Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Molweni tata. Ndicela uncedo malunga nephupha.Kwiintsuku ezidluleyo ndiphuphe ndivalelwe entolongweni.Kule ntolongo ndifike kukho udade wethu; lo uza emveni kwam. Yena uye wandazisa kumama osele emdala kwaphaya aye wathi ngudadobawo wethu. Enkosi tata Ndilapha eGeorge ngempangelo kodwa ndingowaseQonce, intombi yasemaNtlotshaneni.

IMPENDULO: Kukho indaba ezimnandi ezizayo kuwe. Iphupha eli ke malikuncumise.

IPHUPHA: Camagu Bawo. Ndifuna inkcazelo, ndisoloko ndiphupha ndisemfazweni. Andilojoni kodwa ndiphepha imbumbulu yenzeka amaxesha amaninzi le nto.

IMPENDULO: Ziintshaba ezo ezikongameleyo, zama ke ukulungisa ukuhlala.

IPHUPHA: Ndiphupha ndisilwa nobhuti wam ekusukeni apho ndiyathandaza ndingena emoyeni ndithethe ngezilwimi. Nditsho ooh never in the name of Jesus kuchazani.mphilisi wam.

IMPENDULO: Kukho umoya omdaka ekhayeni onokudala iithanda. Zamani ke ukuwunqanda kuse ngethuba.

IPHUPHA: Camagu. Ndicela undichazele tata ngephupha ebendili phuphile. Ndaphupha inkwenkwezi kuqala ngoku ndiba nemibono yayo.

IMPENDULO: Kukhona into entle ezayo kuwe. Kanti ke iphupha elinje ngamanye amaxesha likwathetha ingqesho okanye ukunyuselwa emsebenzini.

IPHUPHA: Ndiphupha ingathi ndinemali eninzi, iPhone sphinxa kodwa andide ndibenayo. Elinye ingathi ndibona abantu abaninzi abangamadoda amaninzi abanxibanga apha ngasetla, baphethe iinduku. Elinye ndiphupha kududuma kutsho imibane emininzi ndivela ekhaya Khulu lam.

IMPENDULO: Khawukhe ulungise amasiko akoweni, ingakumbi ekhaya khulu eli ubuvela kulo.

IPHUPHA: Bendicela ubuza, umntu ophuphe elahlekelwe zizitshixo ezininzi zilahle kile. Uphinde uphuphe isongololo. Athetha ntoni lo maphupha?

IMPENDULO: Kutsho ukuthi iizinto zakho ziza kuvaleka kuba kukho isikhalo kumanyange.

IPHUPHA: Ndicela ubuza, ndiphupha indim nodade wam nomyeni wam. Sihamba emanzini angamdakanga, sime ngenyawo kuwo sonwabile sincokola ngaphantsi kwamanzi.

IMPENDULO: Eli phupha lichaza imfukamo yasemlanjeni okanye ubizo lobugqirha.

IPHUPHA: Ndicelubuza xa uphupha ufakela intloko ithetha ukuthini lo nto?

IMPENDULO: Kukho iizinto ezingabalungileyo abanye abantu ingakumbi ezeziwa entloko ndiyasola nawe ungomnye wabo.

IPHUPHA: Sawubona kuchaza ukuthin ukuphupha umntu edutyulwa. Nokuphupha ubala imali emhlophe ewuhlweza.’

IMPENDULO: Elokuqala iphupha lichaza imeko engentlanga kulowo uvelayo ze elesibini lichaze ukufa.

IPHUPHA: Xa uphupha usiphiwa imali eyitwenti randi, lithetha ukuthni elo phupha?

IMPENDULO: Kukho into entle ezayo.

IPHUPHA: Bhota tata. Ndicela ukubuza kuchazani ukuphupha ugibeli S’timela?

IMPENDULO: Kukho indaba ezimnandi oza kuziva.

IPHUPHA: Ndiphuphe ubhuti wam oza emveni kwam, wasweleka ngo-2004 edutyulwe namhlanje. Ndimphupha ezongcwatywa ngathi uza kungcwatywa ehleli, ndingene apha engcwabeni ndimange ndimxelele ukuba ndiyamthanda ndohlala ndimthanda ndikhale kuzofika nabatshana nabo bekhala kuzovela omnye uSis ongumakoti walapha ekhayeni abize omnye ukuba makazombona nanku lo mfana embiza ngegama lakhe lo uza kungcwatywa bakhawuleze bajike. Mna ndishiyeke ndikhala ndisithi ngekhe angcwatywe ehleli tu, ngase ndimse komnye ugqirha ngoba kutiwa unesifo esingancedwayo ndibe ndikhala kodwa khange ade angcwatywe ndothuke ndibilile.

IMPENDULO: Camagu. Khanike nenzele ubhuti lowo umsebenzi wakho ngokwesiko lenu okanye isiduko senu kumntu othe walandulela eli.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za