, bese ngiyambuza ukuthi ungibukani, kuphendule indoda le yethu.

IMPENDULO: Kuchaza ukuthi kukhona ukufa okuzayo nokunihlanganisa nonke.

IPHUPHA: Ndiphuphe utata ophakathi owaswelekayo ngo2014, kweli phupha ibhokisi yakhe iphambi kwendlu, ngathi yeyamaplanga, ndasuke ndambona sele esileqa esigqolodisa indlu nomnye umntwana wakhe oyintombi, sabe sikhala, ndicel’ukubuza ba lithetha ukuthini elo phupha?

IMPENDULO: Ewe, kaloku uza kunileqa xa ningamenzeli iimfanelo zakhe, umntu ongasekhoyo akalahlwa kuba ubuya abe sisinyanya kuthi. Yenzani amasiko enu ngendlela.

IPHUPHA: Kuthetha ukuthini ukusoloko uphupha udlala ibhola. Kangangokuba apha ezintsukwini, ndikhe ndaphupha into efani, ingathi ndime eliweni, ndifuna ukudlala le bhola kodwa andikwazi kuyidlala kuba ndime emngciphekweni kweli liwa. Ndiye ndaqabela phezulu, ndafika kwindlela yetha, egudileyo kakhulu. Ndiye ndaba busy ke ndizidlalela le bhola nabanye abafana endingabaziyo.

IMPENDULO: Nangona iphupha elikumila kunje lingaxhaphakanga esintwini, kodwa ndicinga ukuba libhekisele ekubeni kukhona nto eza kuveza okanye ikwenze usaziwayo. Camagu.

IPHUPHA: Ndiphupha ndiseGoli, kwindlu katata wam osaphilayo. Ngoku silapha eyadini, kuye kwamisa imoto eqhutywa ngamadoda amabini. Aphuma la madoda, angena apha kule ndlu katata. Ingathi ndiye ndarhanela ukuba la madoda zizigebenga, futhi awezanga ngesihle. Mna nomninawe wam besingaphandle. Ndiye ndafowunela amapolisa, ze sazimela nomninawe wam. Kodwa khange afike amapolisa, la madoda aye ade ahamba. Yakuhamba imoto yawo, ndiye ndasondela, ndafika utata ebotshwe izandla ngala madoda, elele apha ebaleni. Ingathi ndiyambuza ukuba akonzakaliswanga na, wabe yena endixelela ukuba, la madoda athathe iTV nezinye izinto. Ndithe ndisathetha naye utata esalele phantsi njalo, ndabona umntu endilayita ngelitha letotshi, endikhombe ngompu (okungathi yenye yala madoda, iye yaphinda yajika), ngoku ndisamamele utata, ndiseza kuzama amancedo. Ndiye ndashawutisela ndathi “Dubula undibulale”. Ndaphaphama ke emveni koko.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba ikhaya elo lenu alikhuselekanga oku ke kusenokubangelwa zizinto eziliqela ezifana nokungavulwa komzi ngokusesikweni okanye ukungaqiniswa kwekhaya ngokwesintu. Zamani ke ukulungisa ikhaya ukuze lingabi segcakasini lezinto ezimdaka.

IPHUPHA: Tata, Ndicela ukubuza, ndiphupha ndifakwa ulwimi endlebeni yintombazana.Andithandani nayo. Ingaba lithetha ukuthini eli phupha?

IMPENDULO: Camagu, iphupha lakho aliqhelekanga ncam kwaye elisenokuphenjelelwa yimeko yesincwaso nothando phakathi kwenu nobabini. Kunzima ukutsho phandle ukuba iphupha eli ingaba lihle okanye libi na. Kodwa ke ndikucebisa ukuba ukhe ulinde kuba iphupha elinje liye lidalwe ngamanye atyhila intsingiselo kwelo lokuqala.

IPHUPHA: Ingaba xa uphupha imali eninzi engamaphepha kuthetha ntoni?

IMPENDULO: Camagu. Oku kungathetha izinto eziliqela. Inga yimpumelelo, ukunyuselwa emsebezini, isipho oza kusifumana, ingqesho njalo njalo kuba kaloku imali engamaphepha ephupheni ichaza into entle ezayo kwaye eza kuncumisa.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndisemsebenzini ndisiwa ezitepsini, lithetha ukuthini? Ndicela undicede.

IMPENDULO: Kukhona iyelenqe olakhelwayo emsebenzini okanye imeko yophando eza ngakwicala lakho. Loo meko ingade ikhokelele ekupheleni komsebenzi kuwe.

IPHUPHA: Chosi Tata. Ndicela ukucaciselwa. Ndiphuphe ndisemngcwabeni omkhulu onokutya okuninzi. Ndibeke ibag ndize ndiyokuncedisa ukuphaka. Kodwa ekuphakeni ndiqale ngam. Kulo nto ndiyiphakileyo nditye idessert qha. Xa ndibuyela endaweni ebendihleli kuyo ibag nomntu ebeyigcinile akakho. Ithini le nto tata?

IMPENDULO: Kukho umntu osondeleyo kuwe oza kugula kakhulu kuza kubhulwa kwembeswa kuye.

IPHUPHA: Molweni tata, ndiphupha umama owasweleka kudala obengumendi phaya ekhaya, uvela esaphila kum rhoqo, ndimane ndimphupha ehleli.

IMPENDULO: Kungenzeka ukuba umama lowo ikho le nto azama ukubonisa okanye ukulumkisa ngayo wena. Ingxaki kukuba wena awude ububone ubungozi bale nto azama ukuvezela yona okanye wena uqine intloko okanye unguzwi lakhe. Khawukhe ulungise ukuhlala. Uhlele nendlela owenza ngayo izinto zakho.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*Umphilisi uyafumaneka naku www.umphilisi.co.za