Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndicela ukubuza xa uphupha uxabana nomama, nithukana efuna nokubetha sube kutheni.

IMPENDULO: Lungisani izinto zenu ingakumbi iimfihlelo ezikhoyo phakathi kwenu. Kukho nto ekufuneka ibhentsisiwe ngawe nongayaziyo wena kodwa ayaziyo yena umama.

IPHUPHA: Ndicel’ukubuza, xa uman’uphupha uchol’ iinkuni ehlathini, umzekelo uphuphe uchola iinkuni zomqokolo owomileyo, litheth’ukuthini, limane libuya nokuba kusemva kweminyaka.

IMPENDULO: Ngumsebenzi lowo wesintu noquka ukuwiswa kwento ezitho zine. Musa ukuhlala nje, hamba uyokuwusabela lo mba phambi kokuba konakale ukuhlala.

IPHUPHA: Camagu Tata! mna ndinento yomane ndiphupha utata ndihleli naye kodwa wasweleka, phofu sihleli siyancokola, ngelinye ixesha nomama ukhona kodwa naye akasekho.

IMPENDULO: Yenza okuzimfanelo zikatata wakho ngokwesiko lakowenu elenziwa kulowo uthe watshaba. Camagu.

IPHUPHA: Molo tata. Ndicela ukuchazelwa eli phupha. Ndiphupha ndilunywa zizinja kodwa zindiluma izandla kuphela.

IMPENDULO: Camagu. Kungokuba ingxaki ilapha kuwe, izandla zakho uzisebenzisa kuyo yonke enye into ngaphandle kowenza imisebenzi yesintu yakowenu. Uza kuqhawulwa ke iimpiko ngokuthi kunqongophaliswe oko unako ukwenza ngezandla zakho xa ungahoyi amasiko akho. Izinja ephupheni zizinyanya ezo.

IPHUPHA: Ukuphupha uchola imali engamaphepha kona kuthetha ukuthini?

IMPENDULO: Chulumanca kuba kukho nto entle ezayo.

IPHUPHA: Molweni kweli khaya, ndingumfana, ndiphupha umama kamama wam esithi kum andimazi lo mfaz wakho, mna ndithi ndamtyisa nje utsiki, ngani ungamazi, angaphenduli , ngoku ndicel’ukubuza ndingamazisa njani ngoba ndamtyisa utsiki, wahota, andazi ke konakele phi IMPENDULO: Camagu. Kaloku imizi ayifani ifana ngeentlanti kuphela, ukutyiswa komakoti utsiki akutsho ukuthi konke kugqityiwe, zikhona nezinye izinto eziye zenziwe kwamanye amakhaya. Okunye iba kuqinisekisa kanjalo ukuba umakoti uwenzelwe onke amasiko akowabo.

IPHUPHA: Iphupha lam, ndiphupha ndizolandwa ngootata ababini besithi ndiyabizwa ekhaya, xa sihamba endleleni ayiyi ngasekhaya le ndlela kodwa ndiyeke, xa sifika kule ndawo, athi lo tata ukhona umntu oza kundithatha, gqi umntu ongumama angandibizi ngegama lam, abize elinye igama, athi ndineenkani, sifuna ukunceda, andifake edakeni ndikhale mna, akhuphe kumanzi amhlophe, ndithi mna iindlebe zam, athi yena sifuna ukunceda, ndibone umyeni wam kodwa yena akandiboni, ndathi xa ndizama ukukhwaza wandiva lo mama, wathi bani,endibiza ngeli gama ndingalaziyo, wathi jikajika asikakugqibi, ndothuka.

IMPENDULO: Iphupha lakho lingqamene nezinto ekufuneka uzenzile ezifunwa ngabantu bakho abangasekhoyo kuquka nokwamkela ukuba wena ungumntu omhlophe, kwaye wahlukile kwabanye abantu ukufaka edakeni ngumzekeliso kanye walo nto.

IPHUPHA: Molweni, igama nguThandeka Ndzumo, kushoni ukuphupha umntwana wakho owayesweleke engozini yemoto ubengathi unika abanye bakowabo imali, besithi yena mna mama iphi eyam, ndiphendule ndathi ndizokupha nkwenkwe ahleke.

IMPENDULO: Umntu osweleke engozini yemoto ngokwesintu zikhona izinto eziye zenziwe ukulungisa umphefumlo walo mntu kunye nokususa ishwangusha elo lengozi, xa ke zingenziwanga ezi zinto ingozi iyokuquqa ibuyelela kwelo khaya.

IPHUPHA: Ngiyanibingelela , ngicela ukubuza kuchaza ukuthini ukuphupha engathi ngisemsebenzini ngenza istock take kodwa kumele ngihambe ngiyosibala kude bese ngiphelezelwa omunye sihambe naye endleleni, sithole uLift wemoto kanti isihlobo sami, asithathe ayosibeka lapho siya khona, uma sesifikile sibone amachips (niknaks) siwaxove ngesipedi okanye ngefosholo sikhe nenhlabathi kancane sihlanganise bese ngiyaphaphama sisawaxova.

IMPENDULO: Kuzoba nengxaki edibanisa wena emsebenzini wakho.

IPHUPHA: Camagu tata. Ndiyintombazana eneminyaka eyi-16. Ndinephupha elisoloko ndiliphupha, ndiphupha ingathi ndikrwamza amazinyo ndiyahlafuna aphelele emlonyeni.

IMPENDULO: Iphupha elinje livamise ukubakho kubantu abanobizo koko abangafuni ukwamnkela ukuba batyunjiwe.

IPHUPHA: Molo tata, bendicela ukuncedwa ngephupha elimane lindifikela, ndiphupha ndizithuma, ndogqiba ndisule, ndigungxule okwesibini, kudala lindifikela eli phupha.

IMPENDULO: Lungisa indaba yamasiko akowenu. Ukanti okunye ekufuneka ukuqwalasele kukuba ingaba amasiko lawo sele uwenzelwe enziwe endaweni eyiyo kusini na. Ingaba ungowesosiduko uzibiza ngaso na.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za