Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Molweni, kunephupha endiliphuphileyo. Ingathi ndisendlini enkulu yicawe okanye kugcwele. Kunezinto ezenziwayo, xa sendiphumile ndigoduke, kuthiwe owelwe yinto emhlophe ngathi yikhephu uzotshata nenkosi. lwele kum, andisukele amanye amantombazana, ndivele ndiwanike itawuli enye ebendiyiphethe, ndiyifihle le emhlophe evela phezulu. Ndigoduke. Sendisendlini bafike abasebukhosini behamba ngamahashe amaninzi abanye ngeemoto. Kuthethwe ngeengxoxo zelobola. Ngathi ke ngoku ndihamba naba bantu.

IMPENDULO: Iphupha lakho libonisa impumelelo emandla ezayo kwelakho icala. Kuyacaca ukuba lifikile ixesha lokuphenduleka kwimibuzo onayo eliqela kwakunye nokukhululwa kwamaqhina akubophileyo. Omele ukukwenza ngoku kukulinda ukuze wamkele ezo ntsikelelo kodwa ungalibali ukubulela.

IPHUPHA: Andiphangeli ndiphelelwe ngumsebenzi ngomhla wesibhozo kuCanzibe kulo nyaka, kodwa ndiphupha ndisemsebenzini kule venkile ndigxothwe kuyo, nakwenye endakhe ndaphangela kuyo, kuthini oku Bawo?

IMPENDULO: Hlala ethembeni, kukho ingqesho ezayo.

IPHUPHA: Kuchazani ukuphupha ukhonjiswa ikhadi okungathi elase bank kuthiwa kunemali ewinwayo kulona. Kwakhona, kuchazani ukuphupha ibhayi lezangoma elinesithombe soheshe.

IMPENDULO: La maphupha akho omabini abonisa ukuba xa uthe wenza njengoko uyalelwa ngamanyange uza kuvuzwa kuba kuyacaca ukuba kunemiyalezo eliqela ekudala uyithunyelwa kodwa ungayinanzi.

IPHUPHA: Camagu ndinephupha, lizingile, ndiphupha, ndisempangelweni apho ndandiphangela khona eGoli, de ndiphuphe nomlungu endandisebenza naye.

IMPENDULO: Ukuba awuphangeli ngoku iphupha elinje limele ukuncumisa kuba lizisa ithemba. Ukanti ukuba uyaphangela lindela inguquko emandla emsebenzini wakho.

IPHUPHA: Molweni, umtshana wam oyintombazana uphuphe kathathu etshatela kumnakwabo, kwezana ootata babo, liyamkhathaza eli phupha.

IMPENDULO: Ingxaki ikhona apho. Kukhona okungahlanganiyo phakathi kwabo bobabini, oku kusenokubangelwa kukungabelani ngemvelaphi kwabo bobabini, ngoko ke mabakhe baphandisise ukuba ingaba lukhona na enyanisweni uzalano phakathi kwabo kusini na.

IPHUPHA: Mphilisi! Ndiphuphe ndimi phezu kwengcwaba elitsha, ligrunjwa, ingathi ndithi baxakwe lilitye elisezantsi.

IMPENDULO: Khawukhe uyowusabela lo mba kooSiyazi kuba unzulu kakhulu.

IPHUPHA: Camagu, ndiphuphe ingathi ndilele neqonya ebhedini, ngoku ndize netyuwa, ndothuke lithetha ukuthini? Xa uphupha iqonya lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba ikhona into ekulandelayo kodwa asinto imbi koko yeyakowenu. Zama ke ukulungisa amasiko asekhaya kanye la aqondene nawe.

IPHUPHA: Camagu tata, ndicela undixelele ukuba lithetha ukuthini eli phupha, ndiyatheza iinkuni ndingade ndizithwale.

IMPENDULO: Izinto zakho zibotshiwe, oku ke kusenokubangelwa zizinto eziliqela kuquka imimoya engendawo okanye ukungaxoli kwezihlwele zakho.

IPHUPHA: Camagu tata ndithonga ndikhwele eza moto zaphesheya, ezi zinde zimnyama kuthiwa ziiLimosin, yazondimisela phambi kwendlu, xa ndehlikayo ndabona itrailer yemoto le incinci kakhulu ime phambi kwendlu yoyame edongeni andiyazi ba ithetha ukuthini, camagu tata.

IMPENDULO: Izithuthi ezo zezodidi oluphezulu, ukukhwela kuyo ke kusenokuchaza impumelelo okanye amathamsanqa.

IPHUPHA: Ndiphupha iinyoka ezimbini encinci ibukele izisongile iphakamise intloko, enkulu ngendilwa nayo ndiyihlabe ngomkhonto iwe phantsi kuqhume uthuli ndiyibulale, xa ndihamba isukume futhi xa ndizokulwa nayo futhi limke iphupho. Ndiphinde ndiphuphe ingathi ndisemanzini omfula afresh ahambayo, kunamagqirha amaninzi kuyombelwa, ndifakwe iintsimbi ezimhlophe nezilight blue, kunoomakhulu ababini abandifikelayo emathongweni notatomkhulu omdala ojonge ezantsi, onxibe iintsimbi onempandla neenwele ezimhlophe. Ndiphila ngesnuff, andisitshayi ndirhungula ngaso okoba siphakamise umoya wam, ndithimle.

IMPENDULO: Iphupha lakho licacile, wena sabela nje ubizo olo lwakho. Funa ke umntu onamava kule miba ukuze akukhokele.

IPHUPHA: Molwen Tata, ndicela undihlalutyele eli phupha. Ndiphuphe ndingena kwindlu yangasese ezizindlu ziTemporal zisetyenziswa xa kukho into kuloo ndawo ze ziphinde zihanjiswe, ngathi ndingenile ndathi ndisachophile suke yaqubudeka nam yandingcolisa ngobo bumdaka, xa ndithi ukujonga ngathi ke ngoku ndisendlini ndijikelezwe zimpethu ezininzi ngathi ndisemsebenzini, ndothuka ndiphethwe lizothe kakhulu kunzima notya ukutya. Enkosi!

IMPENDULO: Lo nto ithi wena kufuneka uzikhutyule kuba kuyacaca ukuba zininzi izinto ezikuthe mbhee. Lo nto ke ungayenza ngeendlela ngeendlela kodwa okona kubalulekileyo kukuthethisana nabantu bekhaya ukuze bakuncedise. Camagu.

IPHUPHA: Ngale ntseni ngiyabulisa, ndinephupha elindizingileyo, ndiphupha ndileqwa yinkomo emdaka ngebala. Ingathi indileqe ndiyokutsho elwandle. Ndicela ukwazi lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Lungisa izinto zakowenu. Imisebenzi mininzi ingxangile ifuna ukwenziwa kwaye wena ungoyena mntu ubonwa njengonokwazi ukuqinisekisa ukuthi kuyenziwa okufanelekileyo.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za