Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndiphuphe ndinxityiswe intsimbi ebomvu namhlophe. Ndiyinxityiswa ngumntu ozinxibileyo naye, uye wathetha nam, kodwa andiwukhumbuli umyalezo lowo.

IMPENDULO: Iintsimbi ezo zichaza ngohlobo oluthile lwesipho osinakwayo ebugqirheni. Ukuze ufumane iincukacha ezigcweleyo kuza kufuneka ukuba uyokusabela kubantu abangamagqirha asinxibo sifanayo neso usibone ephupheni.

IPHUPHA: Molweni, ndisacela inkcazelo yeli phupho lam, ndiphuphe izinja ezintlana azindilumi zihleli nje nam, ingaba lichaza ukhuthini eli phupho?

IMPENDULO: Ngabantu bakowenu abo abangasekhoyo, kuyacaca ukuba izinyanya zakho zinawe. Kuyakufuneka nawe ke ungazilibali umane uzikhumbula ngokwesiko lakowenu.

IPHUPHA: Tata ndiphupha ndihamba noMkhuluwa wam noMninawa wam abaswelekayo bobabini. Sithe xa sizowela iBridge enkulu eyohlula ilali yam nenye ilali, kuthi gqi amanzi amdaka amaninzi sibaleke siwele, sithe sisahamba sibone ivenkile yasekhaya siye kuyo, ikwenye ilali, xa uya kuloo lali uwela iindonga ezinkulu, sithe xa sizowela futhi kuvele la manzi amdaka maninzi sibaleke siwele, xa singasestopini sidibane notitshala wayendifundisa elinde imoto, sibulise singene evenkileni ngaphakathi, ndothuke. IMPENDULO:Camagu. Isintu sisifundisa ukuba izihlobo zethu ezingasekhoyo nezikwelemimoya zilulutho kuthi kwaye zidlala indima enkulu ekusikhuseleni. Yiyo lonto sikholelwa ekubeni basaphila ngokomoya. Sinendlela ke singamakhaya esiye sizenze ukubakhumbula abo bangasekhoyo ngokwesintu. Kuyacaca ukuba ke nina ekhaya nisayiphosile loo ndawo. Zama ke ukudibanisa oosokhaya nenzele abantakwenu abo okuzimfanelo zabo.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndidliwa zizinja zelali.

IMPENDULO: Usengxakini wena. Kukho nto oyenzileyo engamnkelekanga kwizihlwele zakho. Zibhence!

IPHUPHA: Ndicela undincede apha, mna ndingumntu oyoyikayo inyoka, ngoko ndisoloko ndiyiphupha phantse yonke imihla, kodwa azixhaphakanga kwindawo endihlala kuyo, ingaba lithetha ntoni elo phupha?

IMPENDULO: Kuyaxhomekeka ukuba uyiphupha inyoka leyo isenza ntoni okanye iyinyoka enjani. Ukhumbule ukuba asiyiyo yonke inyoka esephupheni engumoya omdaka, kubanye abantu inyoka ibasisihlwele kwaye ukundwendwela kwayo ephupheni sube kuchaza ukufika kwabantu bakowenu.

IPHUPHA: Bhota tata, ndinephupha endivuke nalo. Ndiphupha ndikwaFord ndiyokuthenga imoto, ndanikwa amaphepha okusayina, kodwa andinamali futhi ndinikwa iToyota Corolla, ndicela ukulazi.

IMPENDULO: Kukho nto ithile ezayo kuwe ngokwezigqibo zezinyanya zakho, kodwa akuzukuyifumana yonke ubuyicelile, kuba bafuna ukujonga ukuba uza kukwazi na ukumelana nayo lo nto okanye awuzikubanikela umva na usakuphumelela. Ndiyakucebisa ke ukuba ukulunga kwalo nto okanye ukufumana lo mnyinyiva kwakho, uqale ubulele izihlwele zakho ukuze umthombo wethamsanqa uhlale umpompoza njalo.

IPHUPHA: Ngokukhulu ukuzithoba ndiyabulisa, ndicela ukubuza ukuba xa uphupha abantwana bakho, omnye ezilengisile (eziqhinele) omnye engena emanzini (ukuminza) enkosi.

IMPENDULO: Ingxaki ikhona! Kuyacaca ukuba kukho isikhalazo ngakuwe, oku ke kusenokubangelwa zizinto eziliqela kuquka nokutshikelela izinto ekumele uyazenza ngokwesiko lakowenu. Lungisa ke kungekonakali.

IPHUPHA:Camagu, kukho elindihluphayo, ndiphuphe kusitsha iimpahla (iizambatho)ezam nezomyeni, kuvutha amadangatya akhange ndikwazi tu ukuzikhupha emlilweni.

IMPENDULO: Lungisani ukuhlala. Asiyomeko intle kwaphela leyo kuba ichaza imbandezelo okanye ingxubakaxaka ezayo.

IPHUPHA: Molweni Tata, ndicela ukubuza mawuphupe ungathi uyahamba, kodwa kukho amanzi amaninzi akubuyisela umva amdaka.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba wena ungumntu owahlukileyo kwabanye, unesiphiwo kwizinto eziliqela. Iingxaki nje kukuthi wena awulinaki elo cala lesiphiwo sakho ujonge ezinye izinto ezingazokusa ndawo. Ngoku izihlwele zakho zizama ukubuyisa kulo ngqondo ngokuthi zifune ukuba uphuhlise isiphiwo eso unaso. Vuma ke izinto zakowenu kungade konakale.

IPHUPHA:Kuchaza ukuthini ukuphupha uya esokeni lakho ufice intombazane endlini. Kodwa endlini kungcolile kunezibi bese mina ngiyazishanela lezi zibi. Izibi zichaza ukuthini?

IMPENDULO: Uwena unobizo lobugqirha kwaye isiphiwo eso sakho singenjogo yokulungisa izibi ezisekhayeni lakho.

IPHUPHA: Ndiphuphe amawele amahle angamakhwenkwe ndingqongwe ziiTriplets zamantombi. Ndicela unditolikele eli phupha.

IMPENDULO: Asiyonto intle leyo kuba ichaza ishwangusha nomoya omdaka okuwe.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za