Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndicela ubuza xa uphupha uvuka ebhedini ubona incukuthu enye nezigcawu, lithetha ukuthini? Camagu.

Impendulo: Coca indlu okanye indawo leyo uhlala kuyo.

IPHUPHA: Ndinephupha elindityayo apha. Ndiphuphe ndityiwa ngudyakalashe omhlophe wandishiya apho ndilele bendithi ndifile, kodwa ndavuka ndombethe ingubo emhlophe ndinganxibanga. Ingubo leyo yile yakwaXhosa inomgca omnyama ezantsi. Ndaphakama apho ndisiya kwilali ekude ndisithi ndiyokufuna utata ozondinceda. Bendilazi igama lalo tata ephupheni kodwa ngoku andisalazi. Ndithe ndisahamba njalo ndafikelwa luloyiko ndajika endleleni, ndithe xa ndijika kwabe kusiza izinja ezimbini emva kwam zibaleka. Ndabe ndizoyika kodwa ndiye ndama ndazilinda, ndothuke xa zifikile kodwa bezingenabungozi. Camagu.

Impendulo: Kuyacaca ukuba utata lowo ubukhonjwa kuye ephupheni nguye ozakuza noncedo oluza kuguqula impilo yakho kuba iphupha elo lizama ukuzisa kuwe imeko efuna ukuqwalaselwa ngamasiko nezithethe zakowenu, ukanti ke iphupha eli likwathetha ngawe nobunjani bakho. Zama ke ukuba ucele abantu bakowenu baphinde bakubonise okanye bakuxelele igama likatata lowo ebevelile.

IPHUPHA: Camagu tata, ndinamaphupha andihluphayo, ndiphupha ndingena kuronta ndifika kukho abantu kweli cala lootata, kulele ootata omnye kubo ligqirha, kweli cala loomama kukho umakhulu wam owaswelekayo, kukho nomnye inkosikazi kamalume wefemeli, yena usaphila, nabanye oomama abangamagqirha, ndithi hayi bendidlula ndivela emsebenzini yile nto ndinganxibanga, ndibabuze nigqiba nini, aphendule omnye kwaba mama bangamagqirha athi sesigqibile kushiyeke sichithe, ingathi xa ndiyothatha ibhegi yam umakhulu wam eyifihla, ayikhuphe, waze wafaka imali apha kum esinqeni eyi 5rand, le indala ironte.

Impendulo: Kuyacaca ukuba apha kumnombo wakho kwaye kukho mntu othile owabe eligqirha nekufuneka enzelwe iimfanelo zakhe ngokwasebugqirheni, khawuziphe ke ithuba ukhe uyowusabela lo mba kwabanolwazi.

IPHUPHA: Tata ndithonga kume phambi kwam kwicala lasekunene amacephe amabini ngathi ngawokukha i-ice cream ayabengezela, ekhohlo ngamaqanda amathathu amabini ajonge cala linye, elinye lijonge kula mabini, ngaphambili kuza ikeyholder yecamo flash ivela ngasekunene. Xa ndibuza ezi zinto zezantoni phambi kwam kwangathi baninzi abantu abandingqongileyo abangootata, kwavakala ilizwi ecaleni kwam ekhohlo lisithi kudala ngoko, emva koko ehla amaqanda amabini kwasala lalinye. Amacephe omabini adibana nca ngemiphambili ngathi afakwe iglue, ikeyholder yasondela kum. Emva koko ndizibone nodade wam nenkokheli yam siyofaka umthandazo kumntu ongasekhoyo wenkonzo, kodwa andimazi, xa sibuya nodadethu singene kumzi omhle ingathi kunomsebenzi, ukufika kwam ndithathelwe phezulu ngumntu wonke. Sithe sisame phandle nodadethu kwadlula umlingane katata ebhityile enganxibanga zivatho ehamba nomama wasenkonzweni onxibileyo, ngathi bavela apho besikhona. Uthe akusibona watshijila ndamhleka wadana kwabe phambi kwakhe kukho udade wakhe enxibe izivatho emthuka, baye bampakanyela bengoomama abathathu abanxibileyo yena engowesine, kodwa benguphuncuka bemphethe. Ndiye ndadlula kubo ndangena kumzi buneparty yomntu omdala ongasekhoyo, ndakhalazela ukungayilungisi bas’ke benze ipati, sibizwe nodadethu ngumolokazana esipha ukutya kwepati, kodwa ndiqaphele inyama yentloko endingayaziyo nekeyiki. Ndityile kancinci kule nyama. Ikeyki ndithe ndifuna icream yabe ithathwe ngudadethu ndarhoxa. Camagu.

Impendulo: Khawukhe ulungise iimeko zekhaya lakho phambi kokuba ugxile kwezenkolo kuba kuyacaca ukuba kukho isikhwele kwizihlwele zakho ngenxa yendlela oqhuba ngayo.

IPHUPHA: Mna ndivuka neli phupha, ingathi siyokukha umbona naxa ikwindla selidlule nje, kodwa yona le ndawo siyokukha kuyo yindawo embi eneentaba, kodwa umhle umbona wakhona uchumile, ndithe ndisanda kungena ke sahlangana namaqanda, elinye ndalinyathela kodwa alophuka, bawachola ke abanye bawadibanisa akwabikho nto, sakha ke umbona lowo ndade ndothuka. Ndicela ukubuza, ingaba ikho into nokuba liyayithetha? Camagu.

Impendulo: Umbona kaloku yinto exabisekileyo esintwini kuba izinto ezininzi zenziwa ngawo ingakumbi umqombothi esiwusebenzisa kwimicimbi yesintu. Kubuya kwalapha ephupheni kuvezwe izinto ezimbi okanye ezikudodobalisayo nezibangela ukuba ufune igwiba kwizinyanya zakho. Kodwa ke igwiba elo uyakulifumana xa nawe ugaye utywala, usenzela izihlwele zakho ngombona lowo uwubonileyo ethongweni. Ngokufutshane, sila.

IPHUPHA: Camagu, ndicela ukulawulelwa eli phupha, ndiphuphe umntakwethu ehleli nentombi yakhe, ingathi le ndawo bebehleli kuyo kungasemfuleni okanye emlanjeni, xa ndidlula kubo ithi intombi yakhe ndicela udlule apha tamnci. Ndifuna undenzele umsebenzi, athi bawukazi uyawazi onke la mayeza funeka ndiwasebenzise ekwenzeni lo msebenzi, andixelele imithi emihlanu nalapho ifumeka khona, ndithe okuthuka kwam ndabe ndiyilibele yonke le mithi ebendixelela ngayo.

Impendulo: Kuyacaca ukuba wena unesiphiwo, zama ke ukuyilandelela indaba yakho.

IPHUPHA: Ndiphupha ndisitya inyama etyebileyo kodwa le nyama ayinancasa, xa ndivuka isisu sam sibi.

Impendulo: Asinto ilungileyo ukuphupha usitya, ukuba kubi kwesisu kuchaza kanye lo nto, yiyo ke le nto kufuneka uzikhutyule ukususa lo nto imdaka. Zama ke ukufumana uncedo lwesintu.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za